Hagayi 2:1-23

  • Itempile yesibini iza kugcwala luzuko (1-9)

    • Ziza kugungqiswa zonke iintlanga (7)

    • Ziza kungena izinto ezixabisekileyo zeentlanga (7)

  • Ukwakhiwa kwakhona kwetempile kuzisa iintsikelelo (10-19)

    • Ukuba ngcwele akunakudluliselwa komnye umntu (10-14)

  • Umyalezo oya kuZerubhabheli (20-23)

    • “Ndiza kukwenza ube njengeringi yokubeka isitampu” (23)

2  Ngenyanga yesixhenxe, ngo­mhla we-21 kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi+ umprofeti lisithi,  “Ndicela ubuze uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli, umlawuli wakwaYuda,+ noYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki,+ umbingeleli omkhulu, nabantu abashiyekileyo, uthi:  ‘Ngubani kuni owayibonayo indlela eyayizuke ngayo le ndlu* ngaphambili?+ Injani ngoku? Xa niyithelekisa naleyaa, aniyiboni ingeyonto?’+  “‘Kodwa ke yomelela Zerubhabheli,’ utsho uYehova, ‘womelele nawe Yoshuwa nyana kaYehotsadaki, umbingeleli omkhulu.’ “‘Yomelelani nani bantu beli lizwe,’+ utsho uYehova, ‘nize nisebenze.’ “‘Kuba ndinani,’+ utsho uYehova wemikhosi.  ‘Khumbulani into endanithembisa yona ukuphuma kwenu eYiputa,+ yaye umoya wam+ usephakathi kwenu nangoku.* Sanukoyika.’”+  “Kuba uthi uYehova wemikhosi, ‘Kungekudala, ndiza kuphinda ndiwagungqise amazulu nomhlaba, ulwandle nomhlaba owomileyo.’+  “‘Ndiza kuzigungqisa zonke iintlanga, zize izinto ezixabisekileyo* zazo zonke iintlanga zingene;+ yaye ndiza kuyigcwalisa ngozuko le ndlu,’+ utsho uYehova wemikhosi.  “‘Isilivere yeyam, negolide yeyam,’ utsho uYehova wemikhosi.  “‘Luza kuba lukhulu kakhulu uzuko lwale ndlu kunolo lweyangaphambili,’+ utsho uYehova wemikhosi. “‘Ndiza kwenza kubekho uxolo kule ndawo,’+ utsho uYehova wemikhosi.” 10  Ngomhla we-24 kwinyanga yesithoba, ngonyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuHagayi+ umprofeti, lisithi: 11  “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ndicela ubuze ababingeleli ngomthetho,+ uthi: 12  “Ukuba indoda iphethe inyama engcwele ngomphetho wesambatho sayo, size isambatho sayo sichukumise isonka okanye isityu okanye iwayini okanye ioli okanye nakuphi na ukutya, ngaba kuza kuba ngcwele?”’” Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!” 13  UHagayi waphinda wabuza wathi: “Ukuba umntu ongacocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu uchukumisa nayiphi na kwezi zinto, ngaba iza kuba yengacocekanga?”+ Ababingeleli baphendula bathi: “Iza kuba yengacocekanga.” 14  Ngoko uHagayi wathi: “‘Sinjalo ke esi sizwana, lunjalo ke olu hlanga phambi kwam,’ utsho uYehova, ‘unjalo nawo wonke umsebenzi wezandla zabo; nantoni na abayinikelayo apho ayicocekanga.’ 15  “‘Kodwa ke, ukususela namhlanje kuse phambili, khanincede nicingisise ngale nto:* Ngaphambi kokuba kubekwe ilitye phezu kwelitye etempileni kaYehova,+ 16  kwakunjani? Umntu waya kwimfumba yeenkozo elindele ukufumana imilinganiselo eyi-20, suke wafumana eyi-10 qha; omnye waya kwifatyi yesixovulelo sewayini ukuze akhe imilinganiselo eyi-50, suke wafumana eyi-20 qha.+ 17  Ndanibetha ngembalela nangokungunda nangesichotho,+ kuwo wonke umsebenzi wezandla zenu, kodwa akukho namnye kuni owabuyela kum,’ utsho uYehova. 18  “‘Khanincede nicingisise ngale nto* ukususela namhlanje kuse phambili, ukususela ngomhla we-24 kwinyanga yesithoba, ukususela ngomhla esabekwa ngawo isiseko setempile kaYehova;+ cingisisani ngale nto: 19  Ngaba isekho imbewu esiseleni?+ Imithi yeediliya, yamafiya,* yeerharnati neyomnquma, ayikabi naziqhamo, akunjalo? Ukususela namhlanje ndiza kuzisa intsikelelo.’”+ 20  Lafika okwesibini ilizwi likaYehova kuHagayi ngomhla we-24 kuloo nyanga,+ lisithi: 21  “Yithi kuZerubhabheli umlawuli wakwaYuda, ‘Ndiza kuwadlikidla amazulu nomhlaba.+ 22  Ndiza kuzibhukuqa iitrone zookumkani ndize ndiwatshabalalise amandla ookumkani beentlanga;+ yaye ndiza kuzibhukuqa iinqwelo nabakhweli bazo; amahashe nabakhweli bawo baza kuwa, ngamnye ngekrele lomntakwabo.’”+ 23  “UYehova wemikhosi uthi, ‘Ngaloo mini, ndiza kukuthatha mkhonzi wam Zerubhabheli+ nyana kaShelatiyeli,’+ utsho uYehova; ‘ndiza kukwenza ube njengeringi yokubeka isitampu, ngenxa yokuba nguwe endimkhethileyo,’ utsho uYehova wemikhosi.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “le tempile.”
Okanye kusenokwenzeka, “naxa umoya wam wawumi phakathi kwenu.”
Okanye “ezinqwenelekayo.”
Okanye “nibeke iintliziyo zenu kule nto.”
Okanye “nibeke iintliziyo zenu kule nto.”
Okanye “yamakhiwane.”