ABagwebi 1:1-36
1 Emva kokufa kukaYoshuwa,+ amaSirayeli* abuza kuYehova+ esithi: “Ngubani kuthi oza kunyuka kuqala ayokulwa namaKanan?”
2 UYehova wathi: “Kuza kunyuka uYuda.+ Jongani! Ndilinikela* esandleni sakhe ilizwe.”
3 Emva koko uYuda wathi kumntakwabo uSimeyon: “Nyuka nam siye kwilizwe endilinikiweyo,*+ siyokulwa namaKanan. Nam ndiza kuhamba nawe xa usiya kwilizwe olinikiweyo.” Ngoko ke uSimeyon wahamba naye.
4 Xa uYuda wenyukayo, uYehova wawanikela ezandleni zakhe amaKanan namaPerizi,+ waza woyisa amadoda ayi-10 000 eBhezeki.
5 Wafumana uAdoni-bhezeki eBhezeki, walwa naye apho, wawoyisa amaKanan+ namaPerizi.+
6 Xa uAdoni-bhezeki wabalekayo, wamleqa wamfumana, waza wamnqumla oobhontsi ezandleni nasezinyaweni.
7 UAdoni-bhezeki wathi: “Kukho ookumkani abayi-70 abanqunyulwe oobhontsi ezandleni nasezinyaweni, abachola-chola ukutya phantsi kwetafile yam. Ngoku uThixo undiphindezelele.” Emva koko bamsa eYerusalem+ waza wafela apho.
8 Ngapha koko, amadoda akwaYuda alwa neYerusalem+ aza ayithimba; asixabela ngekrele aza asitshisa eso sixeko.
9 Emva koko, amadoda akwaYuda ehla aya kulwa namaKanan ahlala kummandla weentaba naseNegebhi naseShefela.+
10 Ngoko uYuda wahlasela amaKanan awayehlala eHebron (iHebron yayikade ibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha), waza waxabela uSheshayi, uAhiman noTalemayi.+
11 Ukusuka apho, wahlasela abantu baseDebhiri.+ (IDebhiri yayikade iyiKiriyati-sefere.)+
12 Emva koko uKalebhi+ wathi: “Indoda exabela iKiriyati-sefere ize iyithimbe, ndiza kuyinika intombi yam uAkesa ibe ngumfazi wayo.”+
13 UOteniyeli+ unyana kaKenazi,+ umninawa kaKalebhi, wayithimba. Ngoko ke wamnika intombi yakhe uAkesa ukuba ibe ngumfazi wakhe.
14 Wathi uAkesa xa egoduka, wamcenga ukuba acele umhlaba kutata wakhe. Emva koko uAkesa wehla edonkini.* UKalebhi wathi kuye: “Ufuna ntoni?”
15 Wathi: “Ndicela undisikelele, kuba undinike isiqwenga somhlaba ongasemzantsi;* ndiphe neGuloti-mayim.”* Ngoko ke, uKalebhi wamnika uMntla weGuloti noMzantsi weGuloti.
16 Inzala kaKeni,+ umkhwe kaMoses,+ yahamba namaYuda xa ephuma kwisixeko semithi yesundu,+ yaya kwintlango yakwaYuda kumzantsi weAradi.+ Yayokuhlala nabantu balapho.+
17 UYuda noSimeyon umntakwabo baya kuhlasela amaKanan awayehlala eTsefathi, baza bayitshabalalisa.+ Eso sixeko basibiza ngokuba yiHorma.*+
18 Emva koko, uYuda wathimba iGaza+ neendawo zayo, iAshkelon+ neendawo zayo ne-Ekron+ neendawo zayo.
19 UYehova wayemxhasa uYuda, ibe wawuthimba ummandla weentaba, kodwa akazange akwazi ukubakhupha abantu ababehlala apho, kuba babeneenqwelo zokulwa ezinamarhengqa amakhulu entsimbi.*+
20 Banika uKalebhi iHebron, njengokuba uMoses wayethembisile,+ ibe wabagxotha apho oonyana baka-Anaki abathathu.+
21 Kodwa amaBhenjamin awazange awagxothe amaYebhusi awayehlala eYerusalem, ngoko amaYebhusi asahlala namaBhenjamin eYerusalem nanamhlanje.+
22 Kwathi kusenjalo, indlu kaYosefu+ yenyuka yaya kulwa neBheteli, ibe uYehova wayixhasa.+
23 Indlu kaYosefu yathumela iintlola eBheteli (esi sixeko sasikade siyiLuzi),+
24 zaza ezi ntlola zabona indoda iphuma kwesi sixeko. Zathi kuyo: “Sicela usibonise indlela engena kwesi sixeko, ibe thina siza kukuphatha ngobubele.”*
25 Le ndoda yazibonisa indlela engena esixekweni, zaza zasixabela ngekrele isixeko, kodwa zayiyeka yahamba yona nentsapho yayo.+
26 Yaya kwilizwe lamaHiti yaza yakha isixeko, ngoku esibizwa ngokuba yiLuzi. Elo ke iseligama laso nanamhlanje.
27 UManase akazange ayithimbe iBhete-sheyan needolophu eziphantsi kwayo, iTahanaki+ needolophu eziphantsi kwayo, abemi baseDore needolophu eziphantsi kwayo, abemi baseIbleyam needolophu eziphantsi kwayo, nabemi baseMegido needolophu eziphantsi kwayo.+ AmaKanan axhathisa, akavuma ukulishiya ilizwe.
28 Xa uSirayeli womelelayo, wawasebenzisa ngenkani amaKanan,+ kodwa akazange awagxothe ngokupheleleyo.+
29 NoEfrayim akazange awagxothe amaKanan awayehlala eGezere. AmaKanan aqhubeka ehlala naye eGezere.+
30 UZebhulon akazange abagxothe abemi baseKitron nabemi baseNahaloli.+ AmaKanan aqhubeka ehlala naye, esetyenziswa ngenkani.+
31 UAshere akazange abagxothe abemi baseAko, baseSidon,+ baseAhalabhi, baseAkezibhi,+ baseHelbha, baseAfiki+ nabaseRehobhi.+
32 Ngoko ke ama-Ashere aqhubeka ehlala namaKanan awayelapho kwelo lizwe, kuba awazange awagxothe.
33 UNafetali akazange abagxothe abemi baseBhete-shemeshe nabemi baseBhete-anati,+ kodwa waqhubeka ehlala namaKanan awayekwelo lizwe.+ Wabasebenzisa ngenkani abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati.
34 Ama-Amori awavalela kummandla weentaba amaDan, kuba ayengawavumeli ukuba ehle eze ethafeni.+
35 Ngoko ama-Amori axhathisa, akavuma ukuyishiya iNtaba yeHeres, iAyalon+ neShahalebhim.+ Kodwa yathi yakuba namandla* ngakumbi indlu kaYosefu, yawanyanzela ukuba ayisebenzele.
36 Ummandla wama-Amori wawusuka kwiqhina leAkrabhim,+ naseSela ukwenyuka.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “oonyana bakaSirayeli.”
^ Okanye “Ndilinikele.”
^ Ngokoqobo, “kwiqashiso lam.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “waqhwaba izandla zakhe ngoxa wayekwidonki.”
^ Okanye “iNegebhi.”
^ Othetha ukuthi “Izitya Zamanzi.”
^ Oko kukuthi, “Enikelwe Ukuba Itshatyalaliswe.”
^ Ngokoqobo, “babeneenqwelo zentsimbi.”
^ Ngokoqobo, “siza kukuthanda ngokungagungqiyo.”
^ Ngokoqobo, “sathi sakuba nzima isandla.”