Amosi 3:1-15

  • Kuchazwa umgwebo kaThixo (1-8)

    • UThixo uchaza umcimbi wakhe oyimfihlo (7)

  • Umyalezo wokutshatyalaliswa kweSamariya (9-15)

3  “Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani maSirayeli, ngayo yonke intsapho endayikhupha elizweni laseYiputa:   ‘Bendisazi nina kuphela kuzo zonke iintsapho zomhlaba.+ Yiloo nto ndiza kuniphendulisa ngazo zonke iziphoso zenu.+   Bakhe bahambe kunye na ababini bengakhange bavumelane?   Ikhe igqume na ingonyama ehlathini ingenaxhoba? Ikhe igragrame na esikhundleni sayo ingabambanga nto?   Ikhe ingene na emgibeni intaka kungekho nto iyitsalayo? Uyenyuka na emhlabeni umgibe ungabambisanga nto?   Abangcangcazeli na abantu esixekweni xa kuvuthelwa uphondo? Xa kusehla intlekele esixekweni, ayingoYehova na oyibangeleyo?   Kuba iNkosi enguMongami uYehova ayizukwenza ntoIngakhange ibachazele umcimbi wayo oyimfihlo abakhonzi bayo abaprofeti.+   Ingonyama igqumile!+ Ngubani na ongazukoyika? INkosi enguMongami uYehova ithethile! Ngubani na ongazukuprofeta?’+   ‘Yivakaliseni le nto kwiinqaba ezikhuselekileyo zaseAshdodeNakwiinqaba ezikhuselekileyo kwilizwe laseYiputa. Yithini: “Qokelelanani ezintabeni zaseSamariya,+Nibone izidubedube ezininzi ezikuyoNobuqhophololo obukuyo.+ 10  Abakwazi kwenza nto ilungileyo,” utsho uYehova,“Abo bagcwalisa iinqaba zabo ezikhuselekileyo ngezinto abazoxuthe ngobundlobongela.”’ 11  Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova,‘Utshaba luza kujikeleza ilizwe,+Luza kuwagqiba tu amandla akho,Neenqaba zakho ezikhuselekileyo ziza kuphangwa.’+ 12  Uthi uYehova,‘Kanye njengokuba umalusi exhwila emlonyeni wengonyama amanqina amabini kuphela okanye isijungqe nje sendlebe,Aza kuba mbalwa ngaloo ndlela amaSirayeli aza kuxhwilwa,Lawo ahlala eSamariya kwiibhedi ezimbejembeje nakwizingqengqelo zodidi.’*+ 13  ‘Yivani nize nilumkise indlu kaYakobi,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, uThixo wemikhosi. 14  ‘Kuba, ngemini endiza kumphendulisa ngayo uSirayeli ngenxa yokungathobeli kwakhe,+Ndiza kuziphendulisa nezibingelelo zaseBheteli;+Iimpondo zesibingelelo ziza kunqunyulwa zize ziwele emhlabeni.+ 15  Ndiza kuyidiliza indlu yasebusika kunye nendlu yasehlotyeni.’ ‘Izindlu zeempondo zeendlovu ziza kutshabalala,+Nezindlu ezinkulu* ziza kuphela,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nakwizingqengqelo zaseDamasko.”
Okanye kusenokwenzeka, “ezininzi.”