Amosi 9:1-15

  • Imigwebo kaThixo ayinakubalekwa (1-10)

  • Intente kaDavide iza kuvuswa (11-15)

9  Ndambona uYehova+ emi ngentla kwesibingelelo, yaye wathi: “Zibethe phezulu iintsika, ukuze imigubasi inyikime. Zinqumle phezulu, yaye abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele. Akukho mntu ubalekayo uya kuqhwesha, nozama ukubhungca akazukukwazi.+   Ukuba bemba bahlele engcwabeni,*Isandla sam siza kubathatha apho;Nokuba benyukela emazulwini,Ndiza kubahlisa apho.   Nokuba bangazimela phezu kweKarmele,Ndiza kubakhangela apho ndize ndibathathe.+ Ukuba bayazifihla phambi kwamehlo am baye enzulwini yolwandle,Ndiza kuthuma inyoka ibalumele apho.   Nokuba bathinjwa ziintshaba zabo,Ndiza kuliyalela ikrele, libabulalele apho;+Ndiza kuwathi ntsho kubo amehlo am, ndibazisele okubi, hayi okulungileyo.+   INkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, yiyo echukumisa ilizwe,*Linyibilike,+ baze bonke abemi balo bazile;+Lonke liza kunyuka njengomNayile,Lize liphinde liwuthe njengomNayile waseYiputa.+   ‘Lowo wakha izitepsi zakhe emazulwini,Aze amise isakhiwo sakhe phezu komhlaba;Lowo ubiza amanzi olwandle,Aze awagalele phezu komhlaba,+NguYehova igama lakhe.’+   ‘Anifani noonyana bamaKushe na kum maSirayeli?’ utsho uYehova. ‘Andizange ndimkhuphe na uSirayeli kwilizwe laseYiputa,+NamaFilisti eKrete,+ neSiriya eKire?’+   ‘Jonga! Amehlo eNkosi enguMongami uYehova aphezu kobukumkani obunesono,Ibe uza kubucima igama phezu komhlaba.+ Kodwa andizukuyitshabalalisa ngokupheleleyo indlu kaYakobi,’+ utsho uYehova.   ‘Jonga! Ndikhupha umyalelo,Ndiza kuyihlukuhla indlu kaSirayeli phakathi kwazo zonke iintlanga,+Kanye njengokuba umntu ehlukuhla isihluzo,Kuze kungabikho hlalutye luwela emhlabeni. 10  Baza kufa ngekrele, bonke abantu bam abonayo,Abo bathi, “Intlekele ayizukusondela kuthi okanye isifumane.”’ 11  ‘Ngaloo mini ndiza kuyivusa intente kaDavide+ ewileyo,Ndiza kuzingciba iintanda zayo,Namabhodlo ayo ndiza kuwavusa;Ndiza kuyakha ibe njengakwimihla yakudala,+ 12  Ukuze bathathe izinto ezishiyekileyo kwaEdom,+Nazo zonke iintlanga ezibizwe ngegama lam,’ utsho uYehova, owenza le nto. 13  ‘Jonga! Kuza imihla,’ utsho uYehova,‘Apho umlimi eya kufikela umvuni,Nalowo uphethe imbewu afikele umxovuli weediliya;+Ibe iintaba ziza kuvuza iwayini emnandi,+Nazo zonke iinduli zivuze yiyo.*+ 14  Ndiza kubabuyisa abantu bam abathinjiweyo amaSirayeli,+Ibe baza kuphinda bazakhe izixeko ezingenabantu baze bahlale kuzo;+Baza kutyala amasimi eediliya basele iwayini yazo,+Balime iigadi batye iziqhamo zazo.’+ 15  ‘Ndiza kubatyala emhlabeni wabo,Ibe soze baphinde bancothulweEmhlabeni wabo endibanike wona,’+ utsho uYehova uThixo wakho.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umhlaba.”
Ngokoqobo, “zinyibilike.