Ezra 1:1-11

  • UKumkani uKoreshi uyalela ukuba iphinde yakhiwe itempile (1-4)

  • Kulungiselelwa ukuba abathinjwa babuye eBhabhiloni (5-11)

1  Ngonyaka wokuqala kaKumkani uKoreshi+ wasePersi, uYehova wenza ukuba uKumkani uKoreshi wasePersi enze isaziso kubo bonke ubukumkani bakhe, aze asibhale phantsi,+ ukuze kwenzeke ngokwelizwi uYehova awalithetha ngoYeremiya.+ Esi saziso sasisithi:  “Uthi uKumkani uKoreshi wasePersi, ‘UYehova uThixo wamazulu uzinike mna zonke izizwe* zomhlaba,+ yaye undithumile ukuba ndimakhele indlu eYerusalem+ ekwaYuda.  Nabani na phakathi kwenu ongowakhe, kwanga uThixo wakhe anganaye. Makahambe aye eYerusalem, ekwaYuda, ayokuphinda akhe indlu kaYehova uThixo kaSirayeli, uThixo wokwenene, owayenendlu eseYerusalem.*  Nabani na ohambayo,+ nokuba uhlala phi na, makancedwe ngabamelwane bakhe bamnike isilivere negolide, impahla nemfuyo, nezinye izinto zokwenza umnikelo wokuzithandela endlini yoThixo wokwenene+ eyayiseYerusalem.’”  Iintloko zezindlu zakwaYuda nakwaBhenjamin, ababingeleli nabaLevi, bonke ababeqhutywa ngumoya kaThixo, balungiselela ukuhamba bayokwakha indlu kaYehova eyayiseYerusalem.  Bonke abamelwane babo babanceda ngokubanika izitya zesilivere nezegolide, impahla, imfuyo nezinto ezixabisekileyo, ukongezelela kwizinto zokwenza iminikelo yokuzithandela.  UKumkani uKoreshi wakhupha nempahla yendlu kaYehova eyayifakwe nguNebhukadenetsare endlini yothixo wakhe, eyithathe eYerusalem.+  UKumkani uKoreshi wasePersi wathi mayigadwe nguMiteredati umgcini-mali, owayibalayo waza wayidlulisela kuSheshbhatsare*+ isikhulu sakwaYuda.  Kwakhutshwa ezi zinto: iibhaskithi zegolide eziyi-30, iibhaskithi zesilivere eziyi-1 000, ezinye iibhaskithi eziyi-29, 10  izitya ezincinci zegolide eziyi-30, izitya ezincinci zesilivere eziyi-410, nezinye izitya eziyi-1 000. 11  Xa zizonke izitya zegolide nezesilivere zaziyi-5 400. USheshbhatsare wazibuyisela eYerusalem xa kwakubuya abathinjwa+ ababesuka eBhabhiloni.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “izikumkani.”
Okanye kusenokwenzeka, “oseYerusalem.”
Kusenokwenzeka ukuba lo nguZerubhabheli okuEzr 2:2; 3:8.