Genesis 4:1-26

  • UKayin noAbheli (1-16)

  • Inzala kaKayin (17-24)

  • USete nonyana wakhe uEnoshi (25, 26)

4  UAdam wabelana ngesondo noEva umfazi wakhe waza wamitha.+ Xa wazala uKayin+ wathi: “Ndivelise* umntwana oyinkwenkwe ngoncedo lukaYehova.”  UEva waphinda wazala uAbheli+ umntakwabo. UAbheli waba ngumalusi womhlambi, yena uKayin waba ngumlimi.  Ethubeni, uKayin weza nezinye iziqhamo zomhlaba ukuze anikele ngazo kuYehova.  Yena uAbheli weza namanye amazibulo omhlambi wakhe+ kunye namanqatha awo. UYehova wamthanda uAbheli nomnikelo wakhe,+  kodwa akazange avuyiswe nakancinci nguKayin nangumnikelo wakhe. Ngoko uKayin wacaphuka kakhulu, waza waqumba.  UYehova wathi kuKayin: “Kutheni unomsindo nje, uqumbele ntoni?  Ukuba uyajika wenze okulungileyo, andizukuphinda ndikwamkele na? Kodwa ukuba awujiki wenze okulungileyo, isono sikulalele ngasemnyango, sifuna ngamandla ukukulawula. Uza kusoyisa?”  Emva koko uKayin wathi kuAbheli umntakwabo: “Masiye endle.” Ngoxa babesendle uKayin wamhlasela waza wambulala uAbheli umntakwabo.+  Ethubeni uYehova wathi kuKayin: “Uphi uAbheli umntakwenu?” yena wathi: “Andazi. Ndingunogada womntakwethu na?” 10  UThixo wathi: “Yintoni le uyenzileyo? Mamela! Igazi lomntakwenu liyandikhalela lisemhlabeni.+ 11  Ngoku ke uqalekisiwe, ndiyakugxotha kulo mhlaba ovule umlomo wawo ukuze wamkele igazi lomntakwenu obulewe nguwe.+ 12  Umhlaba awuzukuba namveliso* xa uwulima. Uza kuba yimbacu ezula esithubeni.” 13  Ngenxa yoko uKayin wathi kuYehova: “Andinakukwazi ukusithwala esi sohlwayo sesono sam. 14  Namhlanje uyandigxotha kweli lizwe, ibe ndiza kufihlakala ebusweni bakho, ndibe yimbacu ezula esithubeni. Nabani na othi gqi ngam, ngokuqinisekileyo uza kundibulala.” 15  Ngoko uYehova wathi kuye: “Ngenxa yaloo nto, nabani na obulala uKayin uza kuva impindezelo kasixhenxe.” UYehova wambekela umqondiso uKayin ukuze kungabikho mntu othi gqi ngaye aze amxabele. 16  Emva koko uKayin wahamba phambi kukaYehova waza wabhacela* ngasempuma ye-Eden.+ 17  UKayin wabelana ngesondo nomfazi wakhe,+ wamitha waza wazala uEnoki. Ngoko uKayin wakha isixeko, wasithiya ngegama lonyana wakhe uEnoki. 18  Kamva uEnoki wazalelwa uIradi. UIradi wazala uMehuyaheli, uMehuyaheli wazala uMethushaheli, uMethushaheli yena wazala uLameki. 19  ULameki wazithathela abafazi ababini. Igama lowokuqala yayinguAda, owesibini inguZila. 20  UAda wazala uYabhali. Waba ngunozala wabo bahlala ezintenteni nabanemfuyo. 21  Igama lomntakwabo lalinguYubhali. Wayengunozala wabo bonke abadlala uhadi nempempe.* 22  UZila wazala uTubhali-kayin, owenza lonke uhlobo lwesixhobo sekopolo nentsimbi. UdadeboTubhali-kayin yayinguNahama. 23  Emva koko uLameki wathi kubafazi bakhe, uAda noZila: “Yivani ilizwi lam, nina bafazi bakaLameki;Bekani indlebe kwilizwi lam: Ndibulele indoda kuba indonzakalisile,Ewe, ndibulele umfana kuba endibethile. 24  Ukuba uKayin uza kuphindezelelwa kayi-7,+ULameki uza kuphindezelelwa kayi-77.” 25  UAdam waphinda wabelana ngesondo nomfazi wakhe, waza wazala unyana. Wathi igama lakhe nguSete,*+ kuba umfazi wakhe wayethe: “UThixo undinike enye inzala* endaweni ka-Abheli, kuba uKayin wambulala.”+ 26  USete naye wazalelwa unyana waza wambiza ngokuba nguEnoshi.+ Abantu baqalisa ngelo xesha ukubiza egameni likaYehova.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ndizele.”
Ngokoqobo, “namandla.”
Okanye “waya kuhlala kwilizwe laseNodi.”
Okanye “nefleyiti.”
Othetha ukuthi “Omiselweyo; Obekiweyo.”
Ngokoqobo, “imbewu.”