KumaHebhere 6:1-20
6 Ngoko ke, ekubeni ngoku sigqithile kwiimfundiso zokuqala+ ezingoKristu, masisebenzele ekubeni siqole,+ singasoloko sifunda eza mfundiso zokuqala,* iimfundiso ezingokuguquka kwimisebenzi efileyo, ukholo kuThixo,
2 imfundiso ngobhaptizo, ukubekwa kwezandla,+ uvuko lwabafi+ nomgwebo ongunaphakade.
3 Siza kusebenzela ekubeni siqole ukuba uThixo uyasivumela.
4 Kuba abantu abakhe bakhanyiselwa ngaphambili+ futhi beva ukuba kunjani ukufumana isipho esivela ezulwini,* nabaye bafumana umoya oyingcwele,
5 nabaye baliva ilizwi likaThixo elilungileyo, bazibona neentsikelelo* eziza kubakho kwixesha elizayo,*
6 kodwa balushiya ukholo,+ abanakuphinda benziwe baguquke, kuba bayambethelela kwakhona uNyana kaThixo esibondeni yaye bayamhlazisa phambi kwabantu.+
7 Kuba umhlaba uyasikelelwa nguThixo xa ufunxa amanzi emvula esoloko inetha kuwo uze ubavelisele imifuno abo bawulimileyo.
8 Kodwa ukuba uvelisa ameva nenkunzane, uyashiywa, uqalekiswe, yaye ekugqibeleni uza kutshiswa.
9 Nangona sithetha ngolu hlobo, nina bazalwana noodadewethu abathandekayo, asithandabuzi ukuba nikwimeko ebhetele kunabo baye balushiya ukholo, yaye nisebenzela ukusindiswa.
10 UThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wenu nendlela enibonise ngayo ukuba niyalithanda igama lakhe,+ ngokuthi nibalungiselele* abo bangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.*
11 Kodwa singathanda ukuba nonke nikhuthale ukuze niqiniseke ngokupheleleyo ngethemba eninalo+ kude kube sekupheleni,+
12 ukuze ningatyhafi,+ kodwa yibani njengaba bantu baye bazifumana izinto abazithenjisiweyo kuba benokholo nomonde.
13 Xa uThixo wayethembisa uAbraham, wafunga ngesiqu sakhe kuba kungekho mntu ungaphezulu kunaye awayenokufunga ngaye.+
14 Wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiza kukusikelela yaye ngokuqinisekileyo ndiza kukwandisa.”+
15 Ngoko emva kokuba uAbraham ebonisile ukuba unomonde, wasifumana eso sithembiso.
16 Kuba abantu bafunga ngomntu ongaphezulu kunabo, yaye izifungo zabo ziyayiphelisa impikiswano, kuba zisisiqinisekiso esisemthethweni kubo.+
17 Naye ke uThixo, xa wayefuna babone ngokucacileyo abantu ababeza kufumana izithembiso+ zakhe ukuba injongo yakhe ayitshintshi,* waqinisekisa ngokwenza isifungo,
18 ukuze ngezo zinto zimbini nezingenakutshintsha, nekungenakwenzeka ukuba axoke ngazo uThixo,+ thina baye babalekela kuye ukuze sikhuseleke, sikhuthazeke kakhulu, yaye sibambelele nkqi kwithemba elibekwe phambi kwethu.
19 Eli themba sinalo+ lifana neankile yomphefumlo, liqinisekile yaye liqinile, lisikhokelela ngaphaya kwekhethini eyahlula amacala amabini etempile,+
20 apho uYesu wangena kuqala egameni lethu,+ noye ngonaphakade waba ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “singaphindi sibeke esinye isiseko.”
^ Ngokoqobo, “isipho sasezulwini.”
^ Ngokoqobo, “bawabona namandla.”
^ Okanye “kwinkqubo yezinto ezayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “nibanceda.”
^ Okanye “nibancede.”
^ Okanye “icebo lakhe alitshintshi.”