Eksodus 22:1-31
22 “Ukuba umntu ube inkunzi yenkomo okanye igusha waza wayixhela okanye wayithengisa, makayibhatale loo nkunzi yenkomo ngeenkomo ezintlanu, abhatale loo gusha ngeegusha ezine.+
2 (“Ukuba isela+ libhaqwe liqhekeza laza labethwa lafa, akukho mntu unetyala legazi.
3 Kodwa ukuba libethwe lafa emva kokuba kuphume ilanga, lowo ulibethileyo unetyala legazi.)
“Isela limele libhatale. Ukuba alinanto, malithengiswe ukuze kubhatalwe izinto elizibileyo.
4 Ukuba loo nto ibiweyo ifunyenwe isaphila kwelo sela, nokuba yinkunzi yenkomo okanye yidonki okanye yigusha, limele liyibhatale ngokuphindwe kabini.
5 “Ukuba nabani na uye wayiyeka imfuyo yakhe yayokutya entsimini okanye entsimini yeediliya, aze ayiyeke ibhuqe intsimi yomnye umntu, umele abhatale ngeyona nto intle yentsimi yakhe okanye ngeyona nto intle yentsimi yakhe yeediliya.
6 “Ukuba kunokuqala umlilo uze unwenwele ematyholweni anameva, uzitshise ziphele izithungu okanye ukutya okuziinkozo okungekavunwa, okanye intsimi, loo mntu uwuphembileyo makayibhatale loo nto ayitshisileyo.
7 “Ukuba umntu unika ummelwane wakhe imali okanye umgcinisa impahla, zize zibiwe endlini yaloo mntu, lize elo sela lifunyanwe, limele libhatele ngokuphindwe kabini.+
8 Ukuba alifunyanwanga isela, umninindlu umele asondezwe phambi koThixo wokwenene+ ukuze kubonwe ukuba akazithathanga na izinto zommelwane wakhe.
9 Xa kukho umntu omangalelwa ngokuba nento engeyoyakhe, nokuba yinkunzi yenkomo, idonki, igusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo omnye umntu anokuyibanga athi, ‘Yeyam!’ bobabini bamele bamangale kuThixo wokwenene.+ Loo mntu uThixo athe unetyala, umele ambhatale ngokuphindwe kabini ummelwane wakhe.+
10 “Ukuba umntu unika ummelwane wakhe idonki okanye inkunzi yenkomo okanye igusha okanye nasiphi na isilwanyana sasekhaya ukuba asigcine, size sife okanye senzakale okanye siqhutywe kumkiwe naso kungekho mntu ujongileyo,
11 loo mntu makamfungele ummelwane wakhe kuYehova, ukuba akazithathanga izinto zakhe. Umnikazi waloo mfuyo umele ayamkele loo nto. Loo mmelwane ukhululekile, akazukubhatala.+
12 Kodwa ukuba loo mfuyo ibiwe ikuye, makambhatale umnikazi wayo.
13 Ukuba iqwengwe sisilwanyana sasendle, umele eze neso silwanyana sifileyo, sibe bubungqina. Makangabhatali into eqwengwe sisilwanyana sasendle.
14 “Ukuba umntu uboleke isilwanyana kummelwane wakhe, saza senzakala okanye safa engekho umnikazi waso, loo mntu usibolekileyo makasibhatale.
15 Ukuba ebekhona umnikazi waso, makangabhataliswa. Ukuba besiqeshiwe, sesibhatelwe ngaloo mali besiqeshwe ngayo.
16 “Ukuba indoda ihenda intombi engazange yalala nandoda, engekathenjiswa mtshato, ize ilale nayo, imele iyilobole ibe ngumfazi wayo.+
17 Nokuba utata wayo akafuni ukuyinikela kuyo, loo ndoda isamele ibhatale imali elingana neyelobola.
18 “Makabulawe umntu othakathayo.+
19 “Makabulawe umntu olala nesilwanyana.+
20 “Makatshatyalaliswe umntu obingelela komnye uthixo ongenguye uYehova.+
21 “Uze ungamphathi kakubi okanye umcinezele umntu wasemzini,+ kuba nani naningabantu basemzini kwilizwe laseYiputa.+
22 “Nize ningamphathi kakubi umhlolokazi okanye umntwana ongenatata.*+
23 Ukuba uye wamphatha kakubi nangayiphi na indlela, aze andikhalele, ngokuqinisekileyo ndiza kusiva isikhalo sakhe,+
24 ndicaphuke kakhulu, ndize ndinibulale ngekrele, babe ngabahlolokazi abafazi benu, baze bangabi natata abantwana benu.
25 “Ukuba ubolekisa ngemali kuye nabani na ohluphekayo* kubantu bam, uze ungabi njengombolekisi wemali kuye. Uze ungambizi nzala.+
26 “Ukuba uthatha into yokunxiba yommelwane wakho njengesibambiso,+ umele uyibuyisele kuye lingekatshoni ilanga.
27 Kuba ikuphela kwento anayo yokwambatha, into yakhe yokunxiba. Uza kulala ngantoni ke?+ Ukuba uye wandikhalela, ngokuqinisekileyo ndiza kusiva isikhalo sakhe, kuba ndinovelwano.*+
28 “Uze ungamqalekisi* uThixo,+ ungayithuki nenkosi* yabantu bakowenu.+
29 “Sukuthandabuza ukunikela xa uye wanemveliso eninzi naxa ziye zaphuphuma izixovulelo zakho.*+ Umele undinike unyana wakho olizibulo.+
30 Nantsi into omele uyenze ngenkunzi yakho yenkomo nangegusha yakho:+ Zoba koonina iintsuku ezisixhenxe. Umele uzinikele kum ngosuku lwesibhozo.+
31 “Nimele nizingqine ningabantu abangcwele kum,+ ningatyi kwanto eqwengwe sisilwanyana sasendle.+ Yiphoseni ezinjeni.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “inkedama.”
^ Okanye “oxhwalekileyo.”
^ Okanye “ndinobubele.”
^ Okanye “ungamnyelisi.”
^ Okanye “nomlawuli.”
^ Oko kukuthi, izixovulelo zeoli nezewayini.