ABagwebi 3:1-31

  • UYehova uvavanya amaSirayeli (1-6)

  • UOteniyeli, umgwebi wokuqala (7-11)

  • UMgwebi uEhudi ubulala uKumkani uEglon otyebileyo (12-30)

  • UMgwebi uShamgare (31)

3  Ezi ziintlanga uYehova awaziyekayo zahlala ukuze zivavanye onke amaSirayeli angazange alwe iimfazwe namaKanan+  (le nto yayisenzelwa ukuze izizukulwana zamaSirayeli ezingazange zalwa mfazwe ziyazi imfazwe):  waziyeka zahlala iinkosi ezintlanu zamaFilisti,+ onke amaKanan, amaSidon+ namaHivi+ awayehlala kwiNtaba YeLebhanon+ ukusuka kwiNtaba YeBhahali-hermon ukuya kutsho eLebho-hamati.*+  Babesetyenziselwa ukuvavanya amaSirayeli ukuze kubonwe ukuba aza kuyithobela na imiyalelo kaYehova awayiyalela ookhokho bawo ngoMoses.+  Ngoko amaSirayeli ayehlala namaKanan,+ amaHiti, ama-Amori, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.  AmaSirayeli ayezithathela abafazi kwiintombi zezi ntlanga, nezawo iintombi ezinika oonyana bazo, yaye ayekhonza oothixo bazo.+  AmaSirayeli enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, amlibala uYehova uThixo wawo aza akhonza ooBhahali+ neepali ezingcwele.*+  UYehova waba nomsindo waza wawanikela* kuKushan-rishatayim ukumkani waseMesopotamiya.* AmaSirayeli aba zizicaka zikaKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.  Xa amaSirayeli akhalayo kuYehova ecela uncedo,+ uYehova wawanika umsindisi,+ uOteniyeli+ unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi. 10  Umoya kaYehova waba naye,+ waza waba ngumgwebi kaSirayeli. Xa waya edabini, uYehova wamnikela kuye uKushan-rishatayim ukumkani waseMesopotamiya,* waza wamoyisa. 11  Emva koko ilizwe laphumla* iminyaka eyi-40, waza uOteniyeli unyana kaKenazi wafa. 12  AmaSirayeli aphinda enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ Ngoko uYehova wamyeka uEglon ukumkani wakwaMowabhi+ wawoyisa amaSirayeli, kuba ayesenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. 13  Ngaphezu koko, wathumela ama-Amoni+ nama-Amaleki+ ukuba awahlasele. Awahlasela ke aza asithimba isixeko semithi yesundu.+ 14  AmaSirayeli aba zizicaka zikaEglon ukumkani wakwaMowabhi iminyaka eyi-18.+ 15  Akhala kuYehova amaSirayeli ecela uncedo,+ ngoko uYehova wawanika umsindisi,+ uEhudi+ unyana kaGera, umBhenjamin+ owayelinxele.+ Ethubeni amaSirayeli amthumela ukuba ase umrhumo kuEglon ukumkani wakwaMowabhi. 16  Ngelo xesha, uEhudi wazenzela ikrele elibukhali macala, ubude balo buyikubhite,* waza walibophelela ethangeni lakhe lasekunene phantsi kwesambatho sakhe. 17  Emva koko wasa umrhumo kuEglon ukumkani wakwaMowabhi. UEglon lo ke wayeyindoda etyebe kakhulu. 18  Akugqiba uEhudi ukumnika umrhumo, wahamba nabantu ababewuthwele. 19  Kodwa bathi bakufika kwimifanekiso eqingqiweyo* eGiligali,+ wajika waza wathi: “Ndinomyalezo wakho oyimfihlo, kumkani.” Ngoko ukumkani wathi: “Yithini cwaka!” Ngoko zonke izicaka zakhe zamshiya. 20  UEhudi weza kuye njengoko wayehleli kwigumbi lakhe elipholileyo eliseluphahleni. Wathi: “Ndinomyalezo wakho ovela kuThixo.” Ngoko waphakama etroneni yakhe.* 21  UEhudi wathi rhuthu ikrele ethangeni lakhe lasekunene ngesandla sakhe sasekhohlo, wamhlaba esiswini. 22  Latshona lonke laphelela, lavingcelwa ngamanqatha, kuba akazange alitsale ikrele esiswini sakhe, kwaza kwaphuma ilindle. 23  UEhudi waphuma ngeveranda,* wazivala wazitshixa iingcango zegumbi eliseluphahleni. 24  Emva kokuba ephumile, zabuya izicaka, zabona ukuba iingcango zegumbi eliseluphahleni zitshixiwe. Ngoko zathi: “Inoba usazithuma* kwigumbi langaphakathi elipholileyo.” 25  Zalinda de zaneentloni, kodwa zathi zakubona ukuba akade azivule iingcango zegumbi eliseluphahleni, zathatha isitshixo zaza zavula, zabona inkosi yazo iwe phantsi, ifile! 26  UEhudi wabaleka ngoxa ezo zicaka zazisathingaza, wadlula ngakwimifanekiso eqingqiweyo*+ waya kutsho eSehira. 27  Wathi akufika apho, wavuthela uphondo+ kummandla weentaba wakwaEfrayim,+ aza amaSirayeli ehla kummandla weentaba, ekhokelwa nguye. 28  Wathi kuwo: “Ndilandeleni, kuba uYehova uzinikele kuni iintshaba zenu, amaMowabhi.” Amlandela ke aza athimba amazibuko aseYordan angakumaMowabhi, ibe awazange avumele mntu ukuba awele. 29  Ngelo xesha axabela amaMowabhi+ amalunga nayi-10 000, onke engamadoda omeleleyo namakroti; akukho nanye eyasindayo.+ 30  Woyiswa ke ngaloo mini uMowabhi nguSirayeli; kwaye ilizwe laphumla* iminyaka eyi-80.+ 31  Emva kwakhe kwabakho uShamgare+ unyana ka-Anati, owabulala amadoda amaFilisti ayi-600+ ngoviko;*+ naye wamsindisa uSirayeli.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “xa ungena eHamati.”
Ngokoqobo, “wawathengisa.”
Ngokoqobo, “waseAram-naharayim.”
Ngokoqobo, “waseAram.”
Okanye “laba seluxolweni.”
Mhlawumbi yayiyikubhite emfutshane emalunga ne-38 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye kusenokwenzeka, “ematyeni.”
Okanye “esihlalweni sakhe.”
Okanye kusenokwenzeka, “emngxunyeni wokungenisa umoya.”
Ngokoqobo, “usazigqume iinyawo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngasematyeni.”
Okanye “laba seluxolweni.”
Okanye “ngento yokuqhuba iinkomo.”