Eyesibini KaYohane 1:1-13

  • Imibuliso (1-3)

  • Hlalani nihamba enyanisweni (4-6)

  • Balumkeleni abalahlekisi (7-11)

  • Uceba ukuya kubo, imibuliso (12, 13)

 Indoda enkulu* ibhalela inenekazi elikhethiweyo nabantwana balo, endibathanda kakhulu, phofu ke bengathandwa ndim ndedwa, kodwa bethandwa nangabo bonke abayaziyo inyaniso,  ngenxa yenyaniso ekuthi, neya kuhlala ikuthi ngonaphakade.  UThixo uTata wethu noYesu Kristu uNyana wakhe, baza kusifundisa inyaniso baze basithande. Baza kusenzela ububele, basenzele inceba, baze basinike noxolo.  Ndiye ndavuya kakhulu ndakufumanisa ukuba abanye babantwana bakho bahamba enyanisweni,+ kanye njengokuba sayalelwayo nguTata.  Ngoko ke nenekazi, ndicela sithandane. (Andikubhaleli umyalelo omtsha, kodwa ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqaleni.)+  Yaye eyona nto luyiyo uthando kukuba siqhubeke sithobela imiyalelo yakhe.+ Njengokuba nevayo kwasekuqaleni, umyalelo wakhe kukuba niqhubeke nithandana.  Kuba kuvele abalahlekisi abaninzi ehlabathini,+ abangavumiyo ukuba uYesu Kristu weza enomzimba wenyama.+ Abantu abanjalo ngabalahlekisi nabachasi-Kristu.+  Zigadeni ke ukuba ningalahlekani nezinto esizisebenzeleyo, yaye niza kufumana umvuzo opheleleyo.+  Nabani na ogqitha ngaphaya kwemfundiso kaKristu, akamanyenanga noThixo.+ Lowo uqhubeka eyilandela le mfundiso, umanyene noTata kunye noNyana.+ 10  Ukuba kukho umntu oza kuni nemfundiso eyahlukileyo kule, ze ningamamkeli emakhayeni enu,+ ningambulisi nokumbulisa. 11  Kuba lowo umbulisayo uyazixhasa izinto ezimbi azenzayo. 12  Nangona ndinezinto ezininzi endifuna ukunixelela zona, andifuni kunibhalela ngephepha neinki, kodwa ndifuna ukunixelela zona xa ndinibona, ukuze nivuye ngokupheleleyo. 13  Bayabulisa abantwana bakadadewenu okhethiweyo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Umdala.”