Genesis 20:1-18

  • USara usindiswa kuAbhimeleki (1-18)

20  Ngoku uAbraham wayifudusa inkampu yakhe apho,+ waya kwilizwe laseNegebhi waza wahlala phakathi kweKadeshe+ neShure.+ Ngoxa wayesahlala* eGerare,+  uAbraham waphinda wathi ngoSara umfazi wakhe: “Ngudadewethu.”+ Ngoko uAbhimeleki ukumkani waseGerare wathumela ukuba kuziswe uSara.+  Emva koko uThixo wafika kuAbhimeleki ephupheni ngobusuku, wathi kuye: “Ungofileyo ngenxa yenkosikazi oyithathileyo,+ kuba itshatile, ingumfazi wenye indoda.”+  Noko ke, uAbhimeleki wayengekasondeli kuye.* Ngoko wathi: “Yehova, ngaba nyhani uza kulubulala uhlanga olungenatyala?*  Akatshongo na yena kum ukuthi, ‘Ngudadewethu,’ naye uSara akatshongo na ukuthi, ‘Ngumntakwethu’? Le nto ndiyenze ngentliziyo enyanisekileyo nangezandla ezimsulwa.”  Ngoko uThixo wokwenene wathi kuye ephupheni: “Ndiyazi ukuba le nto uyenze ngentliziyo enyanisekileyo, ngoko ndikunqandile ukuba ungandoni. Yiloo nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise.  Ngoku ke mbuyisele umfazi wale ndoda, kuba ingumprofeti,+ kwaye iza kukuthandazela ikucengela,+ uze uhlale uphila. Kodwa ukuba awumbuyiseli, yazi ukuba uza kufa, wena nabo bonke abantu bakho.”  UAbhimeleki wavuka ekuseni, wabiza zonke izicaka zakhe, wazixelela yonke into, zaza zoyika kakhulu.  Emva koko uAbhimeleki wabiza uAbraham wathi kuye: “Yintoni le usenze yona? Ndikone ngantoni le nto ubangele mna nesizwe sam sone kakhulu kangaka? Ayilunganga into ondenze yona.” 10  UAbhimeleki waphinda wathi kuAbraham: “Ubuyenzela ntoni le nto?”+ 11  UAbraham wathi: “Kaloku ndiye ndazixelela oku, ‘Ngokuqinisekileyo uThixo akoyikwa kule ndawo, kwaye baza kundibulala ngenxa yomfazi wam.’+ 12  Phofu ke ungudadewethu nyhani, intombi katata, kodwa akazalwa ngumama, yaye uye waba ngumfazi wam.+ 13  Xa uThixo wathi mandihambe endlini katata,+ ndathi kumfazi wam: ‘Nantsi indlela omawubonise ngayo ukuba awugungqi ekundithandeni: Nakweyiphi indawo esifika kuyo, uze uthi ngam: “Ngumntakwethu.” ’ ”+ 14  UAbhimeleki wathatha iigusha neenkomo, izicaka nezicakakazi wazinika uAbraham, wambuyisela nomfazi wakhe uSara. 15  UAbhimeleki wathi: “Nali ilizwe lam liphambi kwakho. Hlala naphi na apho uthanda khona.” 16  KuSara wathi: “Ndinika umntakwenu+ amaqhosha esilivere ayi-1 000. Abubungqina bokuba umsulwa* kubo bonke abakunye nawe, nakubo bonke abanye, kwaye awuzukuba nagama libi.” 17  UAbraham wathandaza kuThixo wokwenene emcenga, waza uThixo wamphilisa uAbhimeleki nomfazi wakhe namakhobokazana akhe, batsho baba nabantwana; 18  kuba uYehova wayebenze abafumana bantwana bonke abafazi bendlu ka-Abhimeleki* ngenxa kaSara, umfazi ka-Abraham.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayesahlala njengomntu wasemzini.”
Okanye “elenza ngobulungisa.”
Oko kukuthi, wayengekabelani naye ngesondo.
Ngokoqobo, “Ayinto yokugquma amehlo akho.”
Okanye “wayezivale mba zonke izibeleko endlini ka-Abhimeleki.”