Eyesibini YooKumkani 10:1-36

  • UYehu ubulala indlu ka-Ahabhi (1-17)

    • UYehonadabhi uba kwicala likaYehu (15-17)

  • UYehu ubulala abakhonzi bakaBhahali (18-27)

  • Ukulawula kukaYehu (28-36)

10  UAhabhi+ wayenoonyana abayi-70 abaseSamariya. Ngoko uYehu wabhala iileta wazithumela eSamariya kwiinkosana zaseYizereli, kubadala+ nakwabo babehoye abantwana baka-Ahabhi,* esithi:  “Xa ifika le leta kuni, oonyana benkosi yenu baza kube bekunye nani, kunye neenqwelo zokulwa, amahashe, isixeko esikhuselekileyo nezixhobo zokulwa.  Khethani oyena ufanelekayo* koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni katata wakhe, nize nilwele indlu yenkosi yenu.”  Kodwa boyika kakhulu bathi: “Jonga! Ukuba ookumkani ababini bonke abakhange bakwazi ukuma phambi kwakhe,+ singema njani ke thina?”  Umphathi wendlu kakumkani,* umlawuli wesixeko, abadala kunye nabo babehoye abantwana bathumela umyalezo kuYehu, besithi: “Sizizicaka zakho, siza kwenza yonke into oyithethayo. Akukho mntu siza kumenza ukumkani. Yenza nantoni na oyibona ilungile.”  Wababhalela ileta yesibini, esithi: “Ukuba ningabam yaye nikulungele ukundithobela, yizani neentloko zoonyana benkosi yenu kum eYizereli ngeli xesha ngomso.” Oonyana bakakumkani abayi-70 babekunye namadoda abalulekileyo esixeko awayebakhulisa.  Emva nje kokuba le leta ifikile kubo, bathatha oonyana bakakumkani, amadoda ayi-70,+ babaxabela, bazifaka kwiibhaskithi iintloko zabo, bazithumela kuye eYizereli.  Wangena umthunywa wathi: “Bazizisile iintloko zoonyana bakakumkani.” Wathi: “Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini egeyithini yesixeko de kube kusasa.”  Ukuphuma kwakhe kusasa, wema phambi kwabantu, wathi: “Nimsulwa* nina. Ndiyenzele iyelenqe inkosi yam, ndayibulala,+ kodwa ngubani obulele bonke aba? 10  Nize nazi ke, ukuba akukho nalinye kumazwi kaYehova awathethileyo uYehova ngendlu ka-Ahabhi elingazukwenzeka,*+ ibe uYehova uyenzile into awayithetha kumkhonzi wakhe uEliya.”+ 11  Ngaphezu koko, uYehu wabaxabela bonke ababeshiyekile kwindlu ka-Ahabhi eYizereli, nawo onke amadoda akhe abalulekileyo, abantu awayebazi nababingeleli bakhe,+ akwabikho namnye usindayo kubantu bakhe.+ 12  Emva koko waya eSamariya. Endleleni kwakukho indlu yokucheba* yabalusi. 13  Apho uYehu wadibana nabantakwaboKumkani uAhaziya+ wakwaYuda, wathi kubo, “Ningoobani?” Bathi: “SingabantakwaboAhaziya, yaye sisendleleni eya kubuza ukuba bayaphila na oonyana bakakumkani noonyana bakakumkanikazi.”* 14  Ngoko nangoko wathi: “Babambeni bephila!” Bababamba ke bephila baza babaxabela equleni lendlu yokucheba, amadoda ayi-42. Waqinisekisa ukuba akusindi namnye kubo.+ 15  Endleleni esuka apho, wadibana noYehonadabhi+ unyana kaRekabhi+ esiza kumhlangabeza. Wambulisa* waza wathi kuye: “Ngaba intliziyo yakho ingakum ngokupheleleyo,* kanye njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho?” UYehonadabhi wathi: “Ewe.” “Ukuba injalo ke, sapha isandla sakho.” Ngoko wamnika isandla sakhe, waza uYehu wamtsala wakhwela enqwelweni. 16  Emva koko wathi: “Hamba nam uze ubone indlela endingamnyamezeli ngayo umntu olutshaba lukaYehova.”+ Bamhambisa naye enqwelweni yakhe yokulwa. 17  Wafika eSamariya, wabaxabela bonke abantu bendlu ka-Ahabhi ababeshiyekile de wabatshabalalisa,+ njengokuba uYehova watshoyo kuEliya.+ 18  UYehu wabaqokelela bonke abantu waza wathi kubo: “UAhabhi wamkhonza kancinci uBhahali,+ kodwa uYehu yena uza kumkhonza kakhulu. 