Genesis 25:1-34

  • UAbraham uphinda atshate (1-6)

  • UAbraham uyafa (7-11)

  • Oonyana bakaIshmayeli (12-18)

  • Kuzalwa uYakobi noEsawu (19-26)

  • UEsawu uthengisa ngobuzibulo bakhe (27-34)

25  Ngoku uAbraham waphinda wazithathela umfazi, yaye igama lakhe yayinguKetura.  Ekuhambeni kwexesha wamzalela uZimran, uYokeshan, uMedan, uMidiyan,+ uIshibhaki noShuwaha.+  UYokeshan wazala uShebha noDedan. Oonyana bakaDedan yayinguAshure, uLetushi noLewumi.*  Oonyana bakaMidiyan yayinguEfa, uEfere, uHanoki, uAbhida noEldaha. Bonke aba yayingoonyana bakaKetura.  Ekuhambeni kwexesha uAbraham wanika uIsake yonke into awayenayo,+  kodwa abanye oonyana bakhe ababezelwe ngabanye abafazi bakhe,* wabanika izipho. Waza ke wabakhulula bemka kuIsake unyana wakhe,+ ngoxa wayesaphila, baya ngasempuma, kwilizwe laseMpuma.  Iminyaka awayiphilayo uAbraham yaba yiminyaka eyi-175.  Emva koko uAbraham waphefumla okokugqibela, waza wafa aluphele yaye anelisekile, wahlanganiselwa kubantu bakowabo.*  Oonyana bakhe, uIsake noIshmayeli, bamngcwabela kumqolomba waseMakaphela, owawungaphambi kweMamre, entsimini kaEfron unyana kaTsohare umHiti,+ 10  ntsimi leyo yayithengwe nguAbraham koonyana bakaHeti. Wangcwatyelwa khona uAbraham, noSara umfazi wakhe.+ 11  Emva kokuba uAbraham efile, uThixo waqhubeka emsikelela uIsake+ unyana wakhe, yaye wayehlala kufuphi naseBhere-lahayi-royi.+ 12  Le yimbali kaIshmayeli+ unyana ka-Abraham, lo uHagare+ umYiputa, isicakakazi sikaSara, wamzalela uAbraham. 13  Nanga amagama oonyana bakaIshmayeli, amagama abo ngokwemvelaphi yeentsapho zabo: izibulo likaIshmayeli nguNebhayoti,+ ibe nguKedare,+ uAdebhele, uMibhesam,+ 14  uMishma, uDuma, uMasa, 15  uHadadi, uTema, uYeture, uNafishi noKedema. 16  Abo ngoonyana bakaIshmayeli, yaye ngamagama abo lawo ngokweendawo zabo zokuhlala nangokweenkampu zabo,* iinkosi eziyi-12 ngokwezizwana zazo.+ 17  UIshmayeli waphila iminyaka eyi-137. Emva koko waphefumla okokugqibela waza wafa, yaye wahlanganiselwa kubantu bakowabo.* 18  Bahlala eHavila+ kufuphi neShure,+ ekufuphi neYiputa, bada bayokufika naseAsiriya. Wahlala kufuphi nabo bonke abantakwabo.*+ 19  Le yimbali kaIsake unyana ka-Abraham.+ UAbraham wazala uIsake. 20  UIsake wayeneminyaka eyi-40 xa watshata noRebheka, intombi kaBhetuweli+ umAram wasePadan-aram, udadeboLabhan umAram. 21  UIsake wayesoloko emcenga uYehova ngomfazi wakhe, kuba wayengafumani bantwana; ngoko uYehova wasiphendula isicelo sakhe, waza uRebheka umfazi wakhe wamitha. 22  Oonyana ababengaphakathi kuye baqalisa ukulwa,+ wade wathi: “Ukuba iza kuba nje le nto, ndisaphilela ntoni ke?” Ngoko wabuza kuYehova. 23  Wathi uYehova kuye: “Kukho iintlanga ezimbini esibelekweni sakho,+ yaye kuza kwahlukana izizwana ezibini ngaphakathi kwakho.+ Olunye uhlanga luza komelela kakhulu kunolunye,+ yaye omkhulu uza kuba sisicaka somncinci.”+ 24  Xa kwafika ixesha lokuba abeleke, tyhini! wayenamawele esibelekweni sakhe. 25  Laphuma elokuqala libomvu lonke njengesambatho soboya,+ ngoko bathi igama lalo nguEsawu.*+ 26  Emva koko kwaphuma umntakwabo ebambelele esithendeni sikaEsawu,+ bathi yena nguYakobi.*+ UIsake wayeneminyaka eyi-60 xa babezalwa. 27  Ekukhuleni kwawo la makhwenkwe, uEsawu waba ngumzingeli oyincutshe,+ indoda yasendle, yena uYakobi wayeyindoda engenakusoleka, ehlala ezintenteni.+ 28  Yaye uIsake wayemthanda uEsawu, kuba wayesoloko emphathela inyamakazi, ngoxa yena uRebheka wayethanda uYakobi.+ 29  Ngenye imini uYakobi wayepheka isityu, wafika uEsawu esuka endle, ediniwe. 30  Ngoko uEsawu wathi kuYakobi: “Khawulezisa ndiyakucela, ndiphe intwana* yeso sityu sakho sibomvu,* kuba ndidiniwe!”* Yiloo nto igama lakhe kwathiwa nguEdom.*+ 31  Wathi uYakobi: “Qala undithengisele ilungelo lakho lokuba lizibulo!”+ 32  UEsawu wathi: “Naku ndisifa ngoku! Buza kundenzela ntoni ubuzibulo?” 33  UYakobi wathi: “Ndifungele kuqala!” Wamfungela waza wamthengisela uYakobi ilungelo lakhe lokuba lizibulo.+ 34  Emva koko uYakobi wanika uEsawu isonka nesityu seelentile, watya wasela, waza wemka. Ngoko uEsawu wabudela ubuzibulo.

Umbhalo osemazantsi

‘UAshure, uLetushi noLewumi.’ NgesiHebhere la magama kusenokuba aquka inzala yabo.
Okanye “ngamashweshwe akhe.”
Lo ngumbongo othetha ngokufa.
Okanye “ngokweenkampu zabo ezibiyelweyo.”
Lo ngumbongo othetha ngokufa.
Okanye kusenokwenzeka, “Wahlala esilwa nabo bonke abantakwabo.”
Othetha ukuthi “Ukuba Xhonti.”
Othetha ukuthi “Obambe Isithende; Umbhukuqi.”
Okanye “ndiphe ithamo.”
Ngokoqobo, “yale nto ibomvu.”
Okanye “ndilambe kakhulu.”
Othetha ukuthi “Obomvu.”