Amosi 1:1-15

  • UAmosi ufumana umyalezo ovela kuYehova (1, 2)

  • Bayagwetywa ngenxa yokuqhubeka bengathobeli (3-15)

1  La ngamazwi ka-Amosi,* owayengomnye wabafuyi beegusha baseTekowa,+ awawafumana embonweni ngoSirayeli ngemihla kaKumkani u-Uziya+ wakwaYuda nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli, kwiminyaka emibini ngaphambi kwenyikima.+  Wathi: “UYehova uza kugquma eseZiyon,Aphakamise ilizwi lakhe eseYerusalem. Amadlelo abalusi aza kuzila,Nenkcochoyi yeKarmele iza koma.”+   “Uthi uYehova,‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kweDamasko, nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba ibhule iGiliyadi ngezileyi zokubhula zentsimbi.+   Ndiza kuthumela umlilo endlini kaHazayeli,+Uziqwenge iinqaba ezikhuselekileyo zikaBhen-hadadi.+   Ndiza kuyaphula imivalo yaseDamasko;+Ndiza kubatshabalalisa abahlali baseBhikate-avenNalowo ulawula* eseBhete-eden;Nabantu baseSiriya baza kuba ngabathinjwa eKire,”+ utsho uYehova.’   Uthi uYehova,‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kweGaza,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba ithathe iqela labathinjwa+ yalinikela kuEdom.   Ndiza kuthumela umlilo kudonga lwaseGaza,+Uziqwenge iinqaba zayo ezikhuselekileyo.   Ndiza kubatshabalalisa abahlali baseAshdode,+Nalowo ulawula* eseAshkelon;+Ndiza kusibeka phezu kwe-Ekron+ isandla sam,NamaFilisti ashiyekileyo aza kutshabalala,”+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.’   Uthi uYehova,‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kweTire,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba inikele ngeqela labathinjwa kuEdom,Yaye ayikhange isikhumbule isivumelwano sayo nomntakwayo.+ 10  Ngoko ndiza kuthumela umlilo kudonga lwaseTire,Uziqwenge iinqaba zayo ezikhuselekileyo.’+ 11  Uthi uYehova,‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaEdom,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba waleqa umntakwabo ngekrele,+Akavuma ukuba nenceba;Ecaphuka uhlala emgrenya,Ibe uhlala enomsindo.+ 12  Ndiza kuthumela umlilo kwaTeman,+Uziqwenge iinqaba ezikhuselekileyo zaseBhotsera.’+ 13  Uthi uYehova,‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kwama-Amoni,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba agrabhuze abafazi abamithiyo baseGiliyadi, ngenjongo yokwandisa ummandla wawo.+ 14  Ngoko ndiza kulutshisa udonga lwaseRabha,+Uziqwenge iinqaba zayo ezikhuselekileyo,Ngoxa kuhlatywa umkhosi ngemini yedabi,Kusitsho nesivuthuvuthu ngemini yesaqhwithi. 15  Ukumkani wabo uza kuthinjwa kunye neenkosana zakhe,”+ utsho uYehova.’

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Ukuba Ngumthwalo” okanye “Ukuthwala Umthwalo.”
Ngokoqobo, “Nalowo uphethe intonga yobukhosi.”
Ngokoqobo, “Nalowo uphethe intonga yobukhosi.”