Hagayi 1:1-15

  • Balulekwa kuba bengaphindanga bayakha itempile (1-11)

    • ‘Ngaba eli lixesha lokuhlala ezindlini ezihonjiswe ngamaplanga?’ (4)

    • “Khanicingisise ngeendlela zenu” (5)

    • Bahlwayela kakhulu kodwa bavuna kancinci (6)

  • Abantu bamamela ilizwi likaYehova (12-15)

1  Ngonyaka wesibini kaKumkani uDariyo, ngenyanga yesithandathu, ngomhla wokuqala kuloo nyanga, lafika ilizwi likaYehova ngoHagayi*+ umprofeti lisiza kuZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli, umlawuli wakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYehotsadaki, umbingeleli omkhulu, lisithi:  “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Aba bantu bathi, “Alikafiki ixesha lokwakha* indlu* kaYehova.”’”+  Laphinda lafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti,+ lisithi:  “Ngaba lixesha lokuba nihlale ezindlini zenu ezihonjiswe ngamaplanga, ngoxa le ndlu ingamabhodlo?+  Uthi ke ngoku uYehova wemikhosi, ‘Khanicingisise ngeendlela zenu.*  Nityale imbewu eninzi, kodwa nivuna kancinci.+ Niyatya kodwa anihluthi. Niyasela kodwa anide naneliseke. Ninxiba iimpahla kodwa akukho mntu ufudumalayo. Lowo uqeshwayo umvuzo wakhe ungena engxoweni evuzayo.’”  “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Khanicingisise ngeendlela zenu.’*  “‘Nyukani niye entabeni nibuye nemithi,+ nakhe indlu yam,+ ukuze ndiyithande ndize ndizukiswe,’+ utsho uYehova.”  “‘Benilindele lukhulu kodwa nafumana okuncinci; nathi xa nikuzisa endlini, ndakuvuthela kwathi shwaka.+ Ngoba?’ utsho uYehova wemikhosi. ‘Kuba indlu yam ingamabhodlo, kodwa nina nihla ninyuka nilungisa ezenu izindlu.+ 10  Ngoko amazulu akanikhuphelanga umbethe wawo, nomhlaba awayikhupha imveliso yawo. 11  Ndaza ndaqhubeka ndibiza imbalela emhlabeni, ezintabeni, ekutyeni okuziinkozo, kwiwayini entsha, kwioli, koko kukhula emhlabeni, ebantwini nakwimfuyo, nakuwo wonke umsebenzi wezandla zenu.’” 12  UZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli,+ noYoshuwa unyana kaYehotsadaki,+ umbingeleli omkhulu, nabo bonke abanye abantu balimamela ilizwi likaYehova uThixo wabo, namazwi kaHagayi umprofeti, kuba wayethunywe nguYehova uThixo wabo; baza abantu baqalisa ukumoyika uYehova. 13  Emva koko, uHagayi, umthunywa kaYehova, wabaxelela abantu into awayeyithunywe nguYehova, esithi: “‘Ndinani,’+ utsho uYehova.” 14  Ngoko uYehova wawuvuselela umoya+ kaZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, umlawuli wakwaYuda,+ nomoya kaYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wabo bonke abanye abantu; beza baza baqalisa ukuyakha indlu kaYehova wemikhosi, uThixo wabo.+ 15  Kwakungomhla we-24 wenyanga yesithandathu ngonyaka wesibini kaKumkani uDariyo.+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Ozelwe Ngexesha Letheko.”
Okanye “lokuba iphinde yakhiwe.”
Okanye “itempile.”
Okanye “Bekani iintliziyo zenu ezindleleni zenu.”
Okanye “Bekani iintliziyo zenu ezindleleni zenu.”