Eyesibini YooKumkani 7:1-20
7 UElisha wathi, “Mamelani ilizwi likaYehova. Uthi uYehova: ‘Ngomso malunga neli xesha, iseha* yomgubo ocoliweyo iza kube ixabisa ishekele,* neeseha ezimbini zerhasi zixabisa ishekele egeyithini yaseSamariya.’”*+
2 Lathi lakuva loo mazwi, iphakathi elalithenjiwe ngukumkani lathi kumntu kaThixo wokwenene: “Nokuba uYehova angavula igeyithi yezikhukula emazulwini, andiqondi ukuba ingenzeka loo nto.”+ Yena ke wathi kulo: “Uza kuyibona ngawakho amehlo isenzeka,+ kodwa wena akukho kwanto oza kuyifumana.”+
3 Kwakukho amadoda amane aneqhenqa egeyithini yesixeko,+ yaye ayebuzana esithi: “Kutheni sihleli apha silinde ukufa?
4 Ukuba sithi, ‘Masingene esixekweni,’ ngoxa kukho indlala esixekweni,+ siza kufela apho. Ukuba sihlala apha, sihleli siza kufa kakade. Masiyokungena kwinkampu yamaSiriya. Ukuba ayasiyeka siphile, siza kuphila; kodwa ukuba ayasibulala, siza kufa.”
5 Emva koko ahamba ukutshona kwelanga aya enkampini yamaSiriya. Afika enkampini yamaSiriya kungekho mntu.
6 Kaloku uYehova wayebangele ukuba inkampu yamaSiriya ive isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe nesandi somkhosi omkhulu.+ Athetha odwa esithi: “Jonga! Ukumkani wakwaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHiti nookumkani baseYiputa ukuba basihlasele!”
7 Asukuma ngoko nangoko abaleka ngorhatya, eshiya iintente, amahashe needonki, ayishiya injalo inkampu yawo, abaleka ukuze asindise ubomi bawo.
8 Ukufika kwala madoda aneqhenqa enkampini, angena kwenye intente, atya, asela. Athatha isilivere, igolide neempahla, ayokuzifihla. Abuya angena kwenye intente, athatha izinto ayokuzifihla.
9 Ekugqibeleni athi: “Imbi le nto siyenzayo. Le yimini yeendaba ezimnandi! Ukuba sizigcina kuthi, silinde kude kuse, kuza kufuneka sohlwaywe. Masiyokuzichaza endlini kakumkani ezi ndaba.”
10 Ngoko bahamba baza bakhwaza oonogada beegeyithi zesixeko bathi kubo: “Besiye kwinkampu yamaSiriya, safika kungekho mntu, kukhal’ ibhungane. Bekukho amahashe needonki ezibotshelelweyo kuphela, neentente zishiywe nje kanjalo.”
11 Ngoko nangoko oonogada beegeyithi bakhwaza, yaza loo nto yaya kuchazwa kwindlu kakumkani.
12 Ngoko nangoko ukumkani wavuka ngobusuku wathi kwizicaka zakhe: “Mandinixelele eyona nto asenze yona amaSiriya. Ngenxa yokuba esazi ukuba silambile,+ ashiye inkampu yawo ayokuzimela emasimini, esithi, ‘Baza kuphuma esixekweni, sibabambe bephila size singene esixekweni.’”+
13 Esinye sezicaka zakhe sathi: “Ndicela sikhuphe amadoda, athathe amahashe amahlanu kwashiyekileyo apha esixekweni. Jonga! Isiphelo sawo sihleli siza kufana nesawo onke amaSirayeli aseleyo apha. Jonga! Isiphelo sawo sihleli siza kufana nesawo onke amaSirayeli asele etshabalele. Masiwathumele size sibone.”
14 Athatha iinqwelo ezimbini namahashe, waza ke ukumkani wawathuma kwinkampu yamaSiriya, esithi: “Hambani niyokukroba.”
15 Bawalandela de baya kufika eYordan, ibe kuyo yonke loo ndlela kwakuthe saa iimpahla nezitya ezazilahlwe ngamaSiriya awayephakuzela, ebaleka. Babuya abo bathunywa bachazela ukumkani.
16 Baphuma ke abantu, bafika bazenzela kuloo nkampu yamaSiriya, yaye iseha yomgubo ocoliweyo yaxabisa ishekele, iiseha ezimbini zerhasi zaxabisa ishekele, njengokuba uYehova wayetshilo.+
17 Ukumkani wabeka iphakathi awayelithembile ukuba ligade egeyithini, kodwa abantu balinyathela lafela apho, kanye njengokuba umntu kaThixo wokwenene wayetshilo kukumkani ngokuya wayehlile weza kuye.
18 Kwenzeka kanye njengokuba umntu kaThixo wokwenene wayetshilo kukumkani, esithi: “Iiseha ezimbini zerhasi ziza kuxabisa ishekele, neseha yomgubo ocoliweyo iza kuxabisa ishekele ngomso ngeli xesha egeyithini yaseSamariya.”+
19 Kodwa iphakathi lalithe kumntu kaThixo wokwenene: “Nokuba uYehova angavula igeyithi yezikhukula emazulwini, andiqondi ukuba ingenzeka loo nto.” Ke yena uElisha wathi: “Uza kuyibona ngawakho amehlo isenzeka, kodwa wena akukho kwanto oza kuyifumana.”
20 Yiloo nto kanye eyenzekayo kulo, kuba abantu balinyathela lafela egeyithini.
Umbhalo osemazantsi
^ Iseha yayilingana ne-7,33 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “kwiindawo ekuthengiswa kuzo eSamariya.”