Eyesibini KaSamuweli 4:1-12
4 Uthe xa uIshe-bhosheti*+ unyana kaSawule esiva ukuba uAbhinere uye wafa eHebron,+ woyika kakhulu.* NamaSirayeli xa ewonke aphazamiseka.
2 Unyana kaSawule wayenamadoda amabini awayekhokela amajoni angabaphangi. Enye yayinguBhahana enye inguRekabhi. Ayengoonyana bakaRimon umBheheroti, wesizwe sakwaBhenjamin. (Kuba iBheheroti+ yayidla ngokubalelwa kwaBhenjamin.
3 AmaBheheroti ayebalekele eGitayim.+ Unanamhla oku, bangabantu basemzini apho.)
4 UYonatan+ unyana kaSawule, wayenonyana osisiqhwala.+ Wayeneminyaka emihlanu xa kwafika ingxelo engoSawule noYonatan ivela eYizereli.+ Umntu owayemonga wamthwala wabaleka naye, kodwa wathi esabaleka ebhuduzela, wawa umntwana waba sisiqhwala. Igama lakhe yayinguMefibhoshete.+
5 Oonyana bakaRimon umBheheroti, uRekabhi noBhahana, bahamba baya endlini kaIshe-bhosheti. Bafika xa kanye lalitshisa ilanga, esathe ngqwa ngokwesiqhelo.
6 Bangena endlini ngokungathi bazokuthatha ingqolowa, baza bamhlaba esiswini. Emva koko uRekabhi noBhahana+ umntakwabo baqhwesha.
7 Bakungena endlini, bafika elele ebhedini yakhe egumbini lakhe lokulala, baza bamxabela bambulala. Emva koko bamnqumla intloko. Bayithatha intloko yakhe bahamba nayo ubusuku bonke ngendlela eya eArabha.
8 Bayizisa ke intloko kaIshe-bhosheti+ kuDavide eHebron, baza bathi kukumkani: “Nantsi intloko kaIshe-bhosheti unyana kaSawule utshaba lwakho,+ owayefuna ukukubulala.*+ Ngale mini uYehova uyayiphindezelela inkosi yam ukumkani kuSawule nakwinzala yakhe.”
9 UDavide wathi kuRekabhi noBhahana umntakwabo, oonyana bakaRimon umBheheroti: “Ephila nje uYehova owandikhulula* kuyo yonke intlungu,+
10 xa omnye umntu wathi kum, ‘USawule ufile.’+ Yena wayecinga ukuba undiphathela iindaba ezimnandi. Ndamthi nqaku ndambulala+ eTsikelage. Lowo yaba ngumvuzo endimnika wona loo mthunywa!
11 Kobeka phi ke xa amadoda anobubi, ebulele indoda elilungisa isebhedini yayo endlini yayo! Ngaba ke andimele ndiliphindezelele igazi layo,+ ndinitshayele emhlabeni?”
12 Emva koko uDavide wabayalela abafana ukuba bababulale.+ Babanqumla izandla neenyawo baza babaxhoma+ ngasechibini eHebron. Bayithatha intloko kaIshe-bhosheti bayingcwabela kwindawo awayengcwatyelwe kuyo uAbhinere eHebron.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “unyana kaSawule.”
^ Ngokoqobo, “izandla zakhe zatyhafa.”
^ Okanye “umphefumlo wakho.”
^ Ngokoqobo, “owakhulula umphefumlo wam.”