ABagwebi 1:1-36

  • Ukoyisa kwesizwe sakwaYuda nesakwaSimeyon (1-20)

  • AmaYebhusi aqhubeka ehlala eYerusalem (21)

  • Indlu kaYosefu yoyisa iBheteli (22-26)

  • AmaKanan awagxothwa ngokupheleleyo (27-36)

1  Emva kokufa kukaYoshuwa,+ amaSirayeli* abuza kuYehova+ esithi: “Ngubani kuthi oza kunyuka kuqala ayokulwa namaKanan?”  UYehova wathi: “Kuza kunyuka uYuda.+ Jongani! Ndilinikela* esandleni sakhe ilizwe.”  Emva koko uYuda wathi kumntakwabo uSimeyon: “Nyuka nam siye kwilizwe endilinikiweyo,*+ siyokulwa namaKanan. Nam ndiza kuhamba nawe xa usiya kwilizwe olinikiweyo.” Ngoko ke uSimeyon wahamba naye.  Xa uYuda wenyukayo, uYehova wawanikela ezandleni zakhe amaKanan namaPerizi,+ waza woyisa amadoda ayi-10 000 eBhezeki.  Wafumana uAdoni-bhezeki eBhezeki, walwa naye apho, wawoyisa amaKanan+ namaPerizi.+  Xa uAdoni-bhezeki wabalekayo, wamleqa wamfumana, waza wamnqumla oobhontsi ezandleni nasezinyaweni.  UAdoni-bhezeki wathi: “Kukho ookumkani abayi-70 abanqunyulwe oobhontsi ezandleni nasezinyaweni, abachola-chola ukutya phantsi kwetafile yam. Ngoku uThixo undiphindezelele.” Emva koko bamsa eYerusalem+ waza wafela apho.  Ngapha koko, amadoda akwaYuda alwa neYerusalem+ aza ayithimba; asixabela ngekrele aza asitshisa eso sixeko.  Emva koko, amadoda akwaYuda ehla aya kulwa namaKanan ahlala kummandla weentaba naseNegebhi naseShefela.+ 10  Ngoko uYuda wahlasela amaKanan awayehlala eHebron (iHebron yayikade ibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha), waza waxabela uSheshayi, uAhiman noTalemayi.+ 11  Ukusuka apho, wahlasela abantu baseDebhiri.+ (IDebhiri yayikade iyiKiriyati-sefere.)+ 12  Emva koko uKalebhi+ wathi: “Indoda exabela iKiriyati-sefere ize iyithimbe, ndiza kuyinika intombi yam uAkesa ibe ngumfazi wayo.”+ 13  UOteniyeli+ unyana kaKenazi,+ umninawa kaKalebhi, wayithimba. Ngoko ke wamnika intombi yakhe uAkesa ukuba ibe ngumfazi wakhe. 14  Wathi uAkesa xa egoduka, wamcenga ukuba acele umhlaba kutata wakhe. Emva koko uAkesa wehla edonkini.* UKalebhi wathi kuye: “Ufuna ntoni?” 15  Wathi: “Ndicela undisikelele, kuba undinike isiqwenga somhlaba ongasemzantsi;* ndiphe neGuloti-mayim.”* Ngoko ke, uKalebhi wamnika uMntla weGuloti noMzantsi weGuloti. 16  Inzala kaKeni,+ umkhwe kaMoses,+ yahamba namaYuda xa ephuma kwisixeko semithi yesundu,+ yaya kwintlango yakwaYuda kumzantsi weAradi.+ Yayokuhlala nabantu balapho.+ 17  UYuda noSimeyon umntakwabo baya kuhlasela amaKanan awayehlala eTsefathi, baza bayitshabalalisa.+ Eso sixeko basibiza ngokuba yiHorma.*+ 18  Emva koko, uYuda wathimba iGaza+ neendawo zayo, iAshkelon+ neendawo zayo ne-Ekron+ neendawo zayo. 19  UYehova wayemxhasa uYuda, ibe wawuthimba ummandla weentaba, kodwa akazange akwazi ukubakhupha abantu ababehlala apho, kuba babeneenqwelo zokulwa ­ezinamarhengqa ­amakhulu entsimbi.