KumaHebhere 4:1-16

  • Ubungozi bokungangeni ekuphumleni kukaThixo (1-10)

  • Kukhuthazwa ukuba singene ekuphumleni kukaThixo (11-13)

    • Ilizwi likaThixo liphilile (12)

  • UYesu, umbingeleli omkhulu kakhulu (14-16)

4  Ngoko ke ekubeni kusekho isithembiso sokuba siza kungena ekuphumleni kwakhe, masilumke kungabikho mntu kuni uphoswayo siso.+  Kuba iindaba ezilungileyo ziye zashunyayelwa kuthi,+ njengokuba zashunyayelwayo nakubo; kodwa ilizwi abalivayo zange libancede, kuba babengenalukholo lufanayo nolwabo bamamelayo.  Kuba thina babonise ukholo siyangena ekuphumleni, kanye njengokuba eye wathi: “Ngoko ndafunga ndinomsindo ndathi: ‘Abazukungena ekuphumleni kwam,’”+ nangona imisebenzi yakhe yayigqitywe kwasekusekweni kwehlabathi.*+  Kuba kwenye indawo wathi ngosuku lwesixhenxe: “UThixo waphumla ngosuku lwesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe,”+  yaye uphinda athi kule ndawo: “Abazukungena ekuphumleni kwam.”+  Ekubeni kusekho abanye ekusafuneka bengenile koko kuphumla, yaye abo zashunyayelwa kuqala kubo iindaba ezilungileyo bengazange bangene ngenxa yokungathobeli,+  emva kwexesha elide, uphinda abeke usuku oluthile, ngokuthi kwindumiso kaDavide, “namhlanje”; kanye njengokuba kutshiwo ngasentla: “Ukuba niyalimamela ilizwi lakhe namhlanje, sanukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.”+  Kaloku ukuba uYoshuwa+ wayebase kwindawo yokuphumla, uThixo ngengazange athethe ngolunye usuku emva koko.  Ngoko abantu bakaThixo basalindwe luphumlo lwesabatha.+ 10  Kuba umntu ongene ekuphumleni kukaThixo, uphumle nakwimisebenzi yakhe, kanye njengokuba noThixo waphumlayo kweyakhe.+ 11  Ngoko ke masenze konke okusemandleni ethu ukuze singene, ukuze kungabikho mntu ulandela umzekelo wabo bangazange bathobele.+ 12  Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla+ yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elibukhali macala,+ lihlaba lide lahlule umphefumlo* nomoya,* namalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukubona ­iingcinga ­nezinto ezifunwa yintliziyo. 13  Akukho sidalwa sifihlakeleyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye ziyabonakala emehlweni alowo simele siphendule kuye.+ 14  Ngoko ekubeni sinombingeleli omkhulu kakhulu, uYesu uNyana kaThixo,+ oye wangena emazulwini, masiqhubeke sishumayela into yokuba sinokholo kuye.+ 15  Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu,+ kuba naye wavavanywa ngazo zonke iindlela njengathi, kodwa engenasono.+ 16  Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone kaThixo+ osenzela ububele,* ukuze senzelwe inceba nobubele, sitsho sincedakale ngexesha elifanelekileyo.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, ngexesha lokuzalwa kwabantwana baka-Adam noEva.
Okanye “ububele obungasifanelanga.”