Eyesibini KaSamuweli 2:1-32
2 Emva koko uDavide wabuza kuYehova,+ wathi: “Ndinyuke na ndiye kwesinye sezixeko zakwaYuda?” UYehova wathi kuye: “Nyuka.” Waza uDavide wambuza wathi: “Ndiye kwesiphi?” Wathi yena: “EHebron.”+
2 Ngoko uDavide wenyuka waya khona nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam+ waseYizereli noAbhigali+ umhlolokazi kaNabhali umKarmele.
3 UDavide wahamba namadoda awayekunye naye,+ yayileyo nentsapho yayo, yaye bahlala eHebron nakwizixeko eziyijikelezileyo.
4 Emva koko afika amadoda akwaYuda, ambeka apho uDavide ukuze abe ngukumkani kwindlu kaYuda.+
Athi kuDavide: “Ngamadoda aseYabheshe-giliyadi awangcwaba uSawule.”
5 Ngoko ke uDavide wathumela abathunywa kumadoda aseYabheshe-giliyadi wathi kuwo: “Kwanga ningasikelelwa nguYehova, kuba niye nayithanda ngokungagungqiyo inkosi yenu uSawule, ngokuthi niyingcwabe.+
6 Kwanga uYehova anganithanda ngokungagungqiyo futhi athembeke kuni. Nam ndiza kunenzela ububele kuba nenze le nto.+
7 Ngoku ke yomelelani nibe nesibindi, kuba ifile inkosi yenu uSawule, yaye indlu kaYuda indibekile ndaba ngukumkani wayo.”
8 Kodwa uAbhinere+ unyana kaNere umphathi-mkhosi kaSawule, wayethathe uIshe-bhosheti,+ unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim+
9 wamenza ukumkani phezu kweGiliyadi,+ ama-Ashure, iYizereli,+ uEfrayim,+ uBhenjamin noSirayeli xa ewonke.
10 UIshe-bhosheti, unyana kaSawule, waba ngukumkani kwaSirayeli eneminyaka eyi-40, ibe walawula iminyaka emibini. Kodwa yona indlu kaYuda yayixhasa uDavide.+
11 UDavide waba ngukumkani eHebron phezu kwendlu kaYuda iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.+
12 Ekuhambeni kwexesha uAbhinere unyana kaNere nezicaka zikaIshe-bhosheti, unyana kaSawule, bemka eMahanayim+ baya eGibheyon.+
13 Naye uYowabhi+ unyana kaTseruya+ nezicaka zikaDavide, baphuma baza bagagana nabo ngasechibini laseGibheyon. Eli iqela lahlala kweli cala lechibi neliya iqela lahlala kwelinye icala.
14 Ekugqibeleni uAbhinere wathi kuYowabhi: “Abafana makhe baphakame balwe* apha phambi kwethu.” Wathi uYowabhi: “Mabaphakame.”
15 Ngoko baphakama bawela belinani eliqingqiweyo. Baba yi-12 abakwaBhenjamin bedibene nabakwaIshe-bhosheti, unyana kaSawule, baba yi-12 nabezicaka zikaDavide.
16 Babambana omnye nomnye entloko baze bahlabana ngamakrele emaphangweni, yaye bawa phantsi kunye. Ngoko loo ndawo iseGibheyon yabizwa ngokuba yiHelekati-hatsurim.
17 Laba nzima kakhulu idabi elavukayo ngaloo mini, yaye ekugqibeleni uAbhinere namadoda akwaSirayeli boyiswa zizicaka zikaDavide.
18 Babelapho oonyana abathathu bakaTseruya:+ uYowabhi,+ uAbhishayi+ noAsaheli.+ UAsaheli wayekwazi ukubaleka kakhulu oku kwebhadi endle.
19 UAsaheli wamleqa uAbhinere. Wahlala emva koAbhinere, engajiki aye ekunene okanye ekhohlo.
20 Wathi akujonga ngasemva uAbhinere wabuza, “Nguwe lowo Asaheli?” Yena wathi: “Ndim kanye.”
21 UAbhinere wathi kuye: “Jika uye ngasekunene kwakho okanye ngasekhohlo, uzibambele omnye wabafana uze umhlube nantoni na oyifunayo, uzithathele yona.” Kodwa ke uAsaheli akazange ayeke ukumleqa.
22 Waphinda uAbhinere wathi kuAsaheli: “Sukundileqa. Kutheni ufuna ndikubulale? Ndiza kumjonga njani ebusweni uYowabhi umntakwenu?”
23 Kodwa zange ajike. Ngoko uAbhinere wamhlaba ngomva womkhonto esiswini,+ waza umkhonto wayokuphuma emqolo. Wawa, wafela apho. Wonke umntu owayefika kwindawo awayefele kuyo uAsaheli, wayefika eme nematha.
24 Emva koko uYowabhi noAbhishayi bamsukela uAbhinere. Njengoko kwakutshona ilanga, bafika kwinduli yeAma, emelene neGiya kwindlela eya entlango yaseGibheyon.
25 Bathe xa belapho, amaBhenjamin aqokelelana ngakuAbhinere. Baba liqela elinye baza bema phezu kwenye induli.
26 UAbhinere wakhwaza uYowabhi wathi: “Ikrele liza kubulala kude kube nini? Awazi na ukuba umphumo uza kuba mbi kakhulu? Ngoko uza kubaxelela nini abantu ukuba bayeke ukuleqa abantakwabo?”
27 Wathi ke uYowabhi: “Ephila nje uThixo wokwenene, ukuba ubungathethanga, abantu bebeza kubaleqa kude kuse abantakwabo.”
28 Emva koko uYowabhi wavuthela uphondo, aza amadoda akhe ayeka ukuleqa uSirayeli, baza ke bayeka ukulwa.
29 UAbhinere namadoda akhe bahamba, banqumla iArabha+ bonke obo busuku, bawela iYordan, banqumla ingxingwa,* bade bayokufika eMahanayim.+
30 Ukubuya kukaYowabhi ekuleqeni uAbhinere, waqokelela bonke abantu. Kwizicaka zikaDavide ngamadoda ayi-19 kunye noAsaheli ababengekho.
31 Kodwa izicaka zikaDavide zaziwoyisile amaBhenjamin namadoda ka-Abhinere. Kwakufe amadoda ayi-360 kuwo.
32 Bamthatha ke uAsaheli+ bayokumngcwabela engcwabeni likatata wakhe, elaliseBhetelehem.+ Emva koko uYowabhi namadoda akhe bamatsha ubusuku bonke, baza bafika eHebron+ ekuseni.