Genesis 10:1-32
10 Le yimbali yoonyana bakaNowa, uShem,+ uHam noYafete.
Bazalelwa oonyana emva koMkhukula.+
2 Oonyana bakaYafete yayinguGomere,+ uMagogi,+ uMadayi, uYavan, uTubhali,+ uMesheki+ noTiras.+
3 Oonyana bakaGomere yayinguAshikenazi,+ uRifati noTogama.+
4 Oonyana bakaYavan yayinguElishaha,+ uTarshishe,+ uKitim+ noDodanim.
5 Abemi beziqithi baphuma kubo, baza basasazeka kwiindawo zabo ngokweelwimi zabo neentsapho zabo, nangokweentlanga zabo.
6 Oonyana bakaHam yayinguKushe, uMitserayim,+ uPuti+ noKanan.+
7 Oonyana bakaKushe yayinguSebha,+ uHavila, uSabheta, uRahama+ noSabheteka.
Oonyana bakaRahama yayinguShebha noDedan.
8 UKushe wazala uNimrodi. Ungowokuqala ukuba ligorha emhlabeni.
9 Waba ngumzingeli oligorha, evukela uYehova. Yiloo nto kukho intetho ethi: “Kanye njengoNimrodi umzingeli oligorha, olwa noYehova.”
10 Waqala ukulawula* eBhabheli,+ e-Erek,+ eAkadi naseKalene ilizwe laseShinare.+
11 Ukusuka kwelo lizwe, waya eAsiriya+ waza wakha iNineve,+ iRehobhoti-Ire, iKala,
12 neResen phakathi kweNineve neKala: Esi sisixeko esikhulu.*
13 UMitserayim wazala uLudi,+ uAnamim, uLehabhim, uNefetuhim,+
14 uPatrusi,+ uKaseluhim (ekwaphuma kuye amaFilisti+) noKafetori.+
15 UKanan wazala uSidon+ izibulo lakhe noHeti,+
16 namaYebhusi,+ ama-Amori,+ amaGirgashi,
17 amaHivi,+ ama-Areki amaSin,
18 ama-Arvadi,+ amaTsemari namaHamati.+ Emva koko iintsapho zamaKanan zathi saa.
19 Ngoko umda wamaKanan wawususela eSidon uyokufikelela eGerare,+ kufuphi neGaza,+ uze uye eSodom naseGomora,+ eAdima naseTsebhoyim,+ kufuphi neLasha.
20 Abo ke ngoonyana bakaHam ngokweentsapho zabo, ngokweelwimi zabo, ngokwamazwe abo nangokweentlanga zabo.
21 Naye uShem, ongukhokho wabo bonke oonyana bakaEbhere,+ umntakwaboYafete inkulu,* wazalelwa abantwana.
22 Oonyana bakaShem yayinguElam,+ uAshuri,+ uArpakhishadi,+ uLudi, noAram.+
23 Oonyana baka-Aram yayingu-Utse, uHuli, uGetere noMashe.
24 UArpakhishadi wazala uShela, waza uShela+ wazala uEbhere.
25 UEbhere wazalelwa oonyana ababini. Igama lomnye yayinguPelege,*+ kuba ngemihla yakhe umhlaba wawahlulelene.* Igama lomntakwabo yayinguYoketan.+
26 UYoketan wazala uAlmodadi, uShelefe, uHatsaremavete, uYera,+
27 uHadoram, u-Uzali, uDikela,
28 uObhali, uAbhimayeli, uShebha,
29 uOfire,+ uHavila noYobhabhi. Bonke aba yayingoonyana bakaYoketan.
30 Indawo ababehlala kuyo yayisuka eMesha iyokutsho eSefara, ummandla weentaba waseMpuma.
31 Abo ke yayingoonyana bakaShem ngokweentsapho zabo, ngokweelwimi zabo, ngokwamazwe abo nangokweentlanga zabo.+
32 Ezo ke yayiziintsapho zoonyana bakaNowa ngokweminombo yazo, ngokweentlanga zazo. Zaphuma kubo iintlanga zaza zasasazeka emhlabeni emva koMkhukula.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Izixeko awaqala ukuzilawula.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Zonke zenza isixeko esikhulu.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “umkhuluwa kaYafete.”
^ Othetha ukuthi “Ukwahlukana.”
^ Okanye “abantu bomhlaba babohlulelene.”