Eyesibini YooKumkani 23:1-37

  • UYosiya utshintsha izinto (1-20)

  • Kubhiyozelwa iPasika (21-23)

  • UYosiya uyaqhubeka etshintsha izinto (24-27)

  • UYosiya uyafa (28-30)

  • UYehowahazi, ukumkani wakwaYuda (31-33)

  • UYehoyakim, ukumkani wakwaYuda (34-37)

23  Ukumkani wathumela ukuba kubizwe bonke abadala bakwaYuda nabaseYerusalem.+  Emva koko, ukumkani wenyuka waya endlini kaYehova kunye nawo onke amadoda akwaYuda, bonke abantu baseYerusalem, ababingeleli nabaprofeti, bonke abantu, ukususela komncinci ukuya komkhulu. Wabafundela incwadi+ yesivumelwano+ eyayifunyenwe endlini kaYehova.+  Ukumkani wema ecaleni kwentsika waza wenza isivumelwano* phambi koYehova,+ sokuba uza kulandela uYehova aze athobele imiyalelo yakhe, izikhumbuzo zakhe nemithetho yakhe ngentliziyo yonke nangomphefumlo* wonke ngokuthobela onke amazwi esi sivumelwano awayebhalwe kule ncwadi. Bonke abantu basivuma esi sivumelwano.+  Ukumkani wayalela uHilekiya+ umbingeleli omkhulu, ababingeleli abakuluhlu lwesibini noonogada basemnyango ukuba bazikhuphe etempileni kaYehova zonke izinto ezazenzelwe uBhahali, ezazenzelwe ipali engcwele*+ nezazenzelwe wonke umkhosi wamazulu. Emva koko wazitshisela ngaphandle kweYerusalem kumathambeka aseKidron, waza uthuthu lwazo walusa eBheteli.+  Ngoko wabenza baphelelwa ngumsebenzi ababingeleli boothixo basemzini, abo babebekwe ngookumkani bakwaYuda ukuze baqhumise umbingelelo kwiindawo eziphakamileyo kwizixeko zakwaYuda nakwimimandla engqonge iYerusalem, nabo babeqhumisa umbingelelo kuBhahali, elangeni, enyangeni, kumaqela eenkwenkwezi nakuwo wonke umkhosi wamazulu.+  Wayikhupha ipali engcwele*+ endlini kaYehova wayisa ngaphandle kweYerusalem kwiNtlambo YeKidron, wayitshisela+ apho, wayisila yaluthuthu waza olo thuthu walusasaza kumangcwaba abantu abaqhelekileyo.+  Wadiliza nezindlu zamadoda athengisa ngomzimba etempileni,+ ezazisendlini kaYehova nalapho abafazi babezenzela khona iintente zepali engcwele.*  Wabakhupha bonke ababingeleli kwizixeko zakwaYuda, batsho abantu abakwazi ukukhonzela kwiindawo eziphakamileyo ababeqhumisela umbingelelo kuzo ababingeleli, ukusuka eGebha+ ukuya kutsho eBher-shebha.+ Wazidiliza neendawo eziphakamileyo ezazingasegeyithini kaYoshuwa intloko yesixeko, ezazingasekhohlo kumntu ongena egeyithini yesixeko.  Ababingeleli beendawo eziphakamileyo babengasebenzi esibingelelweni sikaYehova eYerusalem,+ kodwa babesitya isonka esingenagwele nabantakwabo. 10  NeTofete+ ekwiNtlambo Yoonyana BakaHinom*+ wayingcolisa ukuze abantu bangakwazi ukukhonzela kuyo, nokuze kungabikho mntu ubingelela* ngonyana okanye ngentombi yakhe emlilweni kuMoleki.+ 11  Namahashe ookumkani bakwaYuda ababewanikele elangeni,* akazange awavumele ukuba angene endlini kaYehova ngegumbi* likaNatan-meleki igosa leyadi, elaliseverandeni; yaye iinqwelo zelanga+ wazitshisa emlilweni. 12  Ukumkani wachitha nezibingelelo ezaziphezu kophahla+ lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi ezazenziwe ngookumkani bakwaYuda, kunye nezibingelelo ezazenziwe nguManase kwiiyadi ezimbini zendlu kaYehova.+ Waziguba waza uthuli lwazo walusasaza kwiNtlambo YeKidron. 13  Ukumkani wazenza azalufanelekela unqulo iindawo eziphakamileyo ezaziphambi kweYerusalem, ngakumzantsi* weNtaba Yokonakala,* ezo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wayezakhele uAshtoreti uthixokazi owenyanyekayo wamaSidon, uKemoshe uthixo owenyanyekayo wamaMowabhi noMil­kom+ uthixo owenyanyekayo wama-Amoni.+ 14  Wazaphula iintsika ezingcwele, wazigawula neepali ezingcwele*+ waza iindawo zazo wazigcwalisa ngamathambo abantu. 15  Wasichitha nesibingelelo esasiseBheteli, indawo ephakamileyo eyayenziwe nguYerobhoham unyana kaNebhati, eyenza ukuba uSirayeli one.+ Emva kokuba esichithile isibingelelo nendawo ephakamileyo, wayitshisa indawo ephakamileyo, wayisila yaluthuthu waza wayitshisa nepali engcwele.*+ 16  Wathi akujika uYosiya wabona amangcwaba asentabeni. Wayalela ukuba kuthathwe amathambo kuloo mangcwaba, waza wawatshisa esibingelelweni, wasenza asafaneleka, ngokwelizwi likaYehova elalithethwe yindoda yoThixo wokwenene eyayitsho kwangaphambili ukuba ziza kwenzeka ezi zinto.