Habhakuki 1:1-17
1 Isibhengezo esafunyanwa ngumprofeti uHabhakuki* embonweni:
2 Yhini Yehova, kuza kude kube nini ndikhalela uncedo ungandiva?+
Kuza kude kube nini ndicela uncedo kubundlobongela, kodwa ungandisindisi?*+
3 Kutheni undenza ndibone ububi,
Yaye kutheni unyamezela ingcinezelo?
Kutheni kukho intlekele nobundlobongela phambi kwam?
Ibe kutheni ukuxabana nomlo kusanda?
4 Akukho mntu uthobela umthetho,Nobulungisa abenziwa,
Kuba abenzi-bubi bajikeleze amalungisa,Yiyo loo nto ubulungisa bugqwethiwe.+
5 “Nina bantu jongani iintlanga,
Qwalaselani nize nimangaliswe.Kuba kukho into eza kwenzeka ngemihla yenu,Eningazukuyikholelwa nokuba ningayixelelwa.+
6 Kuba naku ndinyusa amaKhaledi,+Uhlanga olukhohlakeleyo nolungxamayo,
Agqugqisa imimandla emikhuluUkuze athathe imihlaba engeyoyawo.+
7 Ayothusa yaye ayoyikeka.
Amisela obabo ubulungisa negunya.*+
8 Amahashe awo anesantya ngaphezu kwehlosi,Yaye akhohlakele ngaphezu koodyakalashe ebusuku.+
Amahashe awo emfazwe agqabadula esiya phambili;Amahashe awo asuka kude.
Aletsheza okokhozi lungxamele ukuya kutya.+
9 Onke azimisele kubundlobongela.+
Ukumanyana kwawo esiya phambili kufana nomoya wasempuma,+Ibe aqokelela abathinjwa ngokungathi akha isanti.
10 Agezela ookumkani,Ahleka amagosa aphakamileyo.+
Ayayihleka yonke indawo ekhuselekileyo,+Akha iinduli zokuhlasela aze ayithimbe.
11 Emva koko, aya phambili njengomoya aze adlule elizweni,Kodwa aza kuba netyala.+Kuba athi amandla awo avela kuthixo wawo.”*+
12 Ngaba awususeli kumaxesha akudala-dala, yhini Yehova?+
Yhini Thixo wam, Wena Ungcwele wam, awufi.*+
Yhini Yehova, ubabekile ukuba bagwebe,Liwa lam,+ ubabekele isohlwayo.+
13 Amehlo akho asulungeke kakhulu ukuba angabukela ububi;Ibe awubunyamezeli ububi.+
Kutheni ke unyamezela abantu abanamaqhinga,+Uze uthule xa ongalunganga eginya olilungisa kunaye?+
14 Kutheni usenza umntu abe njengentlanzi yolwandle,Njengezilwanyana ezirhubuluzayo ezingenamlawuli?
15 Zonke ezi zinto uziloba ngehaki yokuloba iintlanzi,
Uzibambisa ngomnatha wakhe orhuqwayo,Aziqokelele ngomnatha wakhe wokuloba.
Yiloo nto evuya kangaka.+
16 Yiloo nto ebingelela ngemibingelelo yakhe kumnatha wakhe orhuqwayoYaye eqhumisa imibingelelo* kumnatha wakhe wokuloba,Kuba ngayo isahlulo sakhe sityebile,Nokutya kwakhe kusemgangathweni.
17 Ngaba uza kumana ewugcwalisa aze aphinde awuqongqothe umnatha wakhe?*
Ngaba uza kuqhubeka ebulala iintlanga engenalusizi?+
Umbhalo osemazantsi
^ Osenokuthetha, “Ulwamkelo Olufudumeleyo.”
^ Okanye “ungangeneleli.”
^ Okanye “nesidima.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “amandla awo nguthixo wawo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “asizukufa.”
^ Okanye “imibingelelo yokuqhumisa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “akhuphe ikrele lakhe.”