Duteronomi 14:1-29
14 “Ningoonyana bakaYehova uThixo wenu. Nimele ningazisiki+ emzimbeni okanye nichebe amabunzi enu ngenxa yomntu ofileyo.+
2 KuYehova uThixo wenu nisisizwana esingcwele,+ ibe uYehova unikhethile ukuba nibe ngabantu bakhe, abantu bakhe abakhethekileyo,* phakathi kwazo zonke izizwana eziphezu komhlaba.+
3 “Nize ningatyi nantoni na eyenyanyekayo.+
4 Nazi izilwanyana eninokuzitya:+ yinkunzi yenkomo, yigusha, yibhokhwe,
5 yimpunzi, libhadi, lixhama, yibhokhwe yasendle, yimbabala, yigusha yasendle negusha yasezintabeni.
6 Ningazitya zonke izilwanyana ezineempuphu ezicandeke ngokupheleleyo nezilwanyana ezetyisayo.
7 Kodwa ke nazi izilwanyana ezetyisayo nezineempuphu ezicandekileyo eningamele nizitye: inkamela, umvundla nembila, kuba ezi ziyetyisa kodwa iimpuphu zazo azicandekanga. Ngoko ke azicocekanga.+
8 Nehagu nimele ningayityi kuba nangona iimpuphu zayo zicandekile, ayetyisi. Ngoko ke ayicocekanga. Animelanga niyitye inyama yezi zilwanyana okanye nizichukumise izidumbu zazo.
9 “Kwizinto ezihlala emanzini, nazi eninokuzitya: Zonke izinto ezinamaphiko namaxolo ningazitya.+
10 Kodwa ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo, nimele ningazityi. Azicocekanga.
11 “Zonke iintaka ezicocekileyo ningazitya.
12 Kodwa ke nimele ningazityi ezi: ukhozi, unomakhwezana, ixhalanga elimnyama,+
13 ukhetshe obomvu, ukhetshe omnyama, lonke uhlobo loonongwevana,
14 lonke uhlobo lwamahlungulu,
15 inciniba, isikhova, ingabangaba, lonke uhlobo lookhetshe,
16 isikhova esincinci, isikhova esineendlebe ezinde, idada elinentamo ende,
17 ingcwangube, ixhalanga, ugwidi,*
18 ingwamza, lonke uhlobo lookhwalimanzi, ubhobhoyi nelulwane.
19 Zonke izidalwa ezinyakazelayo* ezinamaphiko azicocekanga. Nize ningazityi.
20 Zonke izidalwa ezibhabhayo ezicocekileyo ningazitya.
21 “Nize ningazityi izilwanyana ezifunyenwe zifile.+ Ningazinika abantu basemzini abahlala ezixekweni zenu, okanye nizithengisele abantu basemzini. Kuba nina ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu.
“Nize ningalipheki itakane lebhokhwe ngobisi lukamama walo.+
22 “Nimele niqiniseke ukuba ninikela ngesishumi sayo yonke into eniyivelisayo emasimini enu, unyaka nonyaka.+
23 Nimele nitye isishumi sokutya kwenu okuziinkozo, iwayini yenu entsha, ioli yenu, amazibulo emihlambi yenu yeenkomo neyeegusha phambi koYehova uThixo wenu, kwindawo aza kukhetha ukulibeka kuyo igama lakhe,+ ukuze nifunde ukuhlala nimoyika uYehova uThixo wenu.+
24 “Ukuba niza kuhamba ixesha elide yaye anizukukwazi ukuthwala isishumi nisise kwindawo uYehova uThixo wenu akhetha ukulibeka kuyo igama lakhe+ ngenxa yokuba ikude, (kuba uYehova uThixo wenu uza kunisikelela),
25 ngoko nimele nisithengise eso sishumi nize nithathe loo mali niye kwindawo uYehova uThixo wenu akhetha ukulibeka kuyo igama lakhe.
26 Emva koko ningathenga nokuba yintoni na eniyifunayo, nokuba ziinkomo, iigusha, iibhokhwe, iwayini nobunye utywala, nayo nantoni na enye eniyifunayo; yaye ezo zinto nimele nizityele phambi koYehova uThixo wenu nize nivuye, wena nendlu yakho.+
27 Ningabalibali abaLevi abahlala ezixekweni zenu+ kuba abanasabelo okanye lifa kunye nani.+
28 “Qho xa kuphela iminyaka emithathu nimele nizise isishumi sayo yonke imveliso yonyaka, nize nisibeke esixekweni.+
29 Emva koko kuza kuza abaLevi, ekubeni bengenasabelo nalifa kunye nani, kuze nabantu basemzini, abantwana abangenatata, nabahlolokazi abahlala ezixekweni zenu, baze batye banele,+ yaye uYehova uThixo wenu uza kunisikelela kuyo yonke into eniyenzayo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ilifa lakhe elikhethekileyo.”
^ Intaka enkulu yasemanzini etya iintlanzi, eneenzwane ezinenwebu.
^ Okanye “izinambuzane.”