ABagwebi 5:1-31

  • Ingoma eculwa nguDebhora noBharaki emva kokuba boyisile (1-31)

    • Iinkwenkwezi zilwa noSisera (20)

    • Izikhukula zaseKishon (21)

    • Abo bathanda uYehova banjengelanga (31)

5  Ngaloo mini uDebhora+ noBharaki+ unyana ka-Abhinowam bacula le ngoma:+   “Ngenxa yeenwele ezingabotshwanga* kwaSirayeli,Ngenxa yabantu abazinikeleyo,+Dumisani uYehova!   Mamelani, nina bokumkani! Vulani iindlebe, nina balawuli! Ndiza kuculela uYehova. Ndiza kumdumisa ngengoma* uYehova,+ uThixo kaSirayeli.+   Yehova, xa waphuma eSehire,+Kummandla wakwaEdom,Wanyikima umhlaba, akhupha izantyalantyala amazulu,Amafu atsho ngezantyalantyala zamanzi.   Iintaba zanyibilika* phambi kobuso bukaYehova,+Nkqu neSinayi uqobo,+ phambi kobuso bukaYehova, uThixo kaSirayeli.+   Ngemihla kaShamgare+ unyana ka-Anati,Ngemihla kaYaheli,+ kwakungahanjwa ezindleleni;Abantu babegwegweleza ngeendlela ezisemacaleni.   Kwakungasekho bantu emaphandleni kwaSirayeli;Kwakungekho bantu, de mna Debhora+ ndaphakama,Ndaphakama njengomama kwaSirayeli.+   Bakhetha oothixo abatsha;+Kwaza kwabakho imfazwe ezigeyithini.+ Kwakungabonakali khaka namkhonto,Phakathi kwaloo maSirayeli ayi-40 000.   Intliziyo yam ingakubaphathi bakwaSirayeli,+Abaye ngokuzithandela bahamba kunye nabantu.+ Dumisani uYehova! 10  Nina bakhweli beedonki ezibubomvurha,Nina bahlala kwiikhaphethi ezimfumamfuma,Nani bahamba endleleni,Cingisisani! 11  Amazwi abo bakha amanzi avakala kwiindawo zokukha amanzi;Apho babebalisa ngezenzo zikaYehova zobulungisa,Izenzo zobulungisa zabantu bakhe abahlala emaphandleni kwaSirayeli. Basuka abantu bakaYehova behla baya ezigeyithini. 12  Vuka, vuka, Debhora!+ Vuka, vuka, ucule ingoma!+ Phakama, Bharaki!+ Khokela abo ubathimbileyo, nyana ka-Abhinowam! 13  Abo basindileyo behla beza kwabo bazizikhulu;Abantu bakaYehova behla beza kum ukuze bahlasele abantu abanamandla. 14  Baphuma bevela kwintlambo yakwaEfrayim;*Balandela wena Bhenjamin, phakathi kwezizwana zakho. Abaphathi behla bevela kwaMakire,+Nabo bagaya umkhosi,* bevela kwaZebhulon. 15  Iinkosana zakwaIsakare zazikunye noDebhora,UBharaki noIsakare nabo bekunye naye.+ Wathunyelwa entlanjeni* ngeenyawo.+ Abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo. 16  Kwakutheni ukuze uhlale phantsi phakathi kweengxowa ezimbini zomthwalo,Umamele abalusi bedlalela imihlambi iimpempe?+ Kuba abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo. 17  UGiliyadi wasala ngaphesheya kweYordan;+Yena uDan, kwakutheni ukuze ahlale ezinqanaweni?+ UAshere wahlala ezipholele kunxweme lolwandle,Wahlala kumazibuko akhe.+ 18  Isizwana sakwaZebhulon sasingamadela-kufa;NesakwaNafetali+ ezindulini.+ 19  Ookumkani bafika, balwa;Nookumkani bakwaKanan balwa+ETahanaki, ngakumanzi aseMegido.+ Abazange bathimbe silivere.+ 20  Iinkwenkwezi zalwa zisezulwini;Zalwa noSisera zikwiindawo zazo. 21  Umsinga* waseKishon wabakhukulisa,+Umsinga* wamandulo, umsinga* waseKishon. Wanyathela abo banamandla, mphefumlo wam.* 22  Zatsho zangqisha iimpuphu zamahashe,Zaphala ziphalile iinkunzi zakhe zamahashe.+ 23  ‘Qalekisani iMerozi,’ yatsho ingelosi kaYehova,‘Qalekisani abemi bayo,Kuba abakhange beze kumnceda uYehova,Abamncedanga uYehova ngamagorha abo.’ 24  Usikelelekile uYaheli phakathi kwabafazi,+Umfazi kaHebheri+ umKeni;Ngoyena usikelelekileyo kubafazi abahlala ezintenteni. 25  Wacela amanzi, wamnika ubisi. Wamnika ingqaka ngesitya esikhulu.+ 26  Wathatha isikhonkwane sentente ngesandla,Wee hlasi ihamile ngesandla sakhe sasekunene. Wambethelela uSisera, wayigqobhoza intloko yakhe,Waziqhekeza waza wazigqobhoza iindlathi zakhe.+ 27  Wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe; wawa wee tywa;Wawa wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe;Wathi folokohlo apho, wee natya oyisiwe. 28  Umfazi wakroba ngefestile,Umama kaSisera wakroba,‘Kutheni inqwelo yakhe ingade ifike? Kutheni izingqi zeempuphu zenqwelo yakhe zingade zivakale?’+ 29  Abalumkileyo kumanenekazi akhe ahloniphekileyo babemphendula;Naye wayemane eziphendula, 30  ‘Inoba bahlulelana ngezinto abazoxuthileyo,Intombazana,* amantombazana amabini,* kwigorha ngalinye,Ilaphu elidayiweyo likaSisera, ilaphu elidayiweyo,Isambatho esilukiweyo, ilaphu elidayiweyo, izambatho ezilukiweyo ezibiniEziza kufakwa entanyeni ngabahlaseli.’ 31  Ngoko mazitshabalale zonke iintshaba zakho,+ Yehova,Kodwa abo bakuthandayo mabaqaqambe njengokuphuma kwelanga.” Yaye ilizwe laphumla* iminyaka eyi-40.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ngenxa yamagorha aneenwele ezingabotshwanga.”
Okanye “kumqambela ingoma.”
Okanye kusenokwenzeka, “zanyikima.”
Okanye “kwithafa lakwaEfrayim.”
Okanye kusenokwenzeka, “baphatha izixhobo zombhali.”
Okanye “ethafeni.”
Okanye “umfula.”
Okanye “Umfula.”
Okanye “Umfula.”
Ngokoqobo, “Isibeleko.”
Ngokoqobo, “izibeleko ezibini.”
Okanye “kwabakho uxolo elizweni.”