Eyesibini YooKumkani 17:1-41

  • UHosheya, ukumkani wakwaSirayeli (1-4)

  • Ukuwa kwamaSirayeli (5, 6)

  • USirayeli usiwa ekuthinjweni ngenxa yokuwexuka (7-23)

  • Kuhlaliswa abanye abantu kwizixeko zaseSamariya (24-26)

  • AmaSamariya akhonza oothixo abahlukahlukeneyo (27-41)

17  Ngonyaka we-12 kaKumkani uAhazi wakwaYuda, uHosheya+ unyana kaElaha waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya; walawula iminyaka esithoba.  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, kodwa akazange ade enze njengookumkani bakwaSirayeli ababephambi kwakhe.  UKumkani uShalmanesere waseAsiriya walwa naye,+ yaye uHosheya waba sisicaka sakhe, waza waqalisa ukumnika umrhumo.+  Kodwa uKumkani waseAsiriya weva ukuba noHosheya umenzele iyelenqe, kuba wayethumele abathunywa kuKumkani uSo waseYiputa,+ waza akawuzisa umrhumo kukumkani waseAsiriya njengokuba kwakusenziwa kwiminyaka yangaphambili. Ngoko ukumkani waseAsiriya wamvalela, wamgcina ebotshelelwe ejele.  Ukumkani waseAsiriya walihlasela lonke ilizwe, wafika naseSamariya waza wayirhangqa iminyaka emithathu.  Ngonyaka wesithoba kaHosheya, ukumkani waseAsiriya wathimba iSamariya.+ Emva koko wawathimbela+ eAsiriya amaSirayeli, waza wawahlalisa eHala naseHabhore ngakumlambo iGozan+ nakwizixeko zamaMedi.+  Ezi zinto zenzeka kuba amaSirayeli ayemonile uYehova uThixo wawo, owawakhupha ezweni laseYiputa, ekulawulweni nguFaro ukumkani waseYiputa.+ Ayekhonza* abanye oothixo,+  esenza izithethe zeentlanga ezazigxothiwe nguYehova phambi kwawo, elandela nezithethe ezazenziwe ngookumkani bakwaSirayeli.  AmaSirayeli ayeleqeka emva kwezinto ezazingalunganga emehlweni kaYehova uThixo wawo. Aqhubeka ezakhela iindawo eziphakamileyo kuzo zonke izixeko zawo,+ ukususela kwinqaba yoonogada ukuya kutsho kwisixeko esikhuselekileyo.* 10  Aqhubeka ezimisela iintsika ezingcwele neepali ezingcwele*+ kuzo zonke iinduli eziphakamileyo naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza;+ 11  ayeqhumisa umbingelelo kwiindawo eziphakamileyo njengeentlanga uYehova awayeziqhubele ekuthinjweni, ezisusa kuwo.+ Aqhubeka esenza izinto ezimbi ukuze amcaphukise uYehova. 12  Aqhubeka ekhonza izithixo ezenyanyekayo,*+ ezo uYehova wayethe ngazo: “Ze ningayenzi le nto!”+ 13  UYehova wayesoloko emlumkisa uSirayeli noYuda ngabo bonke abaprofeti bakhe nangazo zonke iimboni zakhe,+ esithi: “Buyani ezindleleni zenu ezimbi!+ Thobelani imiyalelo yam nemithetho yam, ngokuvisisana nawo wonke umthetho endawuyalela ookhokho benu nendanithumelela wona ngabakhonzi bam abaprofeti.” 14  Kodwa awazange amamele, aza aqhubeka eneenkani* njengookhokho bawo abangazange babe nokholo kuYehova uThixo wabo.+ 15  Aqhubeka eyinikela umva imithetho nezivumelwano zakhe+ awazenza nookhokho bawo, nezikhumbuzo awayewalumkise ngazo,+ aqhubeka elandela izithixo ezingancedi nganto,+ aza nawo afana nazo,+ elinganisa iintlanga ezazihlala kufutshane nawo, ezo uYehova wayewayalele ukuba angazilinga­nisi.+ 16  Aqhubeka eyishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wawo, azenzela imifanekiso yesinyithi yamathole enkomo amabini,+ enza nepali engcwele,*+ yaye aqubuda kuwo wonke umkhosi wamazulu+ aza akhonza uBhahali.+ 17  Ayebingelela* ngoonyana bawo neentombi zawo emlilweni,+ evumisa,+ equqa emagqirheni, yaye aqhubeka ezinikela* ekwenzeni izinto ezimbi emehlweni kaYehova, ukuze amcaphukise. 18  AmaSirayeli amcaphukisa kakhulu uYehova kangangokuba wawagxotha phambi kwamehlo akhe.+ Wawagxotha onke, washiya isizwe sakwaYuda kuphela. 19  Nkqu noYuda akazange ayithobele imiyalelo kaYehova uThixo wakhe;+ naye walandela izithethe ezazilandelwa nguSirayeli.+ 20  UYehova wayilahla yonke inzala kaSirayeli, wayihlaza waza wayinikela esandleni sabaphangi, de wayidudulela kude lee kuye. 21  Wamkhupha uSirayeli endlini kaDavide, waza uSirayeli wenza uYerobhoham unyana kaNebhati ukumkani.