Estere 6:1-14

  • UMordekayi unikwa imbeko ngukumkani (1-14)

6  Ngobo busuku ukumkani waphuthelwa. Ngoko wathi makuziswe incwadi yembali yaloo maxesha,+ wayifundelwa.  Kuloo ncwadi kwakubhalwe into eyayichazwe nguMordekayi ngoBhigetana noTereshe, amagosa amabini awayengoonogada basemnyango kwindlu kakumkani, awayenze iyelenqe lokubulala* uKumkani uAhaswerosi.+  Ukumkani wabuza: “Uwongwe ngantoni, okanye wenzelwe yiphi imbeko uMordekayi ngale nto?” Izicaka zikakumkani zathi: “Akenzelwanga nto.”  Ethubeni ukumkani wathi: “Kukho bani ebaleni?” Kwathi kanti uHaman wayekwibala elingaphandle+ lendlu kakumkani eze kuthetha nokumkani ngokuxhoma uMordekayi esibondeni awayemlungiselele sona.+  Izicaka zikakumkani zathi kuye: “NguHaman+ omi ebaleni.” Ukumkani wathi: “Mngeniseni.”  Akungena uHaman, ukumkani wathi kuye: “Ingenzelwa ntoni indoda athanda ukuyiwonga ukumkani?” UHaman wathi entliziyweni yakhe: “Ingangubani ukumkani angathanda ukumwonga ngaphandle kwam?”+  Ngoko uHaman wathi kukumkani: “Kwindoda athanda ukuyiwonga ukumkani,  makuziswe ezasebukhosini+ ezinxitywa ngukumkani ngokwakhe nehashe akhwela kulo ukumkani, ize intloko yalo ihonjiswe ngezasebukhosini.  Emva koko, ezo mpahla nelo hashe mazinikwe enye yeenkosana ezibekekileyo, ize ke inxityiswe loo ndoda athanda ukuyiwonga ukumkani, bayikhwelise ehasheni ihamba-hambe kwindawo kawonke-wonke yesixeko. Bafanele bakhwaze phambi kwayo bathi: ‘Kwenziwa nje kwindoda athanda ukuyiwonga ukumkani!’”+ 10  Ngoko nangoko, ukumkani wathi kuHaman: “Khawulezisa ke! Thatha iimpahla nehashe elo, uze wenzele uMordekayi umYuda ohleli egeyithini kakumkani yonke le nto uyithethileyo. Ungashiyi nanye kwezi zinto uzithethileyo.” 11  Ngoko uHaman wazithatha ezo mpahla nehashe elo, wanxibisa uMordekayi,+ wamhambisa kwindawo kawonke-wonke yesixeko ekhwaza phambi kwakhe esithi: “Kwenziwa nje kwindoda athanda ukuyiwonga ukumkani!” 12  Emva koko uMordekayi wabuyela egeyithini kakumkani, kodwa uHaman wakhawuleza wagoduka, edanile yaye intloko yakhe eyigqumile. 13  Xa uHaman wabalisela umfazi wakhe uZereshe+ nabo bonke abahlobo bakhe yonke into eyayimehlele, abacebisi bakhe* nomfazi wakhe uZereshe bathi kuye: “Ukuba lo Mordekayi, osele uqalile ukuwa phambi kwakhe, uyinzala yamaYuda,* awuzukumoyisa; nakanjani uza kuwa phambi kwakhe.” 14  Besathetha noHaman njalo, kwafika amagosa endlu kakumkani, amthatha ngokukhawuleza amsa kwisidlo esasenziwe nguEstere.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “lokusa isandla.”
Ngokoqobo, “amadoda akhe azizilumko.”
Ngokoqobo, “uphuma kwimbewu yamaYuda.”