Amosi 8:1-14

  • Umbono webhaskithi eneziqhamo zasehlotyeni (1-3)

  • Kugwetywa abantu abacinezelayo (4-14)

    • Indlala yokuva amazwi kaYehova (11)

8  Nantsi into endayiboniswa yiNkosi enguMongami uYehova: Jonga! Nantso ibhaskithi ineziqhamo zasehlotyeni.  Yathi, “Ubona ntoni Amosi?” Ndathi, “Ibhaskithi eneziqhamo zasehlotyeni.” Waza uYehova wathi kum: “Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli. Andizukubaxolela.+  ‘Iingoma zasetempileni ziza kuba sisijwili ngaloo mini,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. ‘Kuza kubakho izidumbu ezininzi ezithe saa kuyo yonke indawo,+ kuthi cwaka!’   Yivani apha, nina bacinezela amahlwempuNabaphelisa abalulamileyo emhlabeni,+   Nina enithi, ‘Liza kuphela nini na itheko lokuthwasa kwenyanga,+ size sithengise ukutya kwethu okuziinkozo,NeSabatha,+ size sishishine ngokutya okuziinkozo? Ukuze sinciphise umlinganiselo we-efa*Size sikhulise ixabiso leshekele,*Sigqwethe izikali zethu zibe zezenkohliso,+   Ukuze sithenge abantu abasweleyo ngesilivereNehlwempu ngexabiso leembadada,+Nokuze sithengise umdlungu nje wokutya okuziinkozo.’   UYehova ufunge ngeQhayiya likaYakobi,+‘Andisoze ndiyilibale imisebenzi yabo yonke.+   Ngenxa yoku ilizwe liza* kungcangcazela,Bazile bonke abemi balo.+ Alizukunyuka na njengomNayile,Liphuphume lize liphinde liwuthe njengomNayile waseYiputa?’+   ‘Ngaloo mini,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova,‘Ndiza kwenza ilanga litshone emini emaqanda,Ndizise ubumnyama elizweni ngemini eqaqambileyo.+ 10  Ndiza kuwajika amatheko enu abe kukuzila+Nazo zonke iingoma zenu zibe ziingoma zokuzila. Ndiza kuzibhijela ngamalaphu okwenza ingxowa zonke izinqe, ndize ndizichebe inkqayi zonke iintloko.Ndiza kuyenza imeko ibe njengokuzilela unyana okuphela kwakhe,Nokuphela kwako kube njengemini ekrakra.’ 11  ‘Jonga! Kuza imihla,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova,‘Endiza kuzisa ngayo indlala elizweni,Kungekhona indlala yesonka okanye ukunxanelwa amanzi,Kodwa eyokuva amazwi kaYehova.+ 12  Baza kugxadazela behamba ulwandle nolwandleBasuke emntla baye empuma. Baza kubhadula befuna ilizwi likaYehova, kodwa bangalifumani. 13  Ngaloo mini iinzwakazi ezingazange zalala nandoda ziza kufa isiqaqa,Nabafana, ngenxa yonxano; 14  Abo bafunga ngetyala leSamariya,+ besithi,“Ephila nje uthixo wakho, Dan!”+ Baze bathi, “Iphila nje indlela yaseBher-shebha!”+ Baza kuwa, bangaphinde bavuke.’”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umhlaba uza.”