+ 17  Emva koko wathi: “Lelantoni elaa litye lengcwaba ndilibonayo?” Amadoda esixeko athi kuye: “Lingcwaba lendoda yoThixo wokwenene eyayivela kwaYuda+ neyazithetha kwangaphambili ezi zinto uzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.” 18  Ngoko wathi: “Yiyekeni iphumle. Makungabikho mntu uphazamisa amathambo ayo.” Loo madoda awayeka amathambo ayo kunye namathambo omprofeti owayevela eSamariya.+ 19  UYosiya wasusa nazo zonke izindlu ekukhonzelwa kuzo ezazikwiindawo eziphakamileyo kwizixeko zaseSamariya,+ ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli ukuze bacaphukise uThixo, wazenza le nto wayeyenze eBheteli.+ 20  Ngoko wabingelela ngabo bonke ababingeleli beendawo eziphakamileyo ababelapho, waza watshisa amathambo abantu phezu kwazo.+ Emva koko wabuyela eYerusalem. 21  Ukumkani wayalela wonke umntu, esithi: “Yenzelani uYehova uThixo wenu iPasika+ njengokuba kubhaliwe kule ncwadi yesivumelwano.”+ 22  Kwakungazange kubekho Pasika injengale ukususela kwimihla yabagwebi ababegweba kwaSirayeli, nakuyo yonke imihla yookumkani bakwaSirayeli nookumkani bakwaYuda.+ 23  Kodwa ngonyaka we-18 kaKumkani uYosiya, le Pasika yenzelwa uYehova eYerusalem. 24  UYosiya wakhupha namagqirha, abaxeli-thamsanqa,+ izithixo zekhaya,+ izithixo ezenyanyekayo* nazo zonke izinto ezenyanyekayo ezazikho kwilizwe lakwaYuda naseYerusalem, ukuze athobele amazwi oMthetho+ awayebhalwe kwincwadi eyayifunyenwe nguHilekiya umbingeleli endlini kaYehova.+ 25  Kwakungekho kumkani unjengaye phambi kwakhe, owabuyela kuYehova ngentliziyo yakhe yonke nangomphefumlo*+ wakhe wonke nangamandla akhe onke, ngokuvisisana nawo wonke uMthetho kaMoses; nasemva kwakhe akuzange kuvele mntu unjengaye. 26  Kodwa ke, uYehova akazange ayeke ukuvutha ngumsindo ngenxa kaYuda ngazo zonke izinto ezicaphukisayo ezenziwa nguManase.+ 27  UYehova wathi: “NoYuda ndiza kumsusa phambi kwam,+ kanye njengokuba ndamsusayo uSirayeli;+ yaye ndiza kusilahla esi sixeko ndisikhethileyo, iYerusalem, nendlu endathi ngayo, ‘Igama lam liza kuqhubeka lilapho.’”+ 28  Enye imbali kaYosiya, zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yemihla yookumkani bakwaYuda? 29  Ngemihla yakhe uFaro Neko ukumkani waseYiputa weza kukumkani waseAsiriya ngakuMlambo UmEfrate, yaye uKumkani uYosiya waya kumhlangabeza; kodwa xa uNeko wambonayo, wambulalela eMegido.+ 30  Ngoko izicaka zakhe zasithatha isidumbu sakhe ngenqwelo eMegido zasisa eYerusalem, zamngcwaba engcwabeni lakhe. Emva koko, abantu belo lizwe bathatha uYehowahazi unyana kaYosiya baza bamthambisa bamenza ukumkani endaweni katata wakhe.+ 31  UYehowahazi+ wayeneminyaka eyi-23 xa waba ngukumkani, yaye walawula iinyanga ezintathu eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguHamutali+ intombi kaYeremiya waseLibhena. 32  Wenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, zonke izinto ezazenziwe ngookhokho bakhe.+ 33  UFaro Neko+ wamfaka ejele eRibhela+ kwilizwe laseHamati, ukuze angalawuli eYerusalem, waza ilizwe walibhatalisa iitalente* zesilivere eziyi-100 netalente yegolide.+ 34  Ngaphezu koko, uFaro Neko wamenza ukumkani uEliyakim unyana kaYosiya endaweni kaYosiya utata wakhe, waza walitshintsha igama lakhe languYehoyakim; yena uYehowahazi wamthatha wamzisa eYiputa,+ apho wafela khona ekugqibeleni.+ 35  UYehoyakim wamnika uFaro isilivere negolide, kodwa kwafuneka alirhafise ilizwe ukuze akwazi ukunika uFaro le silivere wayeyifuna. Wayethatha isilivere negolide esisixa esibekiweyo kumntu ngamnye kwelo lizwe, ayinike uFaro Neko. 36  UYehoyakim+ wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem.+ Igama likamama wakhe yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma. 37  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ zonke izinto ezazenziwe ngookhokho bakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wahlaziya isivumelwano.”
Funda Ingcaciso Yamagama, “Gehena.”
Ngokoqobo, “udlulisa.”
Ngokoqobo, “ababewanike ilanga.”
Okanye “ngegumbi lokutyela.”
Ngokoqobo, “ngasekunene.” Oko kukuthi, kumzantsi, xa umntu ejonge empuma.
Oko kukuthi, iNtaba Yeminquma, ngokukhethekileyo elona cala lisemzantsi, elikwabizwa ngokuba yiNtaba Yesikhubekiso.
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.