Eyesibini YooKumkani 1:1-18

  • UEliya uprofeta ngokufa kuka-Ahaziya (1-18)

1  Emva kokufa kuka-Ahabhi, amaMowabhi+ awajikela amaSirayeli.  Ngelo xesha uAhaziya wawa kuthango lwegumbi lakhe eliseluphahleni eSamariya wenzakala. Ngoko wathumela abathunywa, wathi kubo: “Hambani niyokubuza kuBhahali-zebhubhi uthixo wase-Ekron+ ukuba ndiza kuphila na.”+  Kodwa ingelosi kaYehova yathi kuEliya*+ umTishbhi: “Hamba uyokudibana nabathunywa bakakumkani waseSamariya, uthi kubo, ‘Akukho Thixo na kwaSirayeli le nto nisiya kubuza kuBhahali-zebhubhi uthixo wase-Ekron?+  Uthi uYehova: “Awuzukuyishiya le bhedi ulele kuyo, kuba uza kufa ngokuqinisekileyo.”’” Emva koko uEliya wemka.  Xa abathunywa ­babuyela kuye, ngoko nangoko wathi kubo: “Nibuyele ntoni?”  Bathi kuye: “Kukho indoda eye yasihlangabeza, yathi kuthi, ‘Buyelani kukumkani onithumileyo, nize nithi kuye: “Uthi uYehova, ‘Akukho Thixo na kwaSirayeli le nto uthumela ukuba kuye kubuzwa kuBhahali-zebhubhi uthixo wase-Ekron? Ngoko ke, awuzukuyishiya le bhedi ulele kuyo, kuba uza kufa ngokuqinisekileyo.’”’”+  Yena wathi kubo: “Ibinjani le ndoda inihlangabezileyo yaza yathetha le nto kuni?”  Bathi: “Yindoda enesambatho soboya,+ ebhinqe ibhanti lesikhumba esinqeni sayo.”+ Ngoko nangoko wathi: “IbinguEliya umTishbhi.”  Ukumkani wathumela kuye umphathi wamadoda ayi-50 kunye namadoda akhe. Wafika ehleli phezulu entabeni. Wathi kuye: “Mntu kaThixo wokwenene,+ ukumkani uthi, ‘Yihla.’” 10  Kodwa uEliya wathi: “Ukuba ndingumntu kaThixo, makuhle umlilo emazulwini+ ukudle ukugqibe wena namadoda akho ayi-50.” Kwehla umlilo emazulwini wamdla wamgqiba namadoda akhe ayi-50. 11  Ukumkani wathumela omnye umphathi wamadoda ayi-50 namadoda akhe. Waya kuye wathi: “Mntu kaThixo wokwenene, ukumkani uthi, ‘Yihla ngokukhawuleza.’” 12  Kodwa uEliya wathi: “Ukuba ndingumntu kaThixo wokwenene, makuhle umlilo emazulwini ukudle ukugqibe wena namadoda akho ayi-50.” Kwehla umlilo kaThixo emazulwini wamdla wamgqiba yena namadoda akhe ayi-50. 13  Waphinda ukumkani wathumela umphathi ­wesithathu wamadoda ayi-50 namadoda akhe. Kodwa lo mphathi wafika waguqa phambi kukaEliya, wacela inceba kuye esithi: “Mntu kaThixo wokwenene, ndiyakucela, ubomi bam nobomi bezi zicaka zakho ziyi-50 mabuxabiseke emehlweni akho. 14  Sele kuhle umlilo emazulwini, wabadla abaphathi ababini bamadoda ayi-50 kunye namadoda abo, kodwa ngoku ndicela obam ubomi buxabiseke emehlweni akho.” 15  Ingelosi kaYehova yathi kuEliya: “Hamba naye. Ungamoyiki.” Ngoko waphakama waza wehla naye baya kukumkani. 16  UEliya wathi kukumkani: “Uthi uYehova, ‘Wena uthumele abathunywa ukuba baye kubuza kuBhahali-zebhubhi uthixo wase-Ekron.+ Akukho Thixo na kwaSirayeli?+ Kutheni ungabuzanga kuye? Ngoko awuzukuyishiya le bhedi ulele kuyo, kuba uza kufa ngokuqinisekileyo.’” 17  Ngoko wafa, njengokuba uYehova wayetshilo esebenzisa uEliya. Ekubeni wayengenanyana, uYehoram*+ waba ngukumkani endaweni yakhe, kunyaka wesibini kaYehoram+ unyana kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda. 18  Enye imbali yezinto awazenzayo uAhaziya,+ ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “UThixo Wam NguYehova.”
Oko kukuthi, umntakwaboAhaziya.