Eksodus 6:1-30
6 UYehova wathi kuMoses: “Ngoku uza kuyibona into endiza kuyenza kuFaro.+ Isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abayeke bahambe abantu bam, yaye isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abagxothe kwilizwe lakhe.”+
2 Emva koko uThixo wathi kuMoses: “NdinguYehova.
3 Ndandidla ngokubonakala kuAbraham, kuIsake nakuYakobi ndinguThixo uSomandla,+ kodwa zange ndibazise igama lam elinguYehova.+
4 Enye into, ndenza isivumelwano nabo sokuba ndiza kubanika ilizwe lakwaKanan, apho bakhe bahlala khona bengabantu basemzini.+
5 Ndizivele ngokwam ukuncwina kwabantu bakaSirayeli, abakhotyokiswa ngamaYiputa, kwaye ndisikhumbule isivumelwano sam.+
6 “Ngoko yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova, yaye ndiza kunikhupha phantsi kwengcinezelo yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni,+ ibe ndiza kunikhulula ngengalo eyoluliweyo* nangezigwebo eziqatha.+
7 Yaye ndiza kunenza abantu bam, ndibe nguThixo wenu,+ yaye niza kwazi nyhani ukuba ndinguYehova uThixo wenu onikhupha kwingcinezelo yamaYiputa.
8 Ndiza kunisa kwilizwe endafunga* ngalo ukuba ndiza kulinika uAbraham, uIsake noYakobi. Ndiza kuninika lona libe lelenu.+ NdinguYehova.’”+
9 Emva koko uMoses wawathetha kumaSirayeli la mazwi, kodwa zange ammamele ngenxa yokutyhafa nangenxa yokukhotyokiswa.+
10 Ngoko uYehova wathi kuMoses:
11 “Yiya kuFaro ukumkani waseYiputa, umxelele ukuba ufanele awakhulule amaSirayeli emke kwilizwe lakhe.”
12 UMoses wathi kuYehova: “AmaSirayeli khange andimamele,+ uza kundimamela njani ke yena uFaro, ekubeni ndingakwazi ukuthetha kakuhle?”+
13 UYehova waphinda waxelela uMoses noAron imiyalelo amabayithethe kumaSirayeli nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuze akhuphe amaSirayeli kwilizwe laseYiputa.
14 Nazi iintloko zezindlu zootata bawo: Koonyana bakaRubhen, izibulo likaSirayeli,+ yayinguHanoki, uPalu, uHetseron noKarmi.+ Ezo ziintsapho zikaRubhen.
15 Koonyana bakaSimeyon yayinguYemuweli, uYamin, uOhadi, uYakin, uTsohare noShawule unyana womfazi ongumKanan.+ Ezo ziintsapho zikaSimeyon.
16 La ngamagama oonyana bakaLevi,+ ngokweminombo yeentsapho zabo: UGershon, uKohati noMerari.+ ULevi waphila iminyaka eyi-137.
17 Oonyana bakaGershon yayinguLibhini noShimeyi, ngokweentsapho zabo.+
18 Oonyana bakaKohati yayinguAmram, uItsare, uHebron noUziyeli.+ UKohati waphila iminyaka eyi-133.
19 Oonyana bakaMerari yayinguMahali noMushi.
Ezo ziintsapho zakwaLevi, ngokweminombo yeentsapho zazo.+
20 UAmram watshata noYokebhede udadeboyise.+ Wamzalela uAron noMoses.+ UAmram waphila iminyaka eyi-137.
21 Oonyana bakaItsare yayinguKora,+ uNefege noZikri.
22 Oonyana bakaUziyeli yayinguMishayeli, uElitsafan+ noSiteri.
23 UAron watshata noElishebha, intombi ka-Aminadabhi, udadeboNashon.+ Wamzalela uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+
24 Oonyana bakaKora yayinguAsire, uElikana noAbhiyasafu.+ Ezo ziintsapho zamaKora.+
25 UEleyazare,+ unyana ka-Aron, watshata enye yeentombi zikaPutiyeli. Yamzalela uFinehasi.+
Ezo ziintloko zootata babaLevi ngokweentsapho zazo.+
26 Ngulo Aron noMoses, awathi uYehova kubo: “Khuphani abantu bakaSirayeli kwilizwe laseYiputa, ngokwamaqela ngamaqela.”*+
27 Ngabo abathetha noFaro ukumkani waseYiputa, ukuze bakhuphe amaSirayeli eYiputa. NguMoses noAron ke abo.+
28 Xa uYehova wayethetha noMoses kwilizwe laseYiputa ngaloo mini,
29 uYehova wathi: “NdinguYehova. Xelela uFaro ukumkani waseYiputa yonke into endiyithetha kuwe.”
30 UMoses wathi kuYehova: “Andikwazi ukuthetha kakuhle, ngoko uza kundimamela njani ke uFaro?”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “enamandla.”
^ Ngokoqobo, “endaphakamisa isandla.”
^ Ngokoqobo, “ngokwemikhosi yabo.”