Amosi 6:1-14

  • Baza kuthi shu abo bahleli ngokukhululeka! (1-14)

    • Iibhedi zeempondo zeendlovu; izitya zewayini (4, 6)

6  “Baza kuthi shu abo bazithembileyo* eZiyon,Abo baziva bekhuselekile kwintaba yaseSamariya,+Amadoda adumileyo ohlanga olubalaseleyo kunezinye,Abo iza kubo indlu kaSirayeli!   Welelani eKalene nize nibone. Sukani apho niye eHamati Enkulu,+Nize nihle niye eGati yamaFilisti. Zingcono na kunezi zizwe,*Okanye ummandla wazo mkhulu na kunowenu?   Niyayikhupha na engqondweni yenu imini yentlekele+Nize nenze kulawule* ubundlobongela?+   Balala kwiibhedi zeempondo zeendlovu+ ibe banaba ezingqengqelweni,+Besitya iinkunzi zeegusha emhlambini namathole eenkomo* atyetyisiweyo.+   Baziqambela iingoma ngesandi sohadi,*+Ibe njengoDavide, bazenzela izixhobo zomculo.+   Basela iwayini ngezitya ezigcweleyo+Baze bazithambise ngezona oli zodidi. Kodwa abazikhathazi ngentshabalalo* kaYosefu.+   Ngoko baza kuba phambili kwabo baya ekuthinjweni,+Nepati yabo banabileyo iza kuphela.   ‘INkosi enguMongami uYehova ifunge ngayo siqu,’+ utsho uYehova uThixo wemikhosi,‘“Ndiyalenyanya ikratshi likaYakobi,+Ndiyazicaphukela iinqaba zakhe ezikhuselekileyo,+Ibe ndiza kusinikela isixeko nezinto ezikuso.+  “‘“Ukuba ke kushiyeke amadoda alishumi endlini enye, nawo aza kufa. 10  Isalamane siza kufika sithwale ndoda nganye siyikhuphele phandle size siyitshise. Siza kuwakhupha amathambo aloo madoda endlini, size sithi kuye nabani na ongaphakathi, ‘Asekho na amanye akunye nawe?’ Yena uza kuthi, ‘Awekho!’ Size sona sithi, ‘Yithi tu! Kuba eli ayiloxesha lakulikhankanya nakanye igama likaYehova.’” 11  Kuba nguYehova oyalelayo,+Ibe uza kudiliza indlu enkulu ibe yingqushu,Nendlu encinci ibe bubutyobo.+ 12  Ayabaleka na amahashe phezu kwamawa,Okanye ukho na umntu olima emaweni ngeenkomo? Kuba nijike okusesikweni kwaba* sisityalo esinetyhefu,Nesiqhamo sobulungisa saba ngumhlonyane.*+ 13  Nivuyiswa yinto engekhoyo,Ibe nithi, “Asizenzanga ngokwethu na sanamandla?”*+ 14  Ngoko ke, ndlu kaSirayeli, ndiza kunizisela uhlanga,’+ utsho uYehova uThixo wemikhosi,‘Ibe luza kunicinezela ukusuka eLebho-hamati*+ ukuyokutsho kwiNtlambo YaseArabha.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bahleli ngokukhululeka.”
Kubonakala ukuba apha kubhekiselwa kwizizwe zakwaYuda nezakwaSirayeli.
Ngokoqobo, “kuhlale.”
Okanye “namathole eenkomo aziinkunzi.”
Okanye “somrhubhe.”
Ngokoqobo, “abakhange baguliswe yintshabalalo.”
Okanye “ubulungisa baba.”
Okanye “yinto ekrakra.”
Ngokoqobo, “Asizithathanga ngamandla ethu na iimpondo?”
Okanye “xa ungena eHamati.”