Eyesibini YooKumkani 20:1-21
20 Ngaloo mihla uHezekiya wagulela ukufa.+ Umprofeti uIsaya unyana ka-Amotsi weza kuye waza wathi: “Uthi uYehova, ‘Yolela kwindlu yakho, kuba awuzukuphila, uza kufa.’”+
2 Esakuva loo nto, waguquka wajonga ngaseludongeni waza wathandaza kuYehova wathi:
3 “Owu yhini Yehova, ndiyakucenga, ndicela ukhumbule indlela endiye ndathembeka ngayo kuwe, ndikukhonza ngentliziyo yam yonke. Ndiye ndenza izinto ezilungileyo emehlweni akho.”+ Emva koko, uHezekiya watsho ngesikhalo esikrakra.
4 Wathi uIsaya engekafiki kwiyadi ephakathi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi:+
5 “Buyela kuHezekiya inkokheli yabantu bam uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova uThixo kaDavide ukhokho wakho: “Ndiwuvile umthandazo wakho. Ndizibonile iinyembezi zakho.+ Ngoko ndiza kukuphilisa.+ Ngosuku lwesithathu uza kunyuka uye endlini kaYehova.+
6 Ndiza kongeza iminyaka eyi-15 kubomi bakho,* ibe ndiza kukuhlangula esandleni sikakumkani waseAsiriya,+ futhi ndiza kusilwela esi sixeko ngenxa yegama lam nangenxa kaDavide umkhonzi wam.”’”+
7 Waza wathi uIsaya: “Yizani nesonka samafiya omisiweyo.”* Ngoko beza naso baza basiqaba kwithumba lakhe, emva koko waya ephila kancinci kancinci.+
8 Kaloku uHezekiya wayebuze uIsaya wathi: “Ndiza kubona ngantoni+ ukuba uYehova uza kundiphilisa, nokuba ndiza kunyuka ndiye endlini kaYehova?”
9 UIsaya wathi: “Nantsi into evela kuYehova eza kukuqinisekisa ukuba uYehova uza kuyenza into ayithethileyo: Ngaba ufuna isithunzi esisezitepsini* siye phambili izitepsi ezilishumi okanye sibuye umva izitepsi ezilishumi?”+
10 UHezekiya wathi: “Kulula ukuba isithunzi siye phambili izitepsi ezilishumi, kodwa kunzima ukuba sibuyele umva izitepsi ezilishumi.”
11 Ngoko uIsaya umprofeti wakhwaza kuYehova, waza uThixo walibuyisa umva ithunzi lelanga elehla kwizitepsi zika-Ahazi, labuya umva izitepsi ezilishumi elalisele lizehlile.+
12 Ngelo xesha ukumkani waseBhabhiloni uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, wathumela iileta nesipho kuHezekiya, kuba wayevile ukuba uHezekiya ebekhe wagula.+
13 UHezekiya wawamkela* la madoda waza wawabonisa yonke indlu yobutyebi,+ isilivere, igolide, ioli yebhalsam, enye ioyile exabisekileyo, izixhobo zakhe, nabo bonke ubutyebi bakhe. Akukho nto angazange awabonise yona endlini yakhe nakubo bonke ubukhosi bakhe.
14 Emva koko umprofeti uIsaya weza kuKumkani uHezekiya, wathi kuye: “Aye athini la madoda? Khona, ebevela phi?” Ngoko uHezekiya wathi: “Avela kwilizwe elikude, eBhabhiloni.”+
15 Emva koko wambuza: “Abone ntoni endlini yakho?” UHezekiya wathi: “Akukho nto angayibonanga endlini yam. Ndiwabonise bonke ubutyebi bam.”
16 Wathi uIsaya kuHezekiya: “Uthi uYehova,+
17 ‘Jonga ke! Kuza imihla apho yonke into esendlini yakho nayo yonke into eyaqokelelwa ngookhokho bakho ukuza kuthi ga ngoku, ithwalelwe eBhabhiloni.+ Akuzukusala kwanto,’ utsho uYehova.
18 ‘Ibe abanye boonyana bakho oza kubazala, baza kuthathwa+ baze babe ngamagosa kwindlu kakumkani waseBhabhiloni.’”+
19 UHezekiya wathi kuIsaya: “Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo.”+ Emva koko wathi: “Kulungile ke ukuba kuza kube kukho uxolo nenzolo* ngeyam imihla.”+
20 Enye imbali kaHezekiya, bonke ubukhulu bakhe nendlela awenza ngayo ichibi+ nomsele waza wazisa amanzi esixekweni,+ ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?
21 Emva koko uHezekiya walala kookhokho bakhe;+ waza uManase unyana wakhe+ waba ngukumkani endaweni yakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “kwiintsuku zakho.”
^ Okanye “samakhiwane omisiweyo.”
^ Kubonakala ukuba ixesha lalibalwa ngezi zitepsi.
^ Okanye “wawamamela.”
^ Okanye “nenyaniso.”