Amosi 7:1-17

  • Imibono ebonisa ukuba isiphelo sikaSirayeli sisondele (1-9)

    • Iinkumbi (1-3), umlilo (4-6), intambo yokumeta (7-9)

  • UAmosi kuthiwa makayeke ukuprofeta (10-17)

7  Nantsi into endayiboniswa yiNkosi enguMongami uYehova: Jonga! Waqokelela ibubu leenkumbi xa zaziqalisa ukuntshula izinto ezazilinywe mva.* Zazilinywa emva kokuchetywa kwengca kakumkani.  Lathi elo bubu lakubugqiba utyani bomhlaba, ndathi: “Owu yhini Nkosi enguMongami Yehova, khawubaxolele abantu bakho!+ Uza kusinda* njani uYakobi? Kuba akanamandla!”+  UYehova wayicingisisa le nto,*+ waza wathi uYehova: “Ayizukwenzeka.”  Nantsi into endayiboniswa yiNkosi enguMongami uYehova: Jonga! INkosi enguMongami uYehova yazisa isohlwayo ngomlilo. Wawadla wawagqiba amanzi anzulu, wadla nesiqwenga somhlaba.  Ndathi: “Owu yhini Nkosi enguMongami Yehova, pheza ngoku.+ Uza kusinda* njani uYakobi? Kuba akanamandla!”+  UYehova wayicingisisa le nto,*+ yaza yathi iNkosi enguMongami uYehova: “Naleyo ayizukwenzeka.”  Nantsi into awandibonisa yona: Jonga! UYehova wayemi eludongeni olwenziwe ngentambo yokumeta, ephethe intambo yokumeta.  Emva koko uYehova wathi kum: “Ubona ntoni Amosi?” Ndathi: “Intambo yokumeta.” Wathi ke uYehova: “Ndiza kubeka intambo yokumeta phakathi kwabantu bam amaSirayeli. Andizukuba sabaxolela.+  Iindawo eziphakamileyo zikaIsake+ azizukuhlala bantu, neendawo ezingcwele zikaSirayeli ziza kutshatyalaliswa.+ Ndiza kuyixabela ngekrele indlu kaYerobhoham.”+ 10  UAmatsiya umbingeleli waseBheteli+ wathumela kuKumkani uYerobhoham+ wakwaSirayeli, wathi: “UAmosi ukwenzele iyelenqe kanye ngaphakathi endlini kaSirayeli.+ Ilizwe alinakuwanyamezela la mazwi akhe.+ 11  Kuba uthi uAmosi, ‘UYerobhoham uza kufa ngekrele, ibe uSirayeli nakanjani na uza kuthinjwa emke elizweni lakhe.’”+ 12  UAmatsiya wathi kuAmosi: “Wena mboni, hamba, baleka uye kwilizwe lakwaYuda, usebenzele isonka* sakho apho, uprofete khona.+ 13  Kodwa yeka ukuprofeta eBheteli,+ kuba yingcwele kakumkani+ leyo kwaye yindlu yobukumkani.” 14  UAmosi wamphendula uAmatsiya wathi: “Ndandingengomprofeti, ndingenguye nonyana womprofeti,+ kodwa ndandingumalusi nomtheni wamafiya emithi* yesikamore. 15  UYehova wandithatha ndisalusa umhlambi, waza uYehova wathi kum, ‘Hamba, uye kuprofeta kubantu bam amaSirayeli.’+ 16  Ngoko ke live ilizwi likaYehova: ‘Wena uthi, “Uze ungaprofeti ngoSirayeli,+ ungashumayeli+ ngento eza kwenzeka kwindlu kaIsake.” 17  Ngoko uthi uYehova: “Umfazi wakho uza kuthengisa ngomzimba esixekweni, oonyana bakho neentombi zakho bawe ngekrele. Umhlaba wakho uza kwahlulwa ngentambo yokumeta, ibe wena uza kufela emhlabeni ongacocekanga. Yena uSirayeli nakanjani na uza kuthinjwa emke elizweni lakhe.”’”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, ebudeni bukaJanuwari noFebruwari.
Ngokoqobo, “kuphakama.”
Okanye “wazisola ngale nto.”
Ngokoqobo, “kuphakama.”
Okanye “wazisola ngale nto.”
Ngokoqobo, “utye isonka.”
Okanye “wamakhiwane.”