KumaHebhere 2:1-18
2 Yiloo nto kufuneka sicingisise kakhulu kunesiqhelo ngezinto esizivileyo,+ ukuze singaze sikhukuliseke.+
2 Kuba ukuba ilizwi elathethwa ngeengelosi+ lema kangangokuba abantu abenza izono nabangazange balithobele bafumana isohlwayo sobulungisa,*+
3 singasinda njani ke thina, ukuba siye asalukhathalela usindiso olukhulu kangaka?+ Kaloku yiNkosi yethu eyaqala ukuthetha ngalo+ baza bayingqina loo nto nabo bayivayo,
4 noThixo wayingqina ngokwenza imimangaliso nemisebenzi emikhulu+ nangomoya oyingcwele awawunika abakhonzi abahlukahlukeneyo ngendlela athande ngayo.+
5 Kuba ihlabathi* elizayo esithetha ngalo, akalinikanga iingelosi ukuba zililawule.+
6 Kodwa kwenye indawo, elinye ingqina lathi: “Uyintoni na umntu le nto umkhumbulayo, okanye unyana womntu le nto umkhathalelayo?+
7 Umenze wangaphantsi kancinci kwiingelosi; wamthwesa uzuko nembeko, waza wamphathisa imisebenzi yezandla zakho.
8 Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe.”+ Xa uThixo wabeka zonke izinto phantsi kwakhe,+ waqinisekisa ukuba akukho nto ingekho phantsi kwakhe.+ Kodwa ke okwangoku asikaziboni zonke izinto zibekwe phantsi kwakhe.+
9 Kodwa ke siyambona uYesu, owayenziwe wangaphantsi kancinci kwiingelosi,+ ethweswe uzuko nembeko ngenxa yokuba weva intlungu yokufa,+ ukuze angcamle ukufa ngenxa yabo bonke abantu kuba uThixo enobubele.*+
10 Kuba kwakufanelekile ngoThixo ezibekho ngenxa yakhe zonke izinto nezibekho ngaye, obanika uzuko oonyana abaninzi,+ ukwenza uMmeli Oyintloko wosindiso lwabo+ agqibelele ngokuva ubunzima.+
11 Kuba lowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo,+ bonke baphuma kumntu omnye,+ yaye ngenxa yesi sizathu akanazintloni ukubabiza ngokuthi ngabantakwabo,+
12 njengokuba esithi: “Ndiza kubaxelela abantakwethu ngegama lakho; ndiza kukudumisa ngengoma ebandleni.”+
13 Kwakhona uthi: “Ndiza kuthembela ngaye.”+ Uphinda athi: “Jongani! Mna nabantwana endibanikwe nguYehova.”*+
14 Ngoko ke, ekubeni “abantwana” benegazi nenyama, naye waba negazi nenyama,+ ukuze ngenxa yokufa kwakhe, amtshabalalise lowo ukwaziyo ukubangela ukufa,+ uMtyholi;+
15 aze abakhulule bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.+
16 Kuba akancedi zingelosi, kodwa unceda inzala* ka-Abraham.+
17 Ngenxa yaloo nto kwafuneka afane “nabazalwana” bakhe ngayo yonke into,+ ukuze akwazi ukuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto zikaThixo, ukuze anikele umbingelelo+ wokuhlawulela izono zabantu.+
18 Ekubeni weva ubunzima xa wayevavanywa,+ uyakwazi ukubanceda abo bavavanywayo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ngokusesikweni.”
^ Okanye, “umhlaba ohlalwa ngabantu.”
^ Okanye “enobubele obungasifanelanga.”
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Ngokoqobo, “imbewu.”