Amosi 2:1-16

  • Bayagwetywa ngenxa yokuqhubeka bengathobeli (1-16)

2  “Uthi uYehova,‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaMowabhi,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba uye watshisa amathambo kakumkani wakwaEdom aba yikalika.   Ngoko ndiza kuthumela umlilo kwaMowabhi, uziqwenge iinqaba ezikhuselekileyo zaseKeriyoti;+UMowabhi uza kufa ngoxa kusitsho ingxolo,Kuhlatywa umkhosi, kuvakala nesandi sophondo.+   Ndiza kumshenxisa umlawuli* kwaMowabhi,Ibe zonke iinkosana zakhe ndiza kuzibulala kunye nomlawuli wakhe,”+ utsho uYehova.’   Uthi uYehova,‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaYuda,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Ngenxa yokuba ewulahlile umthetho kaYehova,Nangenxa yokuba engayithobelanga imiyalelo yakhe;+Kodwa ulahlekiswe bubuxoki obalandelwa ngookhokho bakhe.+   Ndiza kuthumela umlilo kwaYuda,Uziqwenge iinqaba ezikhuselekileyo zaseYerusalem.’+   Uthi uYehova,‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaSirayeli,+ nakane, andizukujika kuloo nto,Kuba uthengisa amalungisa ngesilivere,Namahlwempu ngexabiso leembadada.+   Bazixovulela eluthulini lomhlaba iintloko zabantu abasweleyo,+Nendlela yabantu abalulamileyo bayayivala.+ Umntu notata wakhe balala nentombi enye,Bengcolisa igama lam elingcwele.   Banaba ecaleni kwazo zonke izibingelelo+ phezu kweempahla ezithinjwe njengesibambiso;+Iwayini abayiselayo endlini* yoothixo babo ifunyenwe kwabo bababhatalisileyo.’   ‘Kodwa ndim owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwabo,+Awayemade njengemithi yomsedare, omelele njengemithi yom-oki;Ndasitshabalalisa isiqhamo sawo ngaphezulu neengcambu zawo ngaphantsi.+ 10  Ndanikhupha kwilizwe laseYiputa,+Ndanihambisa entlango iminyaka eyi-40,+Ukuze nifumane umhlaba wama-Amori. 11  Abanye oonyana benu ndabenza abaprofeti,+Abanye abafana benu ndabenza amaNaziri.+ Akunjalo na maSirayeli?’ utsho uYehova. 12  ‘Kodwa naqhubeka niselisa amaNaziri iwayini,+Nabaprofeti nabayalela nisithi: “Nize ningaprofeti.”+ 13  Ngoko ndiza kunityumza kuloo ndawo nikuyo,Kanye njengaxa inqwelo egcwele izithungu ityumza kwanto ephantsi kwayo. 14  Onamendu akazukuba nandawo yakubalekela,+Lowo womeleleyo uza kuphelelwa ngamandla,Ibe akukho kroti liza kusinda. 15  Ophatha isaphetha akazukuxhathisa,Nalowo uneenyawo ezinamendu akazukubaleka,Nomkhweli wehashe akazukusinda. 16  Nelona kroti linesibindi kunamanye,Liza kubaleka lihamba ze ngaloo mini,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “umgwebi.”
Okanye “etempileni.”