*+ 20  ­Banika uKalebhi ­iHebron, njengokuba uMoses wayethembisile,+ ibe wabagxotha apho oonyana baka-Anaki abathathu.+ 21  Kodwa amaBhenjamin awazange awagxothe amaYebhusi awayehlala eYerusalem, ngoko amaYebhusi asahlala namaBhenjamin eYerusalem nanamhlanje.+ 22  Kwathi kusenjalo, indlu kaYosefu+ yenyuka yaya kulwa neBheteli, ibe uYehova wayixhasa.+ 23  Indlu kaYosefu yathumela iintlola eBheteli (esi sixeko sasikade siyiLuzi),+ 24  zaza ezi ntlola zabona indoda iphuma kwesi sixeko. Zathi kuyo: “Sicela usibonise indlela engena kwesi sixeko, ibe thina siza kukuphatha ngobubele.”* 25  Le ndoda yazibonisa indlela engena esixekweni, zaza zasixabela ngekrele isixeko, kodwa zayiyeka yahamba yona nentsapho yayo.+ 26  Yaya kwilizwe lamaHiti yaza yakha isixeko, ngoku esibizwa ngokuba yiLuzi. Elo ke iseligama laso nanamhlanje. 27  UManase akazange ayithimbe iBhete-sheyan needolophu eziphantsi kwayo, iTahanaki+ needolophu eziphantsi kwayo, abemi baseDore needolophu eziphantsi kwayo, abemi baseIbleyam needolophu eziphantsi kwayo, nabemi baseMegido needolophu eziphantsi kwayo.+ AmaKanan axhathisa, akavuma ukulishiya ilizwe. 28  Xa uSirayeli womelelayo, wawasebenzisa ngenkani amaKanan,+ kodwa akazange awagxothe ngokupheleleyo.+ 29  NoEfrayim akazange awagxothe amaKanan awayehlala eGezere. AmaKanan aqhubeka ehlala naye eGezere.+ 30  UZebhulon akazange abagxothe abemi baseKitron nabemi baseNahaloli.+ AmaKanan aqhubeka ehlala naye, esetyenziswa ngenkani.+ 31  UAshere akazange abagxothe abemi baseAko, baseSidon,+ baseAhalabhi, baseAkezibhi,+ baseHelbha, baseAfiki+ nabaseRehobhi.+ 32  Ngoko ke ama-Ashere aqhubeka ehlala namaKanan awayelapho kwelo lizwe, kuba awazange awagxothe. 33  UNafetali akazange abagxothe abemi baseBhete-shemeshe nabemi baseBhete-anati,+ kodwa waqhubeka ehlala namaKanan awayekwelo lizwe.+ Wabasebenzisa ngenkani abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati. 34  Ama-Amori awavalela kummandla weentaba amaDan, kuba ayengawavumeli ukuba ehle eze ethafeni.+ 35  Ngoko ama-Amori axhathisa, akavuma ukuyishiya iNtaba yeHeres, iAyalon+ neShahalebhim.+ Kodwa yathi yakuba namandla* ngakumbi indlu kaYosefu, yawanyanzela ukuba ayisebenzele. 36  Ummandla wama-Amori wawusuka kwiqhina leAkrabhim,+ naseSela ukwenyuka.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “oonyana bakaSirayeli.”
Okanye “Ndilinikele.”
Ngokoqobo, “kwiqashiso lam.”
Okanye kusenokwenzeka, “waqhwaba izandla zakhe ngoxa wayekwidonki.”
Okanye “iNegebhi.”
Othetha ukuthi “Izitya Zamanzi.”
Oko kukuthi, “Enikelwe Ukuba Itshatyalaliswe.”
Ngokoqobo, “babeneenqwelo zentsimbi.”
Ngokoqobo, “siza kukuthanda ngokungagungqiyo.”
Ngokoqobo, “sathi sakuba nzima isandla.”