19  Ngoko ndibizeleni bonke abaprofeti bakaBhahali,+ bonke abakhonzi bakhe nabo bonke ababingeleli bakhe.+ Makungasali namnye, kuba ndinombingelelo omkhulu kaBhahali. Nabani na ongekhoyo uza kufa.” UYehu wayepheka iqhinga lokubatshabalalisa abakhonzi bakaBhahali. 20  UYehu waphinda wathi: “Bizani indibano engcwele kaBhahali.” Ngoko bayibiza. 21  Emva koko uYehu wathumela umyalezo kuye wonke uSirayeli, beza bonke abakhonzi bakaBhahali. Akukho namnye kubo ongazange eze. Bangena endlini* kaBhahali,+ yagcwala qhu ukusuka kwelinye icala ukuya kwelinye. 22  Wathi kumntu owayejongene nendawo yokugcina iimpahla: “Baphathele izambatho bonke abakhonzi bakaBhahali.” Ngoko wabaphathela. 23  Emva koko uYehu noYehonadabhi+ unyana kaRekabhi bangena endlini kaBhahali. Wathi kubakhonzi bakaBhahali: “Khangelani kakuhle nijonge ukuba akukho bakhonzi bakaYehova apha. Mayibe ngabakhonzi bakaBhahali kuphela.” 24  Ekugqibeleni bangena ukuze benze imibingelelo neminikelo etshiswayo. UYehu wayemise amadoda akhe ayi-80 ngaphandle waza wathi: “Ukuba kukhe kwaqhwesha nabani na kwaba bantu ndibabeke ezandleni zenu, kuza kufa nina endaweni yakhe.” 25  Ukugqiba nje kwakhe ukwenza umnikelo otshiswayo, uYehu wathi koonogada* nakumaphakathi akhe: “Ngenani nibaxabele! Ningavumeli namnye ukuba aqhweshe!”+ Ngoko oonogada namaphakathi babaxabela ngekrele baza babaphosela ngaphandle, bada baya kungena kwigumbi elingaphakathi* lendlu kaBhahali. 26  Emva koko bazikhupha iintsika ezingcwele+ zendlu kaBhahali baza bazitshisa zonke.+ 27  Bayidiliza intsika engcwele+ kaBhahali, bayidiliza nendlu kaBhahali,+ bayijika yaba zizindlu zangasese, ibe isezizo nanamhlanje. 28  UYehu wamtshabalalisa ngaloo ndlela ke uBhahali kwaSirayeli. 29  Kodwa uYehu akazange ayeke ukwenza izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli, ngokwenza amathole egolide awayeseBheteli nakwaDan.+ 30  Ngenxa yaloo nto uYehova wathi kuYehu: “Kuba uye wenza okuhle emehlweni am, waza wenza yonke into ebifuna ukwenziwa yintliziyo yam kwindlu ka-Ahabhi,+ izizukulwana ezine zoonyana bakho ziza kuhlala etroneni yakwaSirayeli.”+ 31  Kodwa uYehu akazange azimisele ngentliziyo yakhe yonke+ ukuhamba ngoMthetho kaYehova uThixo kaSirayeli. Akazange ayeke ukwenza izono zikaYerobhoham awamonisa ngazo uSirayeli.+ 32  Ngaloo mihla uYehova wawatshabalalisa* kancinci kancinci amaSirayeli. UHazayeli waqhubeka ewahlasela kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli,+ 33  ukususela eYordan ukuya ngasempuma, lonke ilizwe laseGiliyadi lamaGadi namaRubhen namaManase,+ nokususela eArohere, engakwiNtlambo YeArnon, ukuya eGiliyadi naseBhashan.+ 34  Enye imbali kaYehu, zonke izinto awazenzayo nawo onke amandla akhe, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 35  UYehu walala kookhokho bakhe, baza bamngcwabela eSamariya; yaye unyana wakhe uYehowahazi+ walawula endaweni yakhe. 36  UYehu walawula iminyaka eyi-28 kwaSirayeli eSamariya.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “nakwabo babehoye uAhabhi.”
Okanye “ulungileyo.”
Ngokoqobo, “wendlu.”
Okanye “Ningamalungisa.”
Ngokoqobo, “eliza kuwela emhlabeni.”
Kubonakala ukuba le yindawo apho zazibotshelelwa khona iigusha eziza kuchetywa.
Okanye “benenekazi.”
Okanye “Wamsikelela.”
Ngokoqobo, “ilungile.”
Okanye “etempileni.”
Ngokoqobo, “kwiimbaleki.”
Ngokoqobo, “kwisixeko,” ekusenokwenzeka ukuba sisakhiwo esinjengenqaba.
Okanye “wawanciphisa.”