Eyesibini YooKumkani 14:1-29

  • UAmatsiya, ukumkani wakwaYuda (1-6)

  • UYuda ulwa imfazwe noEdom kunye noSirayeli (7-14)

  • UYehowashe wakwaSirayeli uyafa (15, 16)

  • UAmatsiya uyafa (17-22)

  • UYerobhoham II, ukumkani wakwaSirayeli (23-29)

14  Ngonyaka wesibini kaYehowashe+ unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli, uAmatsiya unyana kaKumkani uYehowashe wakwaYuda waba ngukumkani.  Waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-25, ibe walawula iminyaka eyi-29 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYehowadin waseYerusalem.+  Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo phambi kwamehlo kaYehova,+ kodwa akazange ade abe njengoDavide ukhokho wakhe. Wenza yonke into njengoYehowashe utata wakhe.+  Sekunjalo, iindawo eziphakamileyo azizange zichithwe,+ ibe abantu babesabingelela, beqhumisa nemibingelelo kuzo.+  Wathi akubuqinisa ubukumkani bakhe, waxabela izicaka zakhe ezaxabela utata wakhe ukumkani.+  Kodwa akazange ababulale oonyana bezo zigwinta, kuba wayethobela umyalelo owawubhalwe encwadini yoMthetho kaMoses osuka kuYehova usithi: “Ootata mabangabulawa ngenxa yoonyana babo, noonyana mabangabulawa ngenxa yootata babo; kodwa ngamnye makabulawelwe isono sakhe.”+  Waxabela amadoda amaEdom+ ayi-10 000 kwiNtlambo YeTyiwa,+ wathimba iSela emfazweni,+ yaza yabizwa ngokuba yiYoketeli, ibe iseyiyo nanamhlanje.  Emva koko uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehowashe unyana kaYehowahazi unyana kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza, silwe emfazweni.”*+  UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathumela umyalezo kuKumkani uAmatsiya wakwaYuda, esithi: “Ukhula olunameva oluseLebhanon luthumele umyalezo kumthi womsedare oseLebhanon, lusithi, ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kodwa irhamncwa lasendle laseLebhanon liye ladlula, lanyathela ukhula olunameva. 10  Ewe kona, umoyisile uEdom,+ ngoku intliziyo yakho igcwele likratshi. Luvuyele uzuko lwakho, kodwa uhlale endlini yakho. Kutheni uziqalela inkathazo eza kukuwisa wena kunye noYuda?” 11  Kodwa uAmatsiya akazange ammamele.+ Ngoko uKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wenyuka, wadibana noKumkani uAmatsiya wakwaYuda, balwa eBhete-shemeshe+ yakwaYuda.+ 12  AmaYuda oyiswa ngamaSirayeli aza abaleka, ngamnye waya endlini* yakhe. 13  UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathimba uKumkani uAmatsiya wakwaYuda, unyana kaYehowashe, unyana ka-Ahaziya eBhete-shemeshe. Emva koko beza eYerusalem, waza waqhekeza udonga oluseYerusalem kangangeekubhite eziyi-400* ukususela kwiGeyithi yakwaEfrayim+ ukuyokutsho kwiGeyithi Esekoneni.+ 14  Wathatha yonke igolide nesilivere nayo yonke into eyayifumaneka endlini kaYehova nakwindawo yokugcina ubutyebi bendlu kakumkani, wathimba nabantu, waza wabuyela eSamariya. 15  Enye imbali kaYehowashe, izinto awazenzayo, amandla akhe nendlela awalwa ngayo noKumkani uAmatsiya wakwaYuda, ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 16  Emva koko uYehowashe walala kookhokho bakhe waza wangcwatyelwa eSamariya+ nookumkani bakwaSirayeli; uYerobhoham*+ unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe. 17  UAmatsiya+ unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda waphila iminyaka eyi-15 emva kokufa kukaYehowashe+ unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.+ 18  Enye imbali ka-Amatsiya, ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 19  Ethubeni wabhungwa+ eYerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bathumela amadoda ukuba amleqe, aza ambulalela apho. 20  Amthwala ngamahashe, wangcwatyelwa eYerusalem nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide.+ 21  Ngoko bonke abantu bakwaYuda bathatha uAzariya,*+ owayeneminyaka eyi-16,+ bamenza ukumkani endaweni katata wakhe uAmatsiya.+ 22  Waphinda wakha iElati+ waza wayibuyisela kwaYuda emva kokuba ukumkani* elele kookhokho bakhe.+ 23  Ngonyaka we-15 ka-Amatsiya unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda, uYerobhoham+ unyana kaKumkani uYehowashe wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, ibe walawula iminyaka eyi-41. 24  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. Akazange aziyeke zonke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 25  Wabuyisela umda wakwaSirayeli ukususela eLebho-hamati*+ ukuya kutsho kuLwandle LwaseArabha,*+ ngokwelizwi elathethwa nguYehova uThixo kaSirayeli ngomkhonzi wakhe uYona+ unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.+ 26  Kaloku uYehova wayeyibonile intlungu kaSirayeli.+ Kwakungekho mntu ushiyekileyo wokunceda uSirayeli, kungekho kwanongenakuzinceda okanye ongenamandla. 27  Kodwa uYehova wayethembise ukuba akazukumcima igama uSirayeli phantsi kwamazulu.+ Ngoko wamsindisa ngesandla sikaYerobhoham unyana kaYehowashe.+ 28  Enye imbali kaYerobhoham, zonke izinto awazenzayo, amandla akhe, indlela awalwa ngayo nendlela awabuyisela ngayo iDamasko+ neHamati+ kuYuda kwaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 29  Emva koko uYerobhoham walala kookhokho bakhe nookumkani bakwaSirayeli; ibe unyana wakhe uZekariya+ waba ngukumkani endaweni yakhe.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “masihlangane.”
Ngokoqobo, “ententeni.”
Malunga ne-178 m. Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, uYerobhoham II.
Othetha ukuthi “UYehova Uncedile.” Kuthiwa ngu-Uziya kweyesi-2Ku 15:13; 2Kr 26:1-23; Isa 6:1; nakuZek 14:5.
Oko kukuthi, utata wakhe uAmatsiya.
Oko kukuthi, uLwandle LweTyiwa, okanye uLwandle Olufileyo.
Okanye “xa ungena eHamati.”