Estere 7:1-10

  • UEstere uxela iyelenqe likaHaman (1-6a)

  • UHaman uxhonywa kwisibonda asenzileyo (6b-10)

7  Ukumkani noHaman+ bangena kwisidlo sikaKumkanikazi uEstere.  Ngosuku lwesibini, xa kwakuselwa iwayini, ukumkani waphinda wathi kuEstere: “Yintoni oyidingayo Kumkanikazi Estere? Uza kuyifumana! Ucela ntoni? Nokuba ungacela ihafu yobukumkani bam, uza kuyinikwa!”+  UKumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Owu kumkani, ukuba uyandithanda, yaye ukuba kulungile kukumkani, ndicelela ubomi bam, ndicelela nabantu bakowethu.+  Kuba sithengisiwe,+ mna nabantu bakowethu, ukuba sibulawe size sitshatyalaliswe.+ Ukuba besithengiswe ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana kuphela, ngendiye ndathula. Kodwa eli sikizi alimele livunyelwe, kuba liza kumchana ukumkani.”  UKumkani uAhaswerosi wathi kuKumkanikazi uEstere: “Ngubani lowo, iphi loo ndoda inesibindi sokwenza into enjalo?”  UEstere wathi: “Utshaba sesi sikhohlakali singuHaman.” UHaman wamoyika ukumkani nokumkanikazi.  Ukumkani waphakama enomsindo waphuma kwisidlo waya kumyezo wendlu kakumkani, kodwa uHaman waphakama ukuze acengele ubomi bakhe kuKumkanikazi uEstere, kuba wabona ukuba ukumkani uzimisele ukumohlwaya.  Ukumkani wabuya emyezweni waya endlini yesidlo. Wabona ukuba uHaman wayeziphose kwisitulo esimfuma-mfuma awayekuso uEstere. Ukumkani wakhwaza wathi: “Tyhini, uHaman uza kude adlwengule nokumkanikazi endlini yam?” Athi akuphuma loo mazwi emlonyeni kakumkani, bogqunywa ubuso bukaHaman.  Ngoko uHarbhona,+ omnye wamagosa endlu kumkani, wathi: “Enye into, kukho isibonda uHaman asenzele uMordekayi,+ lo weza neendaba ezasindisa ukumkani.+ Simi kwaHaman yaye siziikubhite eziyi-50* ukuphakama.” Akutsho, ukumkani wathi: “Mxhomeni kuso.” 10  Ngoko bamxhoma uHaman kwisibonda awayesilungiselele uMordekayi, watsho wehla umsindo kakumkani.

Umbhalo osemazantsi

Malunga ne-22,3 m. Funda Isihlomelo B14.