Genesis 23:1-20

  • Ukufa kukaSara nendawo awangcwatyelwa kuyo (1-20)

23  USara waphila iminyaka eyi-127. Leyo yiminyaka yobomi bukaSara.+  Ngoko uSara wafela eKiriyati-arbha,+ oko kukuthi, eHebron,+ elizweni lakwaKanan.+ UAbraham wamzilela uSara waza wamkhalela.  Emva koko wasuka uAbraham phambi komfikazi wakhe waza wathi koonyana bakaHeti:+  “Ndingumntu wasemzini nomfiki kuni.+ Ndinikeni indawo yokungcwaba phakathi kwenu ukuze ndimthathe umfikazi, ndiyokumngcwaba.”  Oonyana bakaHeti bathi kuye:  “Sive nkosi yam, wena usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu.+ Ungamngcwaba umfikazi wakho kweyona ndawo yethu intle yokungcwaba. Akukho namnye kuthi uza kwala nendawo yakhe yokungcwaba, akuthintele ungamngcwabi umfikazi wakho.”  Ngoko uAbraham wasuka waqubuda kubantu belo lizwe, oonyana bakaHeti,+  wathi kubo: “Ukuba niyavuma ndimthathe, ndize ndiyokumngcwaba umfikazi wam, ndimameleni ke nize nindicengele kuEfron unyana kaTsohare,  ukuba andithengisele laa mqolomba wakhe useMakaphela, osekupheleni kwentsimi yakhe. Makandithengisele wona ngexabiso elipheleleyo lesilivere+ phambi kwenu, ukuze ndibe nendawo yokungcwaba.”+ 10  UEfron wayehleli noonyana bakaHeti. Ngoko uEfron umHiti wamphendula uAbraham besiva oonyana bakaHeti, besiva bonke nabo babengena kwigeyithi yesixeko sakowabo,+ esithi: 11  “Hayi nkosi yam! Ndicela undimamele. Thatha zombini, intsimi nomqolomba okuyo. Phambi koonyana babantu bakuthi, ndiyakunika. Mngcwabele kuyo umfikazi wakho.” 12  Wasuka waqubuda uAbraham phambi kwabantu belo lizwe, 13  wathetha noEfron besiva, wathi: “Ndiyakucela undiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso elipheleleyo lesilivere ngentsimi. Mandikunike le silivere ukuze ndikwazi ukungcwaba umfikazi wam kuyo.” 14  Ngoko uEfron wathi kuAbraham: 15  “Ndiyakucela ndimamele nkosi yam. Lo mhlaba uxabisa iishekele* zesilivere eziyi-400, kodwa iqale yayintoni loo mali phakathi kwam nawe? Ngcwaba umfikazi wakho.” 16  UAbraham wammamela uEfron, waza walinganisela uEfron ixabiso lesilivere awayelibize besiva oonyana bakaHeti, iishekele* zesilivere eziyi-400 ngokomlinganiselo osetyenziswa ngoosomashishini.+ 17  Kwenziwa isiqinisekiso sokuba intsimi kaEfron eyayiseMakaphela, phambi kweMamre, intsimi nomqolomba owawukuyo nayo yonke imithi eyayikuloo mida yentsimi, 18  zithengwe nguAbraham phambi koonyana bakaHeti naphakathi kwabo bonke abo babengena kwigeyithi yesixeko sakowabo. 19  Emva koko uAbraham wamngcwaba uSara umfazi wakhe kumqolomba okwintsimi yaseMakaphela ephambi kweMamre, oko kukuthi, eHebron, elizweni lakwaKanan. 20  Ngoko oonyana bakaHeti bayigqithisela kuAbraham loo ntsimi kunye nomqolomba owawukuyo, ukuze abe nendawo yokungcwaba.+

Umbhalo osemazantsi

Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.