Ezra 2:1-70
2 Aba ngabantu bephondo* ababebuye ekuthinjweni+ nguKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni,+ bebuyela kwizixeko zabo, eYerusalem nakwaYuda,+
2 abo beza noZerubhabheli,+ uYeshuwa,+ uNehemiya, uSeraya, uRehelaya, uMordekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigevayi, uRehum noBhahana.
Nanga amanye amadoda akwaSirayeli awabuyayo:+
3 oonyana bakaParoshe babeyi-2 172;
4 oonyana bakaShefatiya babeyi-372;
5 oonyana baka-Arahi+ babeyi-775;
6 oonyana bakaPahati-mowabhi,+ woonyana bakaYeshuwa noYowabhi babeyi-2 812;
7 oonyana bakaElam+ babeyi-1 254;
8 oonyana bakaZatu+ babeyi-945;
9 oonyana bakaZakayi babeyi-760;
10 oonyana bakaBhani babeyi-642;
11 oonyana bakaBhebhayi babeyi-623;
12 oonyana baka-Azegadi babeyi-1 222;
13 oonyana baka-Adonikam babeyi-666;
14 oonyana bakaBhigevayi babeyi-2 056;
15 oonyana baka-Adin babeyi-454;
16 oonyana baka-Atere, wendlu kaHezekiya babeyi-98;
17 oonyana bakaBhetsayi babeyi-323;
18 oonyana bakaYora babeyi-112;
19 oonyana bakaHashum+ babeyi-223;
20 oonyana bakaGibhare babeyi-95;
21 oonyana baseBhetelehem babeyi-123;
22 amadoda aseNetofa ayeyi-56;
23 amadoda aseAnatoti+ ayeyi-128;
24 oonyana baseAzimaveti babeyi-42;
25 oonyana baseKiriyati-yarim, eKefira naseBheheroti babeyi-743;
26 oonyana baseRama+ naseGebha+ babeyi-621;
27 amadoda aseMikimase ayeyi-122;
28 amadoda aseBheteli naseAyi+ ayeyi-223;
29 oonyana baseNebho+ babeyi-52;
30 oonyana baseMagebhishe babeyi-156;
31 oonyana benye iElam babeyi-1 254;
32 oonyana baseHarim babeyi-320;
33 oonyana baseLodi, eHadidi naseOno babeyi-725;
34 oonyana baseYeriko babeyi-345;
35 oonyana baseSenaha babeyi-3 630.
36 Naba ababingeleli:+ oonyana bakaYedaya+ wendlu kaYeshuwa+ babeyi-973;
37 oonyana bakaImere+ babeyi-1 052;
38 oonyana bakaPashure+ babeyi-1 247;
39 oonyana bakaHarim+ babeyi-1 017.
40 Naba abaLevi:+ oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli,+ ababengoonyana bakaHodaviya babeyi-74.
41 Nazi iimvumi:+ oonyana baka-Asafu+ babeyi-128.
42 Naba oonyana boonogada basegeyithini:+ oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemoni,+ oonyana baka-Akubhi,+ oonyana bakaHatita noonyana bakaShobhayi, xa bebonke babeyi-139.
43 Naba abasebenzi basetempileni:*+ oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti,
44 oonyana bakaKero, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,
45 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,
46 oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaSalmayi, oonyana bakaHanan,
47 oonyana bakaGideli, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,
48 oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,
49 oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,
50 oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehun, oonyana bakaNefusim;
51 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,
52 oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,
53 oonyana bakaBharkos, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTema,
54 oonyana bakaNetsiya noonyana bakaHatifa.
55 Naba oonyana bezicaka zikaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSofereti, oonyana bakaPeruda,+
56 oonyana bakaYahalaha, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGideli,
57 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokereti-hatsebhayim noonyana baka-Ami.
58 Abasebenzi basetempileni* noonyana bezicaka zikaSolomon xa bebonke babeyi-392.
59 Naba ababesuka eTele-mela, eTele-haresha, eKherubhi, eAdon naseImere, kodwa abazange bakwazi ukulanda izindlu zootata babo nemvelaphi yabo, ukuze baqonde ukuba bangawo na amaSirayeli:+
60 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya noonyana bakaNekoda babeyi-652.
61 Naba oonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse,+ oonyana bakaBharzilayi, owathatha umfazi kwiintombi zikaBharzilayi+ umGiliyadi waza wabizwa ngegama lakhe.
62 Bakhangela umnombo wabo ezincwadini, kodwa abazange bawufumane, ngoko abazange bavunyelwe* ukuba babe ngababingeleli.+
63 Umlawuli* wabaxelela ukuba mabangazityi ezona zinto zingcwele+ de kubekho umbingeleli oza kukwazi ukubuza kwiUrim neTumim.+
64 Xa lilonke eli bandla lalinabantu abayi-42 360,+
65 ngaphandle kwamakhoboka namakhobokazana abo ayi-7 337. Babenazo neemvumi neemvumikazi eziyi-200.
66 Amahashe abo ayeyi-736, iimeyile zabo ziyi-245,
67 iinkamela zabo ziyi-435, zona iidonki ziyi-6 720.
68 Ukufika kwazo endlini kaYehova eYerusalem, ezinye iintloko zezindlu zenzela indlu yoThixo wokwenene iminikelo yokuzithandela+ ukuze iphinde yakhiwe kulaa ndawo yayikuyo.+
69 Zanikela ngezinto ezinazo kulo msebenzi, iidrarhma* zegolide eziyi-61 000, iimina* zesilivere eziyi-5 000,+ nemiwunduzo yababingeleli eyi-100.
70 Ababingeleli, abaLevi, oonogada basegeyithini, iimvumi, abantu abaqhelekileyo, nabasebenzi basetempileni* bahlala kwizixeko zabo, nawo onke amanye amaSirayeli aya kuhlala kwizixeko zawo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ababekwingingqi ekummandla kakumkani.”
^ Okanye “Nanga amaNethini.” Ngokoqobo, “abo banikelweyo.”
^ Okanye “AmaNethini.” Ngokoqobo, “Abo banikelweyo.”
^ Okanye “babejongwa njengabangacocekanga baza abavunyelwa.”
^ Okanye “ITirshata,” indlela awayebizwa ngayo umphathi wephondo ePersi.
^ Idla ngokulinganiswa nedarike yegolide yasePersi eyayiyi-8,4 g. Ayifani nedrarhma ekuthethwa ngayo kwiZibhalo ZesiGrike. Funda Isihlomelo B14.
^ Imina kwiZibhalo ZesiHebhere ilingana ne-570 g. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “namaNethini.” Ngokoqobo, “nabo banikelweyo.”