Eyesibini YooKumkani 6:1-33
6 Oonyana babaprofeti+ bathi kuElisha: “Jonga! Le ndawo sihlala nawe kuyo ixinene.
2 Sicela ukuya eYordan. Xa sifika apho, sonke siza kuthatha iipali, sizakhele indawo yokuhlala.” Wathi: “Hambani.”
3 Omnye wabo wathi: “Awunakuhamba na nezicaka zakho?” Yena wathi: “Ewe ndiza kuhamba nani.”
4 Ngoko wahamba nabo, bafika eYordan bagawula imithi.
5 Wathi omnye esagawula umthi, intloko yezembe lakhe yawela emanzini, wakhala esithi: “Awu, nkosi yam, belibolekiwe!”
6 Umntu kaThixo wokwenene wathi: “Iwele phi?” Wambonisa, waza yena waphula ukhuni, waluphosa apho, wenza ukuba intloko yezembe idade.
7 Wathi: “Yikhuphe.” Ngoko wolula isandla sakhe wayithatha.
8 Ukumkani waseSiriya waya kulwa noSirayeli.+ Wathi kwizicaka zakhe: “Mna nani siza kumisa inkampu kwindawo ethile.”
9 Ngoko umntu kaThixo wokwenene+ wathumela ilizwi kukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Lumka ungadluli ngakule ndawo, kuba kulapho eza khona amaSiriya.”
10 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wathumela isilumkiso kubantu ababekwindawo umntu kaThixo wokwenene awayelumkise ngayo. Lo mntu kaThixo wokwenene waqhubeka emlumkisa ukumkani, waza ukumkani wayiphepha loo ndawo kaliqela.*+
11 Le nto yamcaphukisa ukumkani* waseSiriya, ngoko wabiza izicaka zakhe, wathi kuzo: “Khanitsho! Ngubani apha kuthi ongakwicala likakumkani wakwaSirayeli?”
12 Esinye isicaka sakhe sathi: “Akakho nkosi yam kumkani! NguElisha umprofeti wakwaSirayeli oxelela ukumkani wakwaSirayeli izinto ozithethayo kwigumbi lakho lokulala.”+
13 Wathi: “Hambani niyokumkhangela apho akhoyo, ukuze ndithumele amadoda ayokumbamba.” Ekuhambeni kwexesha kwathiwa kuye: “UseDotan.”+
14 Ngoko nangoko wathumela apho amahashe neenqwelo zokulwa nomkhosi omkhulu wamajoni; bafika ngobusuku basirhangqa isixeko.
15 Sathi xa sivuka ekuseni isicaka* somntu kaThixo wokwenene, saphuma phandle, sabona umkhosi wamahashe neenqwelo zokulwa zirhangqe isixeko. Ngoko nangoko sathi kuye: “Awu, nkosi yam! Siza kuthini?”
16 Kodwa uElisha wathi: “Ungoyiki!+ Kuba baninzi abangakuthi kunabo bangakubo.”+
17 Emva koko wathandaza esithi: “Owu Yehova, ndicela uvule amehlo akhe, ukuze abone.”+ Ngoko nangoko uYehova wawavula amehlo esicaka sakhe saza sabona, yaye jonga! iintaba zazizaliswe ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo+ zijikeleze uElisha.+
18 Xa amaSiriya ehlayo esiza kuElisha, wathandaza kuYehova wathi: “Ndicela ulubethe ngobumfama olu hlanga.” Ngoko wawabetha ngobumfama,+ kanye njengoko uElisha wayecelile.
19 UElisha wathi kuwo: “Le ndlela nesi sixeko ayizizo ezi nizikhangelayo. Ndilandeleni, ndinise kule ndoda niyifunayo.” Kodwa wawasa eSamariya.+
20 Bathe bakufika eSamariya, uElisha wathi: “Owu Yehova, wavule amehlo awo ukuze abone.” UYehova wawavula amehlo awo, atsho abona ukuba aphakathi eSamariya.
21 Akuwabona ukumkani wakwaSirayeli, wathi kuElisha: “Ndiwaxabele, ndiwaxabele na tata?”
22 Wathi: “Sukuwaxabela. Uyabaxabela na abantu obathimbileyo ngekrele lakho nangesaphetha sakho? Wanike isonka namanzi ukuze atye, asele+ aze abuyele enkosini yawo.”
23 Ngoko wawenzela itheko elikhulu, atya, asela, emva koko wawayeka abuyela enkosini yawo. Loo majoni amaSiriya+ awazange aphinde aye kwilizwe lakwaSirayeli.
24 Emva koko uBhen-hadadi ukumkani waseSiriya waqokelela wonke umkhosi wakhe* waza wenyuka waya kurhangqa iSamariya.+
25 Kwabakho indlala enkulu+ eSamariya, yaye bayirhangqa de intloko yedonki+ yaxabisa amaqhosha ayi-80 esilivere, ibe ikota yekabhe* yetela yehobe yayibiza amaqhosha ayi-5 esilivere.
26 Wathi ukumkani wakwaSirayeli egqitha ehamba phezu kodonga, kwabakho umfazi okhalayo esithi: “Sisindise, owu nkosi yam kumkani!”
27 Yena wathi: “Ukuba uYehova akakusindisi, ndiza kuyifumana phi ke mna indlela yokukusindisa? Kwibala lokubhula? Kwisixovulelo sewayini okanye seoli?”
28 Ukumkani wambuza wathi: “Yintoni ingxaki yakho?” Wathi: “Lo mfazi uthe kum, ‘Yiza nonyana wakho ukuze sitye yena namhlanje, ngomso siza kutya owam unyana.’+
29 Ngoko siye sampheka unyana wam saza samtya.+ Ngemini elandelayo ndiye ndathi kuye, ‘Yiza nonyana wakho ukuze simtye.’ Kodwa uye wamfihla unyana wakhe.”
30 Wathi akumva ukumkani lo mfazi, ngoko nangoko wazikrazula iimpahla zakhe.+ Njengoko wayegqitha ehamba phezu kodonga, abantu babona ukuba wayenxibe amalaphu okwenza ingxowa ngaphantsi kweempahla zakhe.
31 Wathi: “Kwanga uThixo angandohlwaya ade ongeze, ukuba ayinqunyulwanga intloko kaElisha unyana kaShafati namhlanje!”+
32 UElisha wayehleli nabadala endlini yakhe. Ukumkani wathumela indoda kuye, kodwa yathi ingekafiki, uElisha wathi kubadala: “Nimbonile na lo nyana wombulali+ ukuba uthumele ukuba ndinqunyulwe intloko? Ze nigade xa loo ndoda ifika, nize nivale ucango, nilubambe ukuze ingakwazi ukungena. Ayizozingqi zenkosi yayo na ezo zisemva kwayo?”
33 Esathetha nabo, yagaleleka loo ndoda, waza ukumkani wathi: “Le ntlekele ivela kuYehova. Ndingaba salulindela ntoni ke uncedo lukaYehova?”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ngaphezu kwesihlandlo esinye okanye ezibini.”
^ Ngokoqobo, “yayicaphukisa intliziyo kakumkani.”
^ Okanye “umlungiseleli.”
^ Ngokoqobo, “yonke inkampu yakhe.”
^ Ikabhe yayilingana ne-1,22 L. Funda Isihlomelo B14.