Duteronomi 31:1-30

  • UMoses seza kufa (1-8)

  • Ukufundwa koMthetho phambi kwamaSirayeli (9-13)

  • UYoshuwa uyabekwa abe yinkokheli (14, 15)

  • AmaSirayeli axelelwa kwangaphambili ngokulahla uThixo (16-30)

    • Ingoma yokufundisa amaSirayeli (19, 22, 30)

31  Emva koko uMoses wathetha la mazwi kuwo onke amaSirayeli,  wathi: “Namhlanje ndineminyaka eyi-120.+ Andizukukwazi ukuqhubeka ndinikhokela kuba uYehova uthe kum, ‘Awuzukuyiwela iYordan.’+  NguYehova uThixo wenu oza kuwela phambi kwenu, yaye uza kuzitshabalalisa ngokwakhe ezi ntlanga phambi kwenu nize nithathe ilizwe lazo.+ NguYoshuwa oza kunikhokela xa niwela,+ njengoko uYehova etshilo.  UYehova uza kwenza ngendlela awenza ngayo kuSihon+ nakuOgi,+ ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo xa wabatshabalalisayo.+  UYehova uza kuzoyisa, yaye nina nimele nenze kuzo yonke into endiniyalele yona.+  Yibani nesibindi, nomelele.+ Sanukoyika okanye nothuswe zizo,+ kuba uYehova uThixo wenu uhamba phambi kwenu. Akasoze anishiye, engasoze anilahle.”+  Emva koko uMoses wabiza uYoshuwa waza wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli esithi: “Yiba nesibindi uze womelele,+ kuba nguwe oza kungenisa aba bantu kwilizwe uYehova awafunga ukulinika ookhokho babo, yaye nguwe oza kubanika lona ukuba libe lilifa labo.+  UYehova uhamba phambi kwakho yaye uza kuqhubeka enawe.+ Akasoze akushiye, engasoze akulahle. Uze ungoyiki okanye wothuke.”+  Emva koko uMoses wawubhala lo Mthetho+ waza wawunika ababingeleli abangabaLevi, abathwala ityeya kaYehova yesivumelwano, nabo bonke abadala bakwaSirayeli. 10  UMoses wabayalela wathi: “Qho xa kuphela iminyaka esixhenxe, ngexesha elibekiweyo ngonyaka wokucinywa kwamatyala abo banityalayo,+ xa nibhiyozela iTheko Lamakhusi,+ 11  xa onke amaSirayeli esiza phambi koYehova+ uThixo wenu kwindawo aza kuyikhetha, nize niwufunde lo Mthetho phambi kwawo onke amaSirayeli ukuze awuve.+ 12  Qokelelani abantu,+ amadoda, abafazi, abantwana nabantu basemzini abahlala ezixekweni zenu, ukuze bamamele, bafunde ngoYehova uThixo wenu baze bamoyike, baqiniseke ukuba bayawathobela onke amazwi alo Mthetho. 13  Oonyana babo ababengawazi lo Mthetho baza kutsho bamamele,+ baze bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu yonke imihla yokuphila kwenu kwilizwe eniwela iYordan nisiya kuhlala kulo.”+ 14  Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Jonga! Lisondele ixesha lokuba ufe.+ Biza uYoshuwa, nize nime ententeni yokuhlangana, ukuze ndimbeke abe yinkokheli.”+ Ngoko uMoses noYoshuwa baya ententeni yokuhlangana. 15  Emva koko uYehova wabonakala ententeni kumqulu welifu, yaye umqulu welifu wema ngakumnyango wentente.+ 16  UYehova wathi kuMoses: “Jonga! Wena sele uza kufa, ibe aba bantu baza kuzenza abafazi abathengisa ngemizimba koothixo basemzini ababangqongileyo kwilizwe abaya kulo.+ Baza kundilahla+ baze basaphule isivumelwano endisenze nabo.+ 17  Ngelo xesha ndiza kuba nomsindo kubo,+ ndibalahle+ ndize ndibufihle ubuso bam kubo+ bade batshatyalaliswe. Emva kokuba behlelwe ziintlekele ezininzi nazizinto ezibuhlungu,+ baza kuthi, ‘Akungebi bethu uThixo wethu akekho phakathi kwethu le nto sifikelwe zezi ntlekele?’+ 18  Kodwa mna ndiza kuqhubeka ndibufihlile ubuso bam ngelo xesha, ngenxa yabo bonke ububi ababenzileyo ngokuya kukhonza abanye oothixo.+ 19  “Ngoku ke bhalani le ngoma+ nize niyifundise amaSirayeli.+ Mawayifunde ukuze iwakhumbuze into eyenzekayo xa engamthobeli uThixo.+ 20  Xa sele ndiwangenisile kwilizwe endafunga ngalo kookhokho babo,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ yaye xa sele etye anela, nezinto zawahambela kakuhle,*+ aza kujika aye kwabanye oothixo, abakhonze, andidelele aze asaphule isivumelwano sam.+ 21  Xa esehlelwa ziintlekele ezininzi nazizinto ezibuhlungu,+ le ngoma iza kuwakhumbuza ukuba kwenzeka ntoni xa engamthobeli uThixo (kuba inzala yawo ayimele iyilibale), kaloku sele ndiyazi iminqweno yawo+ kwangoku engekangeni kwilizwe endifunge ngalo.” 22  Ngaloo mini uMoses wayibhala phantsi le ngoma, waza wayifundisa amaSirayeli. 23  Emva koko wambeka* waba yinkokheli uYoshuwa+ unyana kaNun waza wathi: “Yiba nesibindi uze womelele,+ kuba nguwe oza kungenisa amaSirayeli kwilizwe endiwafungele ngalo,+ yaye ndiza kuba nawe.” 24  Emva nje kokuba uMoses egqibile ukuwabhala amazwi alo Mthetho encwadini,+ 25  wabayalela abaLevi abathwala ityeya kaYehova yesivumelwano wathi: 26  “Thathani le ncwadi yoMthetho,+ niyibeke ecaleni kwetyeya+ yesivumelwano kaYehova uThixo wenu, ukuze asebenzise yona xa enigweba. 27  Kuba ndikwazi kakuhle ukungathobeli+ nokuba nenkani kwenu.*+ Ukuba niye anamthobela uYehova uThixo wenu ngoxa bendisaphila kunye nani, kuza kubeka phi xa sele ndifile! 28  Ndibizeleni bonke abadala bezizwe zenu, namagosa enu ukuze ndiwathethe kubo la mazwi, aze amazulu nomhlaba abe ngamangqina.+ 29  Kuba ndazi kakuhle ukuba xa ndifile niza kwenza izinto ezimbi+ nize nimke kwizinto endiniyalele zona. Yaye ngokuqinisekileyo kwixesha elizayo niza kufikelwa yintlekele+ kuba niza kwenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova yaye niza kumcaphukisa ngemisebenzi yezandla zenu.” 30  Emva koko uMoses wawathetha amazwi ale ngoma, waqala ekuqaleni wayokuphuma ekugqibeleni, limamele lonke ibandla lamaSirayeli:+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “aza atyeba.”
Kubonakala ukuba kuthethwa ngoThixo.
Ngokoqobo, “nobuntamo-lukhuni benu.”