Eyesibini KaSamuweli 3:1-39

  • Indlu kaDavide iya isomelela (1)

  • Oonyana bakaDavide (2-5)

  • UAbhinere uwelela kwicala likaDavide (6-21)

  • UYowabhi ubulala uAbhinere (22-30)

  • UDavide uzilela uAbhinere (31-39)

3  Imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide yatsala ixesha elide, ibe uDavide waya esomelela ngokomelela,+ yona indlu kaSawule yaya iphelelwa ngamandla.+  Kwangelo xesha, uDavide wazalelwa oonyana eHebron.+ Izibulo lakhe ­yayinguAmnon+ ­ngoAhinowam+ waseYizereli.  Owesibini yayinguKileyabhi ngoAbhigali+ umhlolokazi kaNabhali umKarmele, owesithathu yayinguAbhisalom,+ unyana kaMahaka intombi kaTalemayi+ ukumkani waseGeshure.  Owesine yayinguAdoniya+ unyana kaHagiti, waza owesihlanu yanguShefatiya unyana ka-Abhitali.  Owesithandathu yayinguItreyam awamzalelwa nguEgla, umfazi wakhe. Ngaba nyana ke abazalelwa uDavide eHebron.  Ngoxa imfazwe yayiqhubeka phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere+ waqhubeka esiqinisa isikhundla sakhe endlini kaSawule.  USawule wayenomfazi* ogama linguRitspa,+ intombi ka-Aya. Ekuhambeni kwexesha uIshe-bhosheti+ wathi kuAbhinere: “Kwakutheni ukuze ulale nomfazi katata?”+  Yamcaphukisa uAbhinere le nto yayithethwa nguIshe-bhosheti waza wathi: “Ndiyinja* yakwaYuda na? Ukuza kuthi ga namhlanje, oko ndaba kwicala lendlu katata wakho uSawule, ndinamathele kubantakwabo nakubahlobo bakhe. Nawe andikunikelanga kuDavide, kodwa namhlanje uyandixoxisa ngempazamo enento yokwenza nomfazi.  Kwanga uThixo angandohlwaya aze ongeze, ukuba andiyenzi into uYehova awayifungela uDavide.+ 10  Wafunga ukuba buza kufuduswa ubukumkani kwindlu kaSawule kuze kumiswe itrone kaDavide phezu koSirayeli naphezu koYuda, ukususela kwaDan ukuya eBher-shebha.”+ 11  UIshe-bhosheti zange aphinde akhuphe nelimdaka ilizwi kuAbhinere kuba wayemoyika.+ 12  Ngokukhawuleza uAbhinere wathumela abathunywa kuDavide. Wathi: “Lelikabani na ilizwe?” Waphinda wathi: “Yenza isivumelwano nam, yaye ndiza kwenza nantoni na esemandleni am* ukuze uSirayeli wonke abe kwicala lakho.”+ 13  Yena wathi: “Kulungile! Ndiza kusenza isivumelwano nawe. Ndicela nje into ibe nye kuwe, ungazami nokuzama ukuza kubona ubuso bam ngaphandle kokuba kuqala uza noMikali,+ intombi kaSawule.” 14  Emva koko uDavide wathumela abathunywa kuIshe-bhosheti,+ unyana kaSawule, esithi: “Ndinike umfazi wam uMikali, lo ndamngeja ngamajwabi amaFilisti ayi-100.”+ 15  Ngoko uIshe-bhosheti wathumela ukuba athathwe uMikali kwindoda yakhe, uPaltiyeli+ unyana kaLayishe. 16  Kodwa indoda yakhe yamlandela ilila de bayokufika eBhahurim.+ UAbhinere wathi kuyo: “Jika, goduka!” Nayo ke yajika. 17  Ngelo thuba uAbhinere wathumela ilizwi kumadoda amakhulu akwaSirayeli, esithi: “Kudala nifuna uDavide abe ngukumkani wenu. 18  Ngoko sanukusonga izandla, kuba uYehova wathi kuDavide, ‘Ngesandla sikaDavide+ umkhonzi wam ndiza kubasindisa abantu bam amaSirayeli kumaFilisti nakuzo zonke iintshaba zabo.’” 19  Emva koko uAbhinere wathetha nabantu bakwaBhenjamin.+ Kwakhona, uAbhinere waya kuDavide eHebron, waza wamxelela ecaleni yonke into avumelene ngayo uSirayeli nendlu kaBhenjamin. 20  Akufika uAbhinere kuDavide eHebron namadoda ayi-20, uDavide wabenzela isidlo. 21  Emva koko, uAbhinere wathi kuDavide: “Ndivumele ndihambe ndiye kuqokelela uSirayeli wonke eze enkosini yam ukumkani, ukuze enze isivumelwano nawe, yaye wena uza kulawula yonke into ofuna ukuyilawula.” Ngoko uDavide wamvumela wahamba uAbhinere, waza naye waya kwelakhe icala exolile. 