Eyesibini YooKumkani 4:1-44

  • UElisha uyenza ibe ninzi ioli yomhlolokazi (1-7)

  • Umfazi womShunem wamkela iindwendwe ngobubele (8-16)

  • Umfazi womShunem ufumana unyana; unyana uyafa (17-31)

  • UElisha uvusa unyana ofileyo (32-37)

  • UElisha wenza isityu sityeke (38-41)

  • UElisha wenza isonka sibe sininzi (42-44)

4  Omnye wabafazi boonyana babaprofeti wakhalela+ uElisha esithi: “Isicaka sakho, umyeni wam uswelekile, ibe uyazi nawe ukuba isicaka sakho besimoyika uYehova.+ Ngoku umntu ebesinetyala kuye ufuna ukubathatha bobabini abantwana bam babe ngamakhoboka akhe.”  UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda ngantoni? Khawutsho, unantoni endlini?” Yena wathi: “Isicakakazi sakho asinanto endlini ngaphandle kwengqayi* yeoli.”+  Wathi ke uElisha kuye: “Hamba, uyokuboleka izitya kubo bonke abamelwane bakho, izitya ezingenanto. Yiza nazo zibe zini­nzi.  Emva koko uze uzivalele endlini noonyana bakho. Zigcwalise zonke ezi zitya, ezigcweleyo uzibeke ecaleni.”  Ngoko lo mfazi wamshiya. Akuba ezivalele noonyana bakhe, babezisondeza kuye izitya, yena eqhubeka egalela.+  Zithe zakugcwala, wathi kunyana wakhe: “Ndinike esinye isitya.”+ Kodwa yena wathi: “Ziphelile.” Akutsho yaphela ioli.+  Wangena waza wamxelela umntu kaThixo wokwenene, yena wathi: “Hamba, uye kuyithengisa le oli uze ubhatale amatyala akho, yaye wena noonyana bakho ningaphila ngaleyo ishiyekileyo.”  Ngenye imini uElisha waya eShunem,+ apho kwakukho umfazi owaziwayo, yaye lo mfazi wamcenga ukuba afumane into etyiwayo. Ngoko qho xa edlula apho, wayesiya ekhayeni lakhe ukuze afumane into etyiwayo.+  Wathi kumyeni wakhe: “Ndiyazi ukuba yindoda engcwele yakwaThixo le imana idlula apha. 10  Ndicela senze igumbi elincinci eluphahleni,+ sifake ibhedi, itafile, isitulo nento yokubeka isibane, ukuze ihlale kulo xa ifikile.”+ 11  Ngenye imini wafika, wangena kwelo gumbi liseluphahleni, walala. 12  Emva koko wathi kuGehazi+ isicaka sakhe: “Khawubize lo mfazi womShunem.”+ Wambiza, wafika wema phambi kwakhe. 13  Wathi kuGehazi: “Ndicela uthi kuye, ‘Ekubeni uye wazisokolisa kangaka ngenxa yethu,+ ayikho na into esinokukwenzela yona?+ Ndikuthethelele na kukumkani+ okanye kwintloko yomkhosi?’” Yena wathi: “Ndihlala nabantu bakuthi.” 14  Ngoko uElisha wathi: “Yintoni ke esinokumenzela yona?” UGehazi wathi: “Akananyana,+ ibe nendoda yakhe ilixhego.” 15  Ngoko nangoko wathi: “Mbize.” Wambiza, yaye wema emnyango. 16  UElisha wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo, uza kube usingathe unyana.”+ Yena wathi: “Hayi nkosi yam, mntu kaThixo wokwenene! Sukusiqhatha isicakakazi sakho.” 17  Kodwa ke, lo mfazi wakhulelwa waza wazala unyana ngelo xesha kunyaka olandelayo, kanye njengokuba uElisha wayetshilo kuye. 18  Umntwana wakhula, waza ngenye imini waphuma waya kutata wakhe, owayekunye nabavuni. 19  Wathi kutata wakhe: “Intloko yam, intloko yam ibuhlungu!” Utata wakhe wathi kwisicaka sakhe: “Mfunqule umse kumama wakhe.” 20  Samfunqula ke saya naye kumama wakhe, wamsingatha kwada kwasemini, wafa.+ 21  Emva koko wenyuka waya kumbeka kumandlalo womntu kaThixo wokwenene,+ waza waphuma wavala ucango. 22  Wabiza umyeni wakhe wathi: “Khawuncede uthumele esinye isicaka sakho size nedonki, ukuze ndikhawuleze ndiye kula mntu kaThixo wokwenene, ndiphinde ndibuye.” 23  Yena wathi: “Kutheni usiya kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi,+ ingeyiyo nesabatha.” Kodwa lo mfazi wathi: “Ungakhathazeki, yonke into ilungile.” 