Eyesibini YooKumkani 13:1-25

  • UYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli (1-9)

  • UYehowashe, ukumkani wakwaSirayeli (10-13)

  • UElisha uvavanya ukuzinikela kukaYehowashe (14-19)

  • UElisha uyafa; amathambo akhe avusa umntu ofileyo (20, 21)

  • Kuzaliseka isiprofeto sokugqibela sikaElisha (22-25)

13  Ngonyaka we-23 kaYehowashe+ unyana ka-Ahaziya+ ukumkani wakwaYuda, uYehowahazi unyana kaYehu+ waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, walawula iminyaka eyi-17.  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, waqhubeka esenza isono sikaYerobhoham unyana kaNebhati,+ awamonisa ngaso uSirayeli. Akazange asiyeke.  Ngoko uSirayeli wamcaphukisa kakhulu uYehova,+ kangangokuba wamnikela kuKumkani uHazayeli+ waseSiriya nakuBhen-hadadi+ unyana kaHazayeli yonke imihla yakhe.  Ethubeni, uYehowahazi wamcenga uYehova,* waza uYehova wammamela, kuba wayeyibonile indlela ukumkani waseSiriya awayemcinezele ngayo uSirayeli.+  Ngoko uYehova wamnika umsindisi uSirayeli+ ukuze amkhulule esandleni seSiriya, amaSirayeli atsho akwazi ukuhlala emizini yawo njengakuqala.*  (Kodwa ke, awazange asishiye isono sendlu kaYerobhoham awamonisa ngaso uSirayeli.+ Aqhubeka esenza esi sono,* nepali engcwele*+ yahlala ikho eSamariya.)  UYehowahazi wasala nomkhosi wabakhweli-mahashe abayi-50, iinqwelo eziyi-10 namajoni ahamba ngeenyawo ayi-10 000, kuba ukumkani waseSiriya wayewatshabalalisile amanye,+ ewanyathela njengothuli lwaxa kubhulwa.+  Enye imbali kaYehowahazi, zonke izinto awazenzayo namandla akhe, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?  UYehowahazi walala kookhokho bakhe, baza bamngcwabela eSamariya;+ yaye uYehowashe unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe. 10  Ngonyaka we-37 kaKumkani uYehowashe wakwaYuda, uYehowashe+ unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, walawula iminyaka eyi-16. 11  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, akaziyeka izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli.+ Waqhubeka ezenza* ezi zono. 12  Enye imbali kaYehowashe, zonke izinto awazenzayo, amandla akhe nendlela awalwa ngayo noKumkani uAmatsiya wakwaYuda,+ ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 13  UYehowashe walala kookhokho bakhe, yaye uYerobhoham*+ wahlala etroneni yakhe. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya nookumkani bakwaSirayeli.+ 14  Xa uElisha+ wayegula sisifo esambulalayo ekugqibeleni, uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wehla weza kuye waza wamlilela, esithi: “Tata, tata! Nqwelo kaSirayeli nabakhweli-mahashe bakhe!”+ 15  UElisha wathi kuye: “Thatha isaphetha neentolo.” Ngoko wazithatha. 16  Emva koko wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Beka isandla sakho kwisaphetha.” Wasibeka, waza uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezandla zikakumkani. 17  Wathi: “Vula ifestile engasempuma.” Ngoko wayivula. UElisha wathi: “Dubula!” Ngoko wadubula. Emva koko wathi: “Utolo lukaYehova loloyiso,* utolo lokoyisa iSiriya!* Uza kuyixabela* uyigqibe iSiriya eAfeki.”+ 18  Emva koko wathi: “Thatha iintolo,” wazithatha. Emva koko wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Betha phantsi.” Ngoko wabetha phantsi kathathu, wayeka. 19  Wacaphuka umntu kaThixo wokwenene, wathi: “Ubufanele ubethe phantsi kahlanu okanye kathandathu! Ukuba ubuwenze loo nto, ubuza kuyixabela de uyitshayele iSiriya, kodwa ngoku uza kuyixabela kathathu kuphela.”+ 20  Emva koko uElisha wafa waza wangcwatywa. Kwakukho amajoni angabaphangi akwaMowabhi+ awayedla ngokuza kwelo lizwe ekuqaleni konyaka.* 21  Athi amanye amadoda esangcwaba ndoda ithile, abona la majoni angabaphangi, ngoko ayiphosa kwingcwaba likaElisha aza abaleka. Xa isidumbu saloo ndoda sachukumisa amathambo kaElisha, yavuka+ yema ngeenyawo. 22  UKumkani uHazayeli+ waseSiriya wamcinezela uSirayeli+ yonke imihla kaYehowahazi. 23  Noko ke, uYehova wamenzela inceba,+ wamvela ngenxa yesivumelwano sakhe noAbraham,+ uIsake+ noYakobi.+ Akazange afune ukumonakalisa, yaye akazange amsuse phambi kwakhe de kube namhlanje. 24  Emva kokufa kukaKumkani uHazayeli waseSiriya, unyana wakhe uBhen-hadadi waba ngukumkani endaweni yakhe. 25  UYehowashe unyana kaYehowahazi waphinda wazithatha kuBhen-hadadi unyana kaHazayeli izixeko awayezithathe kuYehowahazi utata wakhe emva kokulwa imfazwe naye. UYehowashe wamxabela,*+ waza wazibuyisa izixeko zakwaSirayeli.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wabenza bathamba ubuso bukaYehova.”
Oko kukuthi, ahlala ngoxolo ekhuselekile.
Ngokoqobo, “Wahamba kuso.”
Ngokoqobo, “Wahamba kuzo.”
Oko kukuthi, uYerobhoham II.
Okanye “losindiso.”
Okanye “lokusindisa kwiSiriya.”
Okanye “kuyoyisa.”
Ngokoqobo, “ekuthwaseni konyaka,” mhlawumbi ngentwasahlobo.
Okanye “wamoyisa.”