22  Kanye ngelo xesha, abakhonzi bakaDavide noYowabhi babebuya ekuhlaseleni, yaye babuya nezinto ezininzi abazixuthileyo. UAbhinere yena wayengasekho kunye noDavide eHebron, kuba wayemvumele ukuba ahambe ngoxolo. 23  Uthe akufika uYowabhi+ nawo wonke umkhosi awayenawo, bathi kuye: “UAbhinere+ unyana kaNere+ ebelapha eze kukumkani, yaye ukumkani uthe angahamba, waza wahamba ngoxolo.” 24  Ngoko uYowabhi waya kukumkani, wathi: “Yintoni le uyenzileyo? UAbhinere ebeze kuwe. Kutheni umvumele wabhungca? 25  Umazi kakuhle uAbhinere unyana kaNere! Ebeze kukuqhatha, eze kuhlola ukuze azi yonke into oyenzayo.” 26  UYowabhi wemka kuDavide waza wathumela abathunywa ukuba baleqe uAbhinere. Bamlanda kwiqula laseSira, kodwa uDavide wayengazi ngale nto. 27  Xa uAbhinere wafika eHebron,+ uYowabhi wambizela ecaleni ngaphakathi ngokungathi ufuna ukuthetha naye. Kodwa wamhlaba esiswini wafa.+ Wayebuyisa isixhiba, kuba wayebulele uAsaheli*+ umntakwabo. 28  Kamva, uthe uDavide akuva ngale nto wathi: “Mna nobukumkani bam siza kuhlala simsulwa ngonaphakade emehlweni kaYehova kwityala lokuphalaza igazi+ lika-Abhinere unyana kaNere. 29  Kwanga ityala legazi lingabuyela phezu kwentloko kaYowabhi+ naphezu kwayo yonke indlu katata wakhe. Kwanga endlini kaYowabhi kungasoloko kukho umntu obhobhozayo+ okanye oneqhenqa+ okanye umntu osebenza ngentonga* yokusonta okanye obulawa ngekrele okanye odinga isonka!”+ 30  Ngoko ke uYowabhi noAbhishayi+ umntakwabo, bambulala uAbhinere+ kuba wayebulele uAsaheli umntakwabo edabini+ eGibheyon. 31  Emva koko uDavide wathi kuYowabhi nakubo bonke abantu ababekunye naye: “Krazulani iimpahla zenu, nizibophe ngamalaphu okwenza ingxowa nize nimenzele isijwili uAbhinere.” UKumkani uDavide ngokwakhe wayehamba emva kokhuko oluthwele isidumbu. 32  Bamngcwaba ke uAbhinere eHebron, ibe ukumkani wasitsho isikhalo engcwabeni lika-Abhinere, nabantu basuka bagixa. 33  Ukumkani wamculela uAbhinere wathi: “Angafa njengokufa komntu ongenangqiqo na uAbhinere? 34  Ubungabotshwanga zandla, Neenyawo zakho bezingabotshwanga ngamakhamandela.* Uwe oku komntu owa phambi kwezikrelemnqa.”*+ Loo mazwi abenza abantu baqala phantsi ukulila. 35  Emini bonke abantu beza kunika uDavide isonka sokumthuthuzela,* kodwa uDavide wafunga wathi: “Kwanga uThixo angandohlwaya aze ongeze, ukuba ndiye ndangcamla isonka okanye nantoni na lingekatshoni ilanga!”+ 36  Bonke abantu bayiphawula le nto, ibe bayithanda. Yonke nje into awayeyenza ukumkani, bonke abantu babeyithanda. 37  Ngoko bonke abantu naye wonke uSirayeli, baqonda ngaloo mini ukuba yayingengokumkani othe makubulawe uAbhinere unyana kaNere.+ 38  Emva koko ukumkani wathi kwizicaka zakhe: “Anazi na ukuba namhlanje kuwe inkosana nomntu omkhulu kwaSirayeli?+ 39  Andinamandla namhlanje nangona ndibekwe ndaba ngukumkani.+ La madoda, oonyana bakaTseruya,+ akhohlakele kakhulu, ayandixaka.+ Kwanga uYehova angambuyekeza umenzi wobubi ngokobubi abenzileyo.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayeneshweshwe.”
Ngokoqobo, “Ndiyintloko yenja.”
Ngokoqobo, “yaye jonga! isandla sam sinawe.”
Ngokoqobo, “ngenxa yegazi lika-Asaheli.”
Mhlawumbi kubhekiselwa kwindoda ekunyanzeleka yenze umsebenzi wabafazi kuba ikhubazekile.
Ngokoqobo, “ngekopolo.”
Ngokoqobo, “koonyana bentswela-bulungisa.”
Okanye “isonka sokuzila.”