Hezekile 10:1-22

  • Kuthathwa umlilo phakathi kwamavili (1-8)

  • Kuchazwa iikherubhi namavili (9-17)

  • Uzuko lukaThixo luyasuka etempileni (18-22)

10  Njengoko ndandibukele, ndabona into engathi lilitye lesafire phezu kwesibhakabhaka esasisentla kweentloko zeekherubhi, ibe yayifana netrone.+  Wathi uThixo kwindoda enxibe ilinen:+ “Ngena ngaphakathi kwamavili,+ phantsi kweekherubhi, ugcwalise izandla zakho zozibini ngamalahle avuthayo+ aphakathi kweekherubhi, uwaphose esixekweni.”+ Ngoko yangena ndibukele.  Iikherubhi zazimi ngasekunene kwendlu ukungena kwaloo ndoda, iyadi engaphakathi igcwaliswe lilifu.  Lwasuka uzuko lukaYehova+ kwiikherubhi lwaya kumgubasi wendlu, yaye indlu yaya igcwala lilifu,+ neyadi yayigcwaliswe kukuqaqamba kozuko lukaYehova.  Isandi samaphiko eekherubhi sasivakala kwiyadi engaphandle, sinjengesandi sikaThixo uSomandla xa ethetha.+  Emva koko wayalela indoda enxibe ilinen, esithi: “Thatha umlilo phakathi kwamavili, phakathi kweekherubhi,” yaza yangena yema ecaleni kwevili.  Enye yeekherubhi yolulela isandla sayo emlilweni owawuphakathi kweekherubhi.+ Yawuthatha yawubeka ezandleni zalowo wayenxibe ilinen,+ yena ke wawuthatha waphuma.  Iikherubhi zazinento efana nezandla zomntu phantsi kwamaphiko azo.+  Njengoko ndandibukele, ndabona amavili amane ngakwiikherubhi, kukho ivili elinye ngakwikherubhi nganye, amavili ebonakala ngathi ayabengezela njengelitye lekrizolite.+ 10  Omane ayefana, kubonakala ngathi kukho ivili ngaphakathi kwelinye. 11  Xa ehamba, ayenokuya macala omane engajikanga, kuba ayesiya apho ijongise khona intloko yekherubhi* engakhange ajike. 12  Imizimba, imiqolo, izandla, amaphiko azo namavili, amavili azo zone, ayenamehlo yonke indawo.+ 13  Ke wona amavili, ndeva ilizwi elaliwakhwaza, lisithi, “Mavili!” 14  Nganye* yayinobuso obune. Ubuso bokuqala yayibobekherubhi, ubuso besibini ibobomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi.+ 15  Zaziye ziphakame iikherubhi (ezi yayizeza zidalwa ziphilayo ndandizibone* ngakumlambo iKebhare),+ 16  yaye xa iikherubhi zihamba, amavili ayehamba ecaleni kwazo; naxa iikherubhi ziphakamisa amaphiko azo ukuze zibe ngaphezu komhlaba, amavili ayengajiki okanye asuke ecaleni kwazo.+ 17  Xa zisima, ayesima; naxa ziphakama, ayephakama nazo, kuba umoya owawukwizidalwa eziphilayo* wawukuwo. 18  Emva koko uzuko lukaYehova+ lwasuka emgubasini wendlu, lwema entla kweekherubhi.+ 19  Ndathi ndisabukele, iikherubhi zaphakamisa amaphiko azo zaza zaphakama emhlabeni. Ngoxa zazihamba, amavili ayesecaleni kwazo. Zema ngasegeyithini yendlu kaYehova ngasempuma, yaye uzuko lukaThixo kaSirayeli lwaluphezu kwazo.+ 20  Ezi zizidalwa eziphilayo endandizibone* phantsi koThixo kaSirayeli ngakumlambo iKebhare,+ ndatsho ndazi ukuba ziikherubhi. 21  Zone zazinobuso obune, amaphiko amane, ibe zazinento efana nezandla zomntu phantsi kwamaphiko azo.+ 22  Ubuso bazo babufana nobuso endandibubone ngakumlambo iKebhare.+ Ngasinye sasisiya ngqo phambili.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “intloko.”
Oko kukuthi, kherubhi nganye.
Ngokoqobo, “esi yayisisidalwa esiphilayo endandisibone.”
Ngokoqobo, “umoya wesidalwa esiphilayo.”
Ngokoqobo, “Esi sisidalwa esiphilayo endandisibone.”