ABagwebi 17:1-13

  • Izithixo zikaMika nombingeleli wakhe (1-13)

17  Kwakukho indoda kummandla weentaba wakwaEfrayim+ egama linguMika.  Ekuhambeni kwexesha yathi kumama wayo: “Laa maqhosha esilivere ayi-1 100 ayethathwe kuwe, waza wamqalekisa phambi kwam loo mntu wayewathathile, jonga! loo silivere ikum. Yayithathwe ndim.” Akuva loo nto, umama wayo wathi: “UYehova makamsikelele unyana wam.”  Ngoko loo ndoda yawabuyisela kumama wayo amaqhosha esilivere ayi-1 100, kodwa yena wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiza kuyenza ngcwele kuYehova le silivere iphuma esandleni sam, ukuze unyana wam enze ngayo umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso wesinyithi.+ Ndiyibuyisela kuwe ke.”  Emva kokuba iyibuyisele kumama wayo, yena wathatha amaqhosha esilivere ayi-200 wawanika umkhandi wesilivere. Lo mkhandi wenza umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso wesinyithi, yaza loo mifanekiso yabekwa endlini kaMika.  Le ndoda inguMika yayinendlu yoothixo, ibe yenza iefodi+ nesithixo sekhaya+ yaza yamisela omnye* woonyana bayo wangumbingeleli wayo.+  Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli.+ Wonke umntu wayesenza into ayibona ilungile kuye.+  Kwakukho ityendye lomfana waseBhetelehem+ kwaYuda, elaliphuma kwintsapho yakwaYuda. LalingumLevi+ owayesele ehlala apho kangangethuba.  Lo mfana wemka kwisixeko saseBhetelehem yakwaYuda esiya kufuna enye indawo yokuhlala. Esahamba njalo, wafika kummandla weentaba wakwaEfrayim, kwindlu kaMika.+  Wathi uMika kuye: “Ungowaphi?” Wathi: “NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda, ndiyokukhangela indawo yokuhlala.” 10  Ngoko uMika wathi kuye: “Hlala nam, ube ngutata wam* nombingeleli wam. Ndiza kukunika amaqhosha esilivere alishumi ngonyaka, impahla kunye nokutya.” Ngoko ke, lo mLevi wangena. 11  Lo mLevi wahlala noMika, waza wamenza unyana wakhe. 12  UMika wamisela lo* mLevi ukuba abe ngumbingeleli wakhe,+ aze ahlale endlini yakhe. 13  Emva koko uMika wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba uYehova uza kundenzela izinto ezintle, kuba lo mLevi uye wangumbingeleli wam.”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “yagcwalisa isandla somnye.”
Okanye “njengomcebisi.”
Ngokoqobo, “wazalisa isandla salo.”