Genesis 21:1-34

  • Ukuzalwa kukaIsake (1-7)

  • UIshmayeli untlonta uIsake (8, 9)

  • UHagare noIshmayeli bayagxothwa (10-21)

  • UAbraham wenza isivumelwano noAbhimeleki (22-34)

21  UYehova wabuyela kuSara njengoko wayetshilo, waza uYehova wayenza into awayemthembise yona.+  Ngoko uSara wakhulelwa+ waza wamzalela unyana uAbraham, ebudaleni bakhe, kanye ngexesha uThixo awayelithembisile.+  UAbraham wamthiya wathi nguIsake+ unyana owayesanda kuzalwa nguSara.  UAbraham wamolusa uIsake unyana wakhe xa wayeneentsuku ezisibhozo, kanye njengoko uThixo wayemyalele.+  UAbraham wayeneminyaka eyi-100 xa kwakuzalwa uIsake unyana wakhe.  Emva koko uSara wathi: “UThixo undenze ndahleka luvuyo; wonke umntu oyivayo le nto, uza kuhleka nam.”*  Waphinda wathi: “Ngubani obenokuthi kuAbraham, ‘Nakanjani, uSara uza kuba ngumdlezana’? Kodwa jonga, ndimzalele unyana ebudaleni bakhe.”  Uthe akukhula umntwana walunyulwa, waza uAbraham walungiselela isidlo esikhulu ngemini awalunyulwa ngayo uIsake.  USara wayemana eqaphela ukuba unyana kaHagare+ umYiputakazi, awamzalela uAbraham untlonta uIsake.+ 10  Ngoko wathi kuAbraham: “Ligxothe eli khobokazana nonyana walo, kuba unyana weli khobokazana akazukuba yindlalifa nonyana wam uIsake!”+ 11  Kodwa le nto awayeyithetha ngonyana wakhe, ayizange ihle kamnandi kuAbraham.+ 12  Emva koko uThixo wathi kuAbraham: “Mayingakukhathazi le nto ayithetha kuwe uSara ngenkwenkwe nangekhobokazana lakho. Mmamele,* kuba inzala* oyithenjisiweyo iza kuphuma kuIsake.+ 13  Naye unyana wekhobokazana,+ ndiza kumenza uhlanga,+ kuba uyinzala* yakho.” 14  Ngoko uAbraham wavuka ngentseni, wanika uHagare isonka nebhotile yofele enamanzi. Wazibeka egxalabeni lakhe, waza wathi makahambe kunye nomntwana.+ UHagare wahamba waza wabhadu-bhadula entlango yaseBher-shebha.+ 15  Ekugqibeleni aphela amanzi awayesebhotileni yofele waza wayityhalela phantsi kwetyholo inkwenkwe. 16  Emva koko wemka waya kuzihlalela yedwa, kumgama omalunga nokudubula ngesaphetha, kuba wathi: “Andifuni kuyibukela le nkwenkwe isifa.” Ngoko wahlala phantsi, qelele, zehla iinyembezi waza wakhala kakhulu. 17  UThixo ke waliva ilizwi lale nkwenkwe,+ yaza ingelosi kaThixo yakhwaza isemazulwini yathi kuHagare:+ “Ukhalela ntoni Hagare? Sukoyika kuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhoyo. 18  Phakama, uphakamise inkwenkwe uze uyibambe ngesandla, kuba ndiza kuyenza uhlanga olukhulu.”+ 19  Emva koko uThixo wawavula amehlo kaHagare waza wabona iqula lamanzi, waya kulo, wagcwalisa ibhotile yofele ngamanzi waza waseza inkwenkwe. 20  UThixo waqhubeka eyixhasa le nkwenkwe+ njengoko yayikhula. Yahlala entlango, yaba ngumtoli. 21  Yahlala kwintlango yaseParan,+ yaye umama wakhe wayithathela umfazi ezweni laseYiputa. 22  Ngelo xesha uAbhimeleki ekunye noFikoli, intloko yomkhosi wakhe, wathi kuAbraham: “UThixo unawe kuyo yonke into oyenzayo.+ 23  Ngoku ndifungele ngoThixo ukuba awuzukusiphatha kakubi, mna, inzala yam nezizukulwana zam, kodwa uza kundithanda ngokungagungqiyo, mna neli lizwe ohleli kulo njengomntu wasemzini, ngendlela nam endakuthanda ngayo.”+ 24  Ngoko uAbraham wathi: “Ndiyafunga.” 25  Kodwa ke uAbraham wakhalaza kuAbhimeleki ngequla lamanzi eloxuthwa zizicaka zika-Abhimeleki ngobundlobongela.+ 26  UAbhimeleki wamphendula wathi: “Andiyazi ukuba yenziwe ngubani loo nto; nawe awundixelelanga nto ngayo, ndiyaqala ukuva ngale nto namhlanje.” 27  UAbraham wathatha iigusha neenkomo wazinika uAbhimeleki, baza bobabini benza isivumelwano. 28  Xa uAbraham wabekela ecaleni amathokazi eegusha asixhenxe emhlambini, 29  uAbhimeleki wathi kuAbraham: “Uwabekela ntoni ecaleni la amathokazi eegusha asixhenxe?” 30  UAbraham wathi: “Umele uwamkele la mathokazi eegusha asixhenxe endikunika wona, abe bubungqina bokuba eli qula lembiwa ndim.” 31  Yiloo nto wayibiza loo ndawo ngokuthi yiBher-shebha,*+ kuba basenza apho isifungo. 32  Ngoko benza isivumelwano+ eBher-shebha, emva koko waphakama uAbhimeleki noFikoli intloko yomkhosi wakhe, baza babuyela ezweni lamaFilisti.+ 33  Emva koko uAbraham watyala umthi wetamariske eBher-shebha, waza elapho wabiza egameni likaYehova+ uThixo kanaphakade.+ 34  UAbraham wahlala* elizweni lamaFilisti ixesha elide.*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “uza kundihleka.”
Ngokoqobo, “Limamele ilizwi lakhe.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “uyimbewu.”
Ethetha ukuthi “Iqula Lesifungo; Iqula Lesixhenxe.”
Okanye “wahlala njengomntu wasemzini.”
Ngokoqobo, “iintsuku ezininzi.”