Genesis 38:1-30
-
UYuda noTamare (1-30)
38 Ngelo xesha uYuda wemka kubantakwabo, wayokumisa intente yakhe kufuphi noHira, umfo ongumAdulam.
2 Apho uYuda wabona uShuwa, intombi yomKanan.+ Wayithatha yaba ngumfazi wakhe, wabelana nayo ngesondo,
3 yaza yakhulelwa. Ethubeni yazala unyana waza uYuda wamthiya igama elinguEre.+
4 Yaphinda yakhulelwa yazala unyana, yamthiya igama elinguOnan.
5 Kwakhona yazala unyana, yamthiya igama elinguShela. WayeseAkezibhi*+ ngexesha lokubeleka kwayo.
6 Ekuhambeni kwexesha uYuda wathathela izibulo lakhe uEre umfazi, igama lakhe inguTamare.+
7 Kodwa uEre izibulo likaYuda, wenza ububi emehlweni kaYehova, waza uYehova wambulala.
8 Akubona loo nto, uYuda wathi kuOnan: “Yabelana ngesondo nomfazi womntakwenu, wenze umtshato wongeno naye, ukuze uvelisele umntakwenu inzala.”+
9 UOnan wayesazi ukuba loo nzala yayingazukuba yeyakhe.+ Ngoko wabelana ngesondo nomfazi womntakwabo, kodwa wawachithela emhlabeni amadlozi akhe ukuze angamniki nzala umntakwabo.+
10 UYehova akazange ayithande into awayenzayo, ngoko naye wambulala.+
11 UYuda wathi kuTamare umolokazana wakhe: “Hlala ungumhlolokazi endlini katata wakho ade uShela unyana wam akhule,” kuba wayezixelele oku: ‘Naye usenokufa njengabantakwabo.’+ Ngoko uTamare wemka wayokuhlala endlini katata wakhe.
12 Ekuhambeni kwexesha, umfazi kaYuda, oyintombi kaShuwa+ wafa. UYuda wahlala ezilile lonke ixesha lokuzila, emva koko wenyuka waya kubachebi beegusha zakhe eTimna,+ yena noHira isihlobo sakhe esingumAdulam.+
13 Kwathiwa kuTamare: “Nanko utatazala wakho enyuka eyokucheba iigusha zakhe eTimna.”
14 Akuyiva loo nto, wazikhulula iimpahla zakhe zokuzila, wazogquma ubuso, wahlala ngakwigeyithi yase-Enayim, engakwindlela eya eTimna. Kaloku wabona ukuba uShela ukhulile kodwa akakanikelwa kuye abe ngumfazi wakhe.+
15 Uthe uYuda akumbona, ngoko nangoko wacinga ukuba ngumfazi othengisa ngomzimba, kuba wayezogqume ubuso.
16 Wathi cebu endleleni waya kuye, wathi: “Khawundivumele ndabelane nawe ngesondo,” kuba wayengazi ukuba ngumolokazana wakhe.+ Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ngokwabelana nam ngesondo?”
17 UYuda wathi: “Ndiza kukuthumelela itakane lebhokhwe endilithathe kumhlambi wam.” Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ke eza kuba sisibambiso, de ulithumele?”
18 UYuda wathi: “Ufuna isibambiso esinjani?” UTamare wathi: “Iringi yakho yokubeka isitampu,+ intambo yakho nentonga yakho esesandleni sakho.” Wamnika ezo zinto, waza ke wabelana naye ngesondo, wammithisa.
19 Emva koko uTamare waphakama wemka, wazikhulula izinto ebezogqume ngazo waza wanxiba iimpahla zakhe zokuzila.
20 UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngomhlobo wakhe ongumAdulam,+ ukuze aphinde azifumane izinto ebebambise ngazo kuloo mfazi, kodwa akazange amfumane.
21 Wabuzisa kumadoda aloo ndawo, esithi: “Uphi laa mfazi wasetempileni othengisa ngomzimba, owayeba ngasendleleni e-Enayim?” Athi: “Zange kwabakho mfazi wasetempileni uthengisa ngomzimba kule ndawo.”
22 Ekugqibeleni wabuyela kuYuda, wathi: “Andimfumananga, futhi abantu bala ndawo bathe, ‘Zange kwabakho mfazi wasetempileni uthengisa ngomzimba kule ndawo.’ ”
23 UYuda wathi: “Makazithathe, ukuze singadelwa. Mna ndilithumele itakane, kodwa khange umfumane.”
24 Malunga neenyanga ezintathu emva koko, kwathiwa kuYuda: “UTamare umolokazana wakho uye wazenza umfazi othengisa ngomzimba, ibe ukhulelwe ngenxa yale nto ayenzileyo.” Akuyiva loo nto, uYuda wathi: “Mkhupheni atshiswe.”+
25 Xa wayekhutshwa, wathumela umntu ukuba ayokuthi kutatazala wakhe: “Ndimithiswe yindoda engumnikazi wezi zinto.” Emva koko wathi: “Ndicela uzijonge ukuze ubone ukuba zezikabani na, le ringi yokubeka isitampu, le ntambo nale ntonga.”+
26 Wazijonga uYuda ezo zinto waza wathi: “Yena ulilungisa kakhulu kunam, kuba andimnikelanga kuShela unyana wam.”+ Emva koko akaphindanga wabelana naye ngesondo.
27 Xa kwafika ixesha lokuba abeleke, wayenamawele esibelekweni sakhe.
28 Wathi xa ebeleka, elinye iwele lakhupha isandla, waza ngokukhawuleza umzalisikazi wathatha intambo ebomvu krwe wayibophelela esandleni salo, wathi: “Eli liphume kuqala.”
29 Kodwa lathi lakusibuyisa isandla salo, kwaphuma umntakwalo, waza umzalisikazi wathi: “Yhoo awatyhoboza nje!” Ngoko wathiywa igama elinguPeretse.*+
30 Emva koko, kwaphuma umntakwalo owayenentambo ebomvu krwe esandleni sakhe, yena wathiywa igama elinguZera.+
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, uYuda.
^ Othetha ukuthi “Ukudlabhuza,” mhlawumbi kuthethwa ngokudlabhuka kwesibeleko.