Genesis 33:1-20

  • UYakobi udibana noEsawu (1-16)

  • UYakobi uya kwaShekem (17-20)

33  Ngoku uYakobi waphakamisa amehlo akhe waza wabona uEsawu esiza namadoda ayi-400.+ Ngoko wabahlula-hlula abantwana, abanye wabanika uLeya, abanye wabanika uRakeli, waza abanye wabanika izicakakazi zakhe ezibini.+  Wabeka izicakakazi nabantwana bazo phambili,+ uLeya nabantwana bakhe emva kwabo,+ waza wabeka uRakeli+ noYosefu emva kwabo.  Yena wadlulela phambi kwabo waza wathi xa esondela kumntakwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe.  UEsawu wabaleka emhlangabeza, wafika wamanga, wamphuza,* zathi waxa iinyembezi kubo bobabini.  Uthe uEsawu xa ephakamisa amehlo akhe wabona abafazi nabantwana, wathi: “Ngoobani aba bakunye nawe?” UYakobi wathi: “Ngabantwana uThixo asibabale ngabo isicaka sakho.”+  Zatsho zasondela izicakakazi, zona nabantwana bazo, baqubuda,  wasondela noLeya, nabantwana bakhe, baqubuda. Emva koko uYosefu wasondela noRakeli, baqubuda.+  UEsawu wathi: “Zezantoni ezi nkampu ndidibene nazo?”+ UYakobi wathi: “Bendifuna ukwenza inkosi yam indithande.”+  UEsawu wathi: “Ndinezinto ezininzi kakhulu mntakwethu.+ Hlala nezinto zakho.” 10  Kodwa uYakobi wathi: “Hayi kaloku. Ukuba uyandithanda, umele uyithathe into endikupha yona, kuba ndize nayo ukuze ndibubone ubuso bakho. Ndibone ubuso bakho kwangathi ndibone ubuso bukaThixo kuba undamkele ngesihle.+ 11  Ndiyakucela usithathe isipho sam sentsikelelo esiziswe kuwe,+ kuba uThixo ube nam yaye ndinento yonke endiyidingayo.”+ Wamcenga, wada wasithatha. 12  Ethubeni uEsawu wathi: “Masikhululeke sihambe, mna ndibe phambi kwakho.” 13  Kodwa uYakobi wathi kuye: “Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile+ ibe ndinyamekele iigusha neenkomo ezincancisayo. Ukuba zikhe zaxheshwa nje usuku lwalunye, uza kufa wonke lo mhlambi. 14  Ndiyacela, inkosi yam mayihambe kuqala kunesicaka sayo, kodwa mna ndiza kuthi chu ngesantya semfuyo nangesantya sabantwana ndide ndifike enkosini yam eSehire.”+ 15  UEsawu wathi: “Ndicela ukukushiya nabanye babantu bam.” Yena wathi: “Ngoba? Ukuthandeka enkosini yam kwanele.” 16  Ngaloo mini, uEsawu wangena endleleni ebuyela eSehire. 17  UYakobi waya eSukoti,+ wazakhela indlu, wenzela nomhlambi wakhe amakhusi. Yiloo nto wayithiya loo ndawo ngokuthi yiSukoti.* 18  UYakobi wafika ekhuselekile kwisixeko sakwaShekem,+ esikwilizwe lakwaKanan,+ evela ePadan-aram,+ wayimisa phambi kweso sixeko inkampu yakhe. 19  Wazifumanela isiqwenga sentsimi koonyana bakaHamore utata kaShekem, ngamaqhosha emali ayi-100,+ waza wamisa intente yakhe apho. 20  Wakha isibingelelo apho wasibiza ngokuba nguThixo, uThixo kaSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi

Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Ethetha ukuthi “Iminquba; Amakhusi.”