Eyesibini YooKumkani 8:1-29

  • Umfazi womShunem ubuyiselwa umhlaba wakhe (1-6)

  • UElisha, uBhen-hadadi noHazayeli (7-15)

  • UYehoram, ukumkani wakwaYuda (16-24)

  • UAhaziya, ukumkani wakwaYuda (25-29)

8  UElisha wathi kumfazi awayemvusele unyana:+ “Hamba nosapho lwakho, uyokuhlala njengomntu wasemzini naphi na apho unokuhlala khona, kuba uYehova uthe kuza kubakho indlala elizweni,+ ibe iza kubakho iminyaka esixhenxe.”  Lo mfazi wayenza le nto wayeyixelelwa ngumntu kaThixo wokwenene. Wahamba nosapho lwakhe wayokuhlala kwilizwe lamaFilisti+ iminyaka esixhenxe.  Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, wabuya kwilizwe lamaFilisti wayokucenga ukumkani ukuba ambuyisele indlu yakhe nentsimi yakhe.  Ngelo xesha, ukumkani wayethetha noGehazi isicaka somntu kaThixo wokwenene esithi: “Khawundibalisele zonke izinto ezinkulu ezenziwe nguElisha.”+  Wathi esabalisela ukumkani indlela uElisha awavusa ngayo umntu ofileyo,+ kwafika laa mfazi wavuselwa unyana eze kucenga ukumkani ukuba abuyiselwe indlu yakhe nentsimi yakhe.+ Ngoko nangoko uGehazi wathi: “Nkosi yam kumkani, nanku lo mfazi bendithetha ngaye, nanku nalo nyana wakhe wavuswa nguElisha.”  Akuva loo nto ukumkani wathi kulo mfazi makambalisele, waza wambalisela. Emva koko ukumkani wambizela igosa lendlu kakumkani, esithi: “Mbuyisele konke okwakhe nayo yonke imveliso yentsimi ukususela kumhla awalishiya ngawo eli lizwe de kube ngoku.”  Xa uBhen-hadadi+ ukumkani waseSiriya wayegula, uElisha weza eDamasko.+ Ngoko zafika ezindlebeni zikakumkani ezo ndaba, kusithiwa: “Ulapha umntu kaThixo wokwenene.”+  Akuva loo nto ukumkani wathi kuHazayeli:+ “Hamba nesipho uyokuhlangabeza umntu kaThixo wokwenene.+ Mcele andibuzele kuYehova athi, ‘Ndiza kuphila na kwesi sifo?’”  UHazayeli wamhlangabeza ephethe isipho, kwanto eyakha yantle eDamasko, izinto ezathwalwa ziinkamela eziyi-40. Wema phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho, uBhen-hadadi ukumkani waseSiriya, undithume ukuba ndikubuze ndithi, ‘Ndiza kuphila na kwesi sifo?’” 10  UElisha wathi: “Hamba uze kuthi kuye, ‘Uza kuphila ngokuqinisekileyo,’ kodwa uYehova undityhilele ukuba nakanjani na yena uza kufa.”+ 11  Wamthi ntsho de waneentloni. Emva koko, walila umntu kaThixo wokwenene. 12  UHazayeli wabuza: “Ililela ntoni inkosi yam?” Yathi: “Kuba ndazi indlela oza kuwenzakalisa ngayo amaSirayeli.+ Uza kutshisa iindawo zawo ezikhuselekileyo, ubulale amadoda awo omeleleyo ngekrele, uxhaxhe abantwana bawo, uze ugrabhuze nezisu zabafazi bawo abakhulelweyo.”+ 13  UHazayeli wathi: “Angathi umkhonzi wakho eyinja nje, enze into enkulu kangaka?” UElisha wathi: “UYehova undibonise ukuba wena uza kuba ngukumkani waseSiriya.”+ 14  Emva koko wamshiya uElisha, wabuyela kwinkosi yakhe, yona yathi kuye: “Utheni uElisha kuwe?” Yena wathi: “Uthe ngokuqinisekileyo uza kuphila.”+ 15  Kodwa ngemini elandelayo uHazayeli wathatha ilaphu, walithi nkxu emanzini, walibeka ebusweni bakhe, wamfuthanisela wafa.+ UHazayeli ke waba ngukumkani endaweni yakhe.+ 16  UYehoram unyana kaKumkani uYehoshafati wakwaYuda waba ngukumkani+ ngonyaka wesihlanu kaYehoram+ unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, ngoxa uYehoshafati wayengukumkani kwaYuda. 17  Waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-32, ibe walawula eYerusalem iminyaka esibhozo. 18  Wenza izinto ezazisenziwa ngookumkani bakwaSirayeli,+ kanye njengokuba benzayo abendlu ka-Ahabhi,+ kuba watshata intombi ka-Ahabhi,+ yaye waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ 19  Kodwa ngenxa yomkhonzi wakhe uDavide, uYehova akazange afune ukumtshabalalisa uYuda,+ kuba wayethembise ukuba uza kuhlala enika uDavide noonyana bakhe isibane.+ 20  Ngemihla yakhe, uEdom wajikela uYuda+ waza wazikhethela owakhe ukumkani.+ 21  Ngoko ke, uYehoram waya eTsahira kunye nazo zonke iinqwelo zakhe, wavuka ngobusuku waxabela amaEdom awayemngqongile neenkumanda zeenqwelo, aza amajoni abalekela ezintenteni zawo. 22  Kodwa iEdom iye yaqhubeka imjikela uYuda de kube namhlanje. NeLibhena+ yamjikela ngelo xesha. 23  Enye imbali yezinto awazenzayo uYehoram, ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 24  Emva koko uYehoram walala kookhokho bakhe, wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide.+ Unyana wakhe uAhaziya+ waba ngukumkani endaweni yakhe. 25  UAhaziya unyana kaKumkani uYehoram wakwaYuda waba ngukumkani ngonyaka we-12 kaYehoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.+ 26  UAhaziya wayeneminyaka eyi-22 ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula unyaka omnye eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguAtaliya+ umzukulwana* kaKumkani uOmri+ wakwaSirayeli. 27  Wenza izinto ezazisenziwa yindlu ka-Ahabhi,+ waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova njengendlu ka-Ahabhi, kuba wayezalana nendlu ka-Ahabhi ngomtshato.+ 28  Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi beyokulwa noKumkani uHazayeli waseSiriya eRamoti-giliyadi,+ kodwa amaSiriya amonzakalisa uYehoram.+ 29  Ngoko uKumkani uYehoram wabuyela eYizereli+ ukuze kuphole amanxeba awawafumana kumaSiriya eRama xa wayesilwa noKumkani uHazayeli waseSiriya.+ UAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaYuda, wehla waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi, kuba wayonzakele.*

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “intombi.”
Okanye “wayegula.”