Amosi 4:1-13

  • Umyalezo wokutshatyalaliswa kweenkomo zaseBhashan (1-3)

  • UYehova ugxeka amaSirayeli ngokukhonza kwawo izithixo (4, 5)

  • AmaSirayeli awafuni kuqeqeshwa (6-13)

    • “Zilungiselele ukuhlangana noThixo wakho” (12)

    • ‘UThixo uxelela umntu izinto azicingayo’ (13)

4  “Liveni eli lizwi, nina zimazi zeenkomo zaseBhashan,Ezisentabeni yaseSamariya,+Nina bafazindini baqhatha izisweli,+ nityumza namahlwempu,Nina bathi kubayeni benu,* ‘Siphatheleni into yokusela!’   INkosi enguMongami uYehova ifunge ngobungcwele bayo yathi,‘“Jongani! Kuza imihla apho niya kuphakanyiswa ngeehaki zomxheliBaze abashiyekileyo baphakanyiswe ngeehaki zokuloba iintlanzi.   Niza kuphuma ngeentanda eziseludongeni, ngamnye aye ngqo phambili,Ibe niza kuphoswa eHarmon,” utsho uYehova.’   ‘Yizani eBheteli nize nenze isono,+EGiligali none nakakhulu!+ Zisani imibingelelo yenu+ kusasa,Nezishumi zenu+ ngomhla wesithathu.   Qhumisani umbingelelo wokubulela ngesonka esinegwele.+Bhengezani iminikelo yenu yokuzithandela! Kuba yiloo nto enithanda ukuyenza kakade, nina maSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.   ‘Mna ndawenza acoceka amazinyo enu ngenxa yokungabi nakutya kuzo zonke izixeko zenuNdaza ndanenza naswela isonka kuzo zonke izindlu zenu;+Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.   ‘Ndanivimba nemvula kwiinyanga ezintathu ngaphambi kwexesha lesivuno.+Ndenza kwanetha kwesinye isixeko, kodwa kwesinye akwanetha. Esinye isiqwenga somhlaba safumana imvula,Kodwa esinye soma ngenxa yokungabikho kwemvula.   Abantu bezixeko ezibini okanye ezithathu babegxadazelela kwisixeko esinye ukuze basele amanzi,+Ibe babenganeli.Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.   ‘Ndanibetha ngomoya otshisayo nokungunda.+ Nayandisa imiyezo namasimi enu eediliya,Kodwa imithi yenu yamafiya* neyeminquma yadliwa ziinkumbi.+ Nalapho anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova. 10  ‘Ndathumela isifo esingubhubhani esinjengeso saseYiputa.+ Ndabulala abafana benu ngekrele,+ ndathimba namahashe enu.+ Ndakwenza kwangena ezimpumlweni zenu ukunuka kweenkampu zenu.+Kodwa anizange nibuyele kum,’ utsho uYehova. 11  ‘Ndanibhukuqa,Ngendlela endayibhukuqa ngayo iSodom neGomora.+ Naninjengesikhuni esixhwilwe emlilweni,Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova. 12  Yiloo nto endiza kuyenza kuwe, Sirayeli. Ekubeni ndiza kwenza kanye le nto kuwe,Zilungiselele ukudibana noThixo wakho, Sirayeli. 13  Kuba jonga! nguye owayila iintaba+ nowadala umoya.+Uxelela umntu izinto azicingayo,Ujika ukuthi qheke kokusa kube bubumnyama,+Unyathela kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba,+Igama lakhe nguYehova uThixo wemikhosi.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwiinkosi zenu.”
Okanye “yamakhiwane.”