ABagwebi 5:1-31
5 Ngaloo mini uDebhora+ noBharaki+ unyana ka-Abhinowam bacula le ngoma:+
2 “Ngenxa yeenwele ezingabotshwanga* kwaSirayeli,Ngenxa yabantu abazinikeleyo,+Dumisani uYehova!
3 Mamelani, nina bokumkani! Vulani iindlebe, nina balawuli!
Ndiza kuculela uYehova.
Ndiza kumdumisa ngengoma* uYehova,+ uThixo kaSirayeli.+
4 Yehova, xa waphuma eSehire,+Kummandla wakwaEdom,Wanyikima umhlaba, akhupha izantyalantyala amazulu,Amafu atsho ngezantyalantyala zamanzi.
5 Iintaba zanyibilika* phambi kobuso bukaYehova,+Nkqu neSinayi uqobo,+ phambi kobuso bukaYehova, uThixo kaSirayeli.+
6 Ngemihla kaShamgare+ unyana ka-Anati,Ngemihla kaYaheli,+ kwakungahanjwa ezindleleni;Abantu babegwegweleza ngeendlela ezisemacaleni.
7 Kwakungasekho bantu emaphandleni kwaSirayeli;Kwakungekho bantu, de mna Debhora+ ndaphakama,Ndaphakama njengomama kwaSirayeli.+
8 Bakhetha oothixo abatsha;+Kwaza kwabakho imfazwe ezigeyithini.+
Kwakungabonakali khaka namkhonto,Phakathi kwaloo maSirayeli ayi-40 000.
9 Intliziyo yam ingakubaphathi bakwaSirayeli,+Abaye ngokuzithandela bahamba kunye nabantu.+
Dumisani uYehova!
10 Nina bakhweli beedonki ezibubomvurha,Nina bahlala kwiikhaphethi ezimfumamfuma,Nani bahamba endleleni,Cingisisani!
11 Amazwi abo bakha amanzi avakala kwiindawo zokukha amanzi;Apho babebalisa ngezenzo zikaYehova zobulungisa,Izenzo zobulungisa zabantu bakhe abahlala emaphandleni kwaSirayeli.
Basuka abantu bakaYehova behla baya ezigeyithini.
12 Vuka, vuka, Debhora!+
Vuka, vuka, ucule ingoma!+
Phakama, Bharaki!+ Khokela abo ubathimbileyo, nyana ka-Abhinowam!
13 Abo basindileyo behla beza kwabo bazizikhulu;Abantu bakaYehova behla beza kum ukuze bahlasele abantu abanamandla.
14 Baphuma bevela kwintlambo yakwaEfrayim;*Balandela wena Bhenjamin, phakathi kwezizwana zakho.
Abaphathi behla bevela kwaMakire,+Nabo bagaya umkhosi,* bevela kwaZebhulon.
15 Iinkosana zakwaIsakare zazikunye noDebhora,UBharaki noIsakare nabo bekunye naye.+
Wathunyelwa entlanjeni* ngeenyawo.+
Abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo.
16 Kwakutheni ukuze uhlale phantsi phakathi kweengxowa ezimbini zomthwalo,Umamele abalusi bedlalela imihlambi iimpempe?+
Kuba abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo.
17 UGiliyadi wasala ngaphesheya kweYordan;+Yena uDan, kwakutheni ukuze ahlale ezinqanaweni?+
UAshere wahlala ezipholele kunxweme lolwandle,Wahlala kumazibuko akhe.+
18 Isizwana sakwaZebhulon sasingamadela-kufa;NesakwaNafetali+ ezindulini.+
19 Ookumkani bafika, balwa;Nookumkani bakwaKanan balwa+ETahanaki, ngakumanzi aseMegido.+
Abazange bathimbe silivere.+
20 Iinkwenkwezi zalwa zisezulwini;Zalwa noSisera zikwiindawo zazo.
21 Umsinga* waseKishon wabakhukulisa,+Umsinga* wamandulo, umsinga* waseKishon.
Wanyathela abo banamandla, mphefumlo wam.*
22 Zatsho zangqisha iimpuphu zamahashe,Zaphala ziphalile iinkunzi zakhe zamahashe.+
23 ‘Qalekisani iMerozi,’ yatsho ingelosi kaYehova,‘Qalekisani abemi bayo,Kuba abakhange beze kumnceda uYehova,Abamncedanga uYehova ngamagorha abo.’
24 Usikelelekile uYaheli phakathi kwabafazi,+Umfazi kaHebheri+ umKeni;Ngoyena usikelelekileyo kubafazi abahlala ezintenteni.
25 Wacela amanzi, wamnika ubisi.
Wamnika ingqaka ngesitya esikhulu.+
26 Wathatha isikhonkwane sentente ngesandla,Wee hlasi ihamile ngesandla sakhe sasekunene.
Wambethelela uSisera, wayigqobhoza intloko yakhe,Waziqhekeza waza wazigqobhoza iindlathi zakhe.+
27 Wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe; wawa wee tywa;Wawa wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe;Wathi folokohlo apho, wee natya oyisiwe.
28 Umfazi wakroba ngefestile,Umama kaSisera wakroba,‘Kutheni inqwelo yakhe ingade ifike?
Kutheni izingqi zeempuphu zenqwelo yakhe zingade zivakale?’+
29 Abalumkileyo kumanenekazi akhe ahloniphekileyo babemphendula;Naye wayemane eziphendula,
30 ‘Inoba bahlulelana ngezinto abazoxuthileyo,Intombazana,* amantombazana amabini,* kwigorha ngalinye,Ilaphu elidayiweyo likaSisera, ilaphu elidayiweyo,Isambatho esilukiweyo, ilaphu elidayiweyo, izambatho ezilukiweyo ezibiniEziza kufakwa entanyeni ngabahlaseli.’
31 Ngoko mazitshabalale zonke iintshaba zakho,+ Yehova,Kodwa abo bakuthandayo mabaqaqambe njengokuphuma kwelanga.”
Yaye ilizwe laphumla* iminyaka eyi-40.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ngenxa yamagorha aneenwele ezingabotshwanga.”
^ Okanye “kumqambela ingoma.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “zanyikima.”
^ Okanye “kwithafa lakwaEfrayim.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “baphatha izixhobo zombhali.”
^ Okanye “ethafeni.”
^ Okanye “umfula.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “Umfula.”
^ Okanye “Umfula.”
^ Ngokoqobo, “Isibeleko.”
^ Ngokoqobo, “izibeleko ezibini.”
^ Okanye “kwabakho uxolo elizweni.”