24  Wafaka isali edonkini waza wathi kwisicaka sakhe: “Khawuleza uhambe. Ungandilindi, ngaphandle kokuba nditsho.” 25  Wahamba ke waya kumntu kaThixo wokwenene kwiNtaba YeKarmele. Yena wambona esekude, wathi kuGehazi isicaka sakhe: “Jonga! Nankuya umfazi womShunem. 26  Khawubaleke uye kumhlangabeza, umbuze uthi, ‘Uphilile na? Uphilile umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’” Yena wathi: “Ewe sisaphila.” 27  Uthe akufika kumntu kaThixo wokwenene entabeni, ngoko nangoko wambamba ezinyaweni.+ UGehazi wasondela efuna ukumsusa, kodwa umntu kaThixo wokwenene wathi: “Myeke, kuba usentlungwini, yaye uYehova undifihlele, akandixelelanga.” 28  Lo mfazi wathi: “Ndandicele unyana na kuwe nkosi yam? Zange na ndithi kuwe, ‘Ungandithembisi into engazukwenzeka’?”+ 29  Ngoko nangoko wathi kuGehazi: “Bhinqa impahla yakho esinqeni,+ uthathe induku yam, uhambe. Ungabulisi nabani na odibana naye; nomntu okubulisayo ungamphenduli. Uze ubeke le nduku ebusweni benkwenkwe.” 30  Umama wayo wathi: “Njengoko ephila uYehova nawe uphila, andizukuhamba ngaphandle kwakho.”+ Ngoko waphakama wahamba naye. 31  UGehazi wabashiya waza wabeka induku ebusweni bale nkwenkwe, kodwa kwathi cwaka akwabikho lizwi.+ Ngoko wabuyela emva waya kuhlangabeza uElisha, wathi kuye: “Ayivuki laa nkwenkwe.” 32  UElisha wafika endlini le nkwenkwe isebhedini yakhe, ifile.+ 33  Wangena wavala ucango, basala bobabini, wathandaza kuYehova.+ 34  Wakhwela ebhedini, wagoba phezu kwalo mntwana waza wabeka umlomo wakhe emlonyeni wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe nezandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wahlala egobile phezu kwakhe, waza umzimba womntwana waqalisa ukufudumala.+ 35  UElisha wangqunga endlini, waphinda wakhwela ebhedini wagoba phezu kwakhe. Lo mntwana wathimla kasixhenxe, waza wavula amehlo.+ 36  UElisha wabiza uGehazi wathi: “Khawubize la mfazi womShunem.” Wambiza, weza. Wathi: “Thatha unyana wakho.”+ 37  Wangena wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda phambi kwakhe; emva koko wamthatha unyana wakhe waphuma. 38  Xa uElisha wabuyela eGiligali, kwakukho indlala kwelo lizwe.+ Oonyana babaprofeti+ babehleli phambi kwakhe, wathi kwisicaka sakhe:+ “Beka imbiza enkulu, uphekele oonyana babaprofeti isityu.” 39  Omnye wabo waphuma wayokukha imifuno emasimini, wafumana amathanga amancinci asendle, waza wawafaka agcwala kwisambatho sakhe. Wabuya wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, engazi ukuba yintoni leyo. 40  Ethubeni saphakwa isityu saza sanikwa loo madoda ukuba atye, kodwa athi esaqala ukutya, akhala athi: “Ukufa kusembizeni, mntu kaThixo wokwenene.” Awazange akwazi ukusitya. 41  Ngoko wathi: “Ndiphatheleni umgubo.” Wawugalela embizeni, wathi: “Phakelani abantu.” Yaye kwaphela ukufa embizeni.+ 42  Kwafika indoda ivela eBhahali-shalisha,+ izisele umntu kaThixo wokwenene izonka zerhasi eziyi-20+ ezenziwe ngesivuno sokuqala, kunye nengxowa enokutya okuziinkozo.+ UElisha wathi: “Nika abantu batye.” 43  Kodwa isicaka sakhe sathi: “Ndingakubeka njani ukutya okuncinci kangaka phambi kwabantu abayi-100?”+ Wathi kuso: “Nika abantu batye, kuba uthi uYehova, ‘Baza kutya bade bakushiye.’”+ 44  Ngoko sakubeka phambi kwabo, batya bada bakushiya,+ njengokuba uYehova wayetshilo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwengqayi enomlomo omde.”