+ Kodwa uYerobhoham wamlahlekisa uSirayeli waza akamlandela uYehova, wamenzisa isono esikhulu. 22  AmaSirayeli aqhubeka esenza zonke izono awayezenziswa nguYerobhoham.+ Awazange aziyeke, 23  de uYehova wamgxotha uSirayeli phambi kwamehlo akhe, kanye njengokuba wayetshilo esebenzisa bonke abakhonzi bakhe abaprofeti.+ Ngoko uSirayeli wathinjwa kwilizwe lakhe wasiwa eAsiriya,+ ibe uselapho ke nanamhlanje. 24  Emva koko ukumkani waseAsiriya wazisa abantu abavela eBhabhiloni, eKuta, eAva, eHamati naseSefarvayim,+ waba­hlalisa kwizixeko zaseSamariya endaweni yamaSirayeli; bayithimba iSamariya baza bahlala kwizixeko zayo. 25  Ukufika kwabo apho, abazange bamoyike* uYehova. Ngoko uYehova wathumela iingonyama,+ zaza ­zabulala abanye babo. 26  Kwathiwa kukumkani waseAsiriya: “Iintlanga oye wazithimba waza wazihlalisa kwizixeko zaseSamariya azazi ukuba ukhonzwa njani uThixo welo lizwe. Ngoku uqhubeka ethumela iingonyama kuzo, ibe zibulala abantu, kuba akukho namnye owaziyo ukuba ukhonzwa njani uThixo welo lizwe.” 27  Ukumkani waseAsiriya wathi: “Buyiselani omnye wababingeleli enabathimbayo, ayokuhlala apho, afundise abantu ukuba ukhonzwa njani uThixo welo lizwe.” 28  Ngoko omnye wababingeleli baseSamariya owathinjwayo wabuya weza kuhlala eBheteli,+ wabafundisa indlela abamele bamkhonze* ngayo uYehova.+ 29  Kodwa uhlanga ngalunye lwazenzela uthixo walo,* lwaza lwambeka kwindlu yeendawo eziphakamileyo ezazenziwe ngamaSamariya; hlanga ngalunye lwenza loo nto kwizixeko zalo olwaluhlala kuzo. 30  Ngoko ke amadoda aseBhabhiloni enza uSukoti-bhenoti, amadoda aseKuti enza uNergali, aza amadoda aseHamati+ enza uAshima, 31  ama-Ava enza uNibhazi noTartake. AmaSefarvayim ayetshisa oonyana bawo emlilweni, ebatshisela uAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.+ 32  Nangona ezi ntlanga zazimoyika uYehova, zathatha abantu abaqhelekileyo zabenza ababingeleli beendawo eziphakamileyo, ibe yayingabo ababezenzela imisebenzi kwizindlu ekukhonzelwa kuzo kwiindawo eziphakamileyo.+ 33  Ngoko zazimoyika uYehova, kodwa zazikhonza oothixo bazo ngendlela ezazikhonza ngayo iintlanga ezazivela kuzo.+ 34  Nanamhlanje zisakhonza ngendlela ezazikhonza ngayo. Akukho namnye kuzo okhonza* uYehova, kungekho namnye othobela imithetho yakhe, izigwebo zakhe, uMthetho wakhe, nemiyalelo uYehova awayinika oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.+ 35  Xa uYehova wenza isivumelwano nabo,+ wabayalela esithi: “Nize ningaboyiki abanye oothixo, ningaqubudi kubo okanye nibakhonze okanye nibingelele kubo.+ 36  Kodwa nguYehova, owanikhuphayo kwilizwe laseYiputa ngamandla nangengalo eyoluliweyo,+ enifanele nimoyike,+ niqubude kuye, nize nibingelele kuye. 37  Imithetho, izigwebo, uMthetho nomyalelo awanibhalela wona,+ nifanele nihlale niwulandela njengokuba unjalo, ningaboyiki abanye oothixo. 38  Nize ningasilibali isivumelwano endasenza nani,+ ningaboyiki abanye oothixo. 39  Kodwa nguYehova uThixo wenu kuphela enimele nimoyike, kuba nguye oza kunisindisa kuzo zonke iintshaba zenu.” 40  Kodwa abazange bathobele, baqhubeka nendlela ababekhonza ngayo ngaphambili.+ 41  Ngoko ezi ntlanga zazimoyika uYehova,+ kodwa zazikhonza nemifanekiso yazo eqingqiweyo. Oonyana bazo nabazukulwana bazo basenza kanye njengookhokho babo de kube namhlanje.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Ayesoyika.”
Oko kukuthi, kuzo zonke iindawo, nokuba zazinabantu abambalwa okanye abaninzi.
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Ngokoqobo, “ezenza lukhuni iintamo zawo.”
Ngokoqobo, “Ayedlulisa.”
Ngokoqobo, “bezithengisa.”
Okanye “bamkhonze.”
Okanye “bamoyike.”
Okanye “oothixo balo.”
Ngokoqobo, “